xhosa.3014.sangoma
NOKUBA kuthethwa ngezemidlalo, ezopolitiko okanye ezoshishino, ngoku kukhangelwa ngakumbi italente entsha elutsheni lona "lusenegazi elisaqhumayo" ukuze ikhuliswe. Ngoku kubonakala ngathi nezinyanya zizek' emzekweni.
Kwizinto ezenzekileyo ezizise utshintsho kunyango lwamayeza esintu enye yazo kukuba izinyanya zisuke zabatyumba beselula ababizelw' intwaso, kanye ngeli xesha besenodlamko, bemsulwa - kwaye besesesikolweni.
Kunjalo - sele emaninzi amagqirha athwasa eselula, esengabantwana besikolo.
Omnye weli qela osabele olu bizo nguLetsie Mohloai oneminyaka eli-16 ubudala.
Ukuba eli gama libuqheleka kuwe lifanele kuba lo ngunyana wowayesakuba yimbethi-manqindi eyayiyintshatsheli yewelterweight neyejunior middleweight kweli loMzantsi Afrika, uMorris "Yankee" Mohloai. Uzakumkhumbula uYankee, kuba wayengundaba -mlonyeni ngenxa yemilo yakhe kunye noMaxwell "Black Hero" Malinga, uDavid "Baby Lux" Khambule kunye noHarold "The Hammer" Volbrecht.
ULetsie ubengumfundi kaGrade 8 kwisikolo esikwinqanaba eliphezulu kumahlomela edolophu asemantla eRhawuti ukuyeka kwakhe isikolo kuba ezakuyokuthwasa emagqirheni aseSoweto.
Imibono
"Bekunzima kum egumbini lokufundela kuba bendisuka ndibe nemibono yamayeza - nezilo zasemanzini xa ndijonge ebhodini. Ndandimana ukutyhilelwa iimfihlelo neengxaki zabanye oogxa bam endifunda nabo," utsho.
Ngokulindelekileyo, wayesoyika ukuzixela izinto azibonileyo.
"Eyona nto yayisenza kubenzima, kukuba abaninzi babo yayingabelungu. Kodwa ke ngaphandle koko babebancinci ukuba bangayiqonda into enjalo."
Endaweni yokuxela okwenzekayo, ubecela ukuya ngasese rhoqo emva kombono. "Ndandizitshiza ngamanzi, ndihamba-hambe de ndizive ndibhetele. Noxa ndandizama kangangoko wawusiya ngokwehla umsebenzi wam wesikolo."
Ngaphandle kwamathandabuzo zazimkhathaza yaye zimoyikisa ezi "ziphazamiso" yiyo loo nto ke umsebenzi wakhe wesikolo wawuphazamiseka.
Amagubu
"Andothukanga mna xa ekugqibeleni ede walusabela ubizo. Ukusukela eseneminyaka emithandathu ubebetha amagubu ezintlombeni zamagqirha. Kanti phambi koko wayethanda ukuya kumzi wegqirha, yonke imihla xa evela esikolweni sabantwana abaselula.
"Sasike sacinga nokuba uphazamisekile engqondweni. Wayesoloko esiza neekati azichole endle ngamanye amaxesha asuke azilume. Wayezithanda nezinja kuba sasike simfumane elele endlwini yenja," utsho umsakwabo omdala, uMaletsielo
Ngenxa yokuxhalaba, usapho lwakwaMohloai lamthabatha uLetsie lwamsa eklinikhi. "Kodwa akuzange kuncede, wayechitha ixesha lakhe elininzi negqirha elingummelwane, apho wayebetha khona igubu ade ngamanye amaxesha afe isiqaqa."
Ngubani ke onokumangaliswa kukuba uyathwasa"
"Ndandisazi nangexesha ekwakufanele ukuba aluvume ubizo lwakhe. Okokuqala iinyosi zajikeleza phezulu kwentloko yam ixesha elimalunga nemizuzu eli-10 zingandilumi. Emva koko, ngenjikalanga yangaloo mini ndabona amahobe amathathu anemisila emhlophe ehlala phezulu kophahla lwendlu yasekhaya. Kwaba luphawu olwandityhilela ukuba uLetsie ngenene wayesikelelwe ngesiphiwo esivela koobawomkhulu."
Izifundo
Ekuqaleni uyise kaLetsie wayengazimiselanga "ukumkhulula" unyana wakhe. "Ndandifuna aqhubeke nezifundo zakhe. Kodwa ndathamba wakuba endilumkisile owakwam esithi kungenzeka siphinde siphulukane nomnye unyana kwakhona. Wakuthetha oku emva kokuba uLetsie waf' isiqaqa ekhitshini ezilungiselela ukutya sabe thina sibukele umabonakude kwigumbi lokuphumla ngobunye ubusuku."
Olu sapho lusazilele ukusweleka konyana walo ogama linguLehlohonolo, kwaye ke uMorris uthi wayezimisele ukwenza nantoni na ukusindisa ubomi bukaLetsie.
"Ngoko ke ndamvumela ukuba asiyeke isikolo. Ndaza ndaqiniseka ukuba ufumana olona nyango luphambili lokuba ligqirha nokuba ixabiso lingakanani na. Ubugqirha asiyonto intsha kweli khaya, nanjengoko u-anti wam wayeligqirha, kwaye ndiyavuya kuba ngoku uLetsie usempilweni."
Imimangaliso
Iziganeko ezimangalisayo zazisoloko zimlandela uLetsie nangaphambi kokuzalwa kwakhe.
"Ndandisithi ndiza kuphuncukelwa sisisu kwiintsuku zam zokuqala ndikhulelwe kuba ndandigula kakhulu. Igqirha landinika iyeza elandinceda ndakwazi ukunyamezel' ifuthe lezinyanya. Amagqirha nabathandazeli esabahambelayo bathi ndithwele inkwenkwe eza kuba ligqirha," utsho umama kaLetsie, uDorah
Phambi kokuba azalwe wayesele esazi ukuba unyana wakhe uzakuthiywa igama lenkosi yabeSuthu uLetsie, igqirha elikhulu. Umhlekazi lo walandulela eli ngonyaka ka-1910 kwaye umzimba wakhe wangcwatywa eliweni eLusuthu.
Ngenene unxulumano neliya lizwe lukhulu, nanjengoko eli gqirha litsha sele ligqibele libonisiwe.
Ubefanele ukuya eLusuthu ukuya kulanda umkhonto othile owodwa kunye netshoba eziza kukhusela usapho lwakwaMohloai.
ULetsie ukufezile oku kwaye ngoku sele evumelekile ukufunda amathambo, aqhubeke nangokunyanga. Asinguye yedwa igqirha eliselula.
Kwindlu yamagqirha enye kuphela sidibene namagqirha amane alulutsha, aphakathi kweminyaka eli-17 ukuya kuma-20.
Kwaye izinyanya zikrele-krele! Ziyixabisile imfundo kwaye zimvumele uLetsie ukuba aqhubeke nesikolo. [x]
BONA XHOSA - April 2008
IBALI LIBHALWE FORCE KHASHANE KUFOTE SIPHO MCHUNU
ULetsie ubulisa igqirha lakhe elikhulu elimthwasisayo, uNhlanhla Obed Ndlovu.
ULetsie ucel' amagqirha kunye nababukeli ukuba bamncedise acule.
Ukusabel' ubizo akunabudala nabuncinci
Nkqu nezinyanya ziyabona ukuba ulutsha lunako ukuzimela kuba luya ngokwanda ulutsha olungenwa yintwaso.
BONA XHOSA - April 2008
ABANTUBETHU
BONA XHOSA - April 2008
Usapho lwakwaMohloai - uMorris, Maletsielo, uMapuleng, uDorah noLetsie.
