xhosa.3013.teenoct
BONA - August 2005
Udushe alusosisombululo!
Izoluleko zikaFat Charlie
Makhe sincokole ngodushe...
SISENGABANTWANA sasigqwashula, sikhale, sikhabe kwanto ephambi kwethu ngenxa yomsindo wokungayinikwa into esiyifunayo ngoko nangoko! Ngelishwa mlisela nomthinjana wakowethu kusekho abantu abasayenzayo loo nto nangoku sebebadala - abo bantu ke benza umonakalo omkhulu ukanti nabantu bayabulawa.
Apha ke sithetha ngabantu abenza izenzo zodushe.
Ebomini awunakuthi akusokuze uyenze into, kwaye kulula nokubona izinto ezingakwenza ubhenele kudushe ukuzama ukuzikhusela.
Ngokomzekelo xa urhulumente wengcinezelo kaVerwoerd wayebetha ngeentonga edubula nangoombayimbayi abantu ababekhalaza ngoxolo, iANC neminye imibutho yagqiba ekubeni ibhenele "kumzabalazo wezigalo."
Into ebalulekileyo esifanele siyifunde kulo mzekelo kukuba udushe lufanele lube licebo lokugqibela esibhenela kulo.
Ngelishwa sizifumana siphila nabantu abazixelela ukuba udushe kuphela kwendlela yokufumana okufunayo. Bayalibala ukuba udushe lusenokugqibela lungasalawuleki.
Kunyanisiwe xa kusithiwa udushe aluzange lwaba sisisombululo. Kutheni kusitshiwo njalo" Kaloku udushe luba yinxalenye yengxaki - kwaye lubangela eziny' iingxaki...
Y IBA nomfanekiso woku... abasebenzi abaninzi abaphantsi kombutho othile wabasebenzi bavumelana ngokuba imivuzo yabo iphantsi, zize ziphanze iingxoxo zabo zokunyuselwa imivuzo nabaphathi benkampani, baze bagqibe ekubeni mabagwayimbe.
Ngaba oku kuvakala kuyinto oqhele ukuyibona" Kulungile ke... Makhe sithi izikhalazo zaba basebenzi zinesihlahla. Uninzi lwabo ngabo abondla iintsapho zabo, kodwa nangona bephangela kunzima ukondla iintsapho zabo ngemivuzo yabo.
Bafanele ukufun' uchatha wemivuzo ukanti nemithetho yeli iyabavumela ukuba bazise uluntu ngezikhalazo zabo ngokwenza imingcelele yoqhankqalazo, njalo-njalo.
Singacinga ukuba abo basebenzi babhetele kunathi kwaye abafanelanga ukugwayimba, kodwa sifanele silihloniphe ilungelo labo...
Kolunye ungcelele lokukhalaza kusuka udushe abaqhankqalazi bophule iifestile babe neempahla ezivenkileni - kuze kubetheke abantu abangenanto yakwenza neengxaki zabo basebenzi.
Kwenzeka ntoni ke emva koko" Ingxaki iyatshintsha.
Emva kolo dushe akusathethwa ngemivuzo ephantsi nangabantwana babasebenzi ababhuqwa yindlala, kuthethwa ngodushe nangokonakaliswa kwempahla.
Ngubani ke olahlekelwayo" Kuba ngabasebenzi abagxijwayo ngolo dushe! (Okumangalisayo kukuba uninzi lwabo basebenzi sukuba bengenasandla kolo dushe!)
Nanku omnye umzekelo. Undityala i-R500. Ndizokulanda loo mali ndifike ungenayo size sixambulisane de ndicaphuke ndonakalis' impahla yakho.
Uyandimangalela enkundleni. Ukuthi unetyala lam akuzithetheleli izenzo zam. Iimpahla endizonakalisileyo ziyi-R2 000. Xa sikhupha imali endandikuboleke yona ndishiyeka ndikutyal' i-R1 500!
Udushe lundifake ezingxakini ngakumbi kanti ibindim obeqaliwe!
UDUSHE ayikokubetha kuphela, kwaye ezinye iindidi zodushe zezona zingaba yingozi kakhulu. Ngokomzekelo ukubekela abantu izinto abangazifunda okanye bazibukele ludushe olo. Akukho rhulumente okanye naliphi na iqela elinelungelo lokuxelela abantu ukuba yintoni abangayifunda nabangayibukela.
"Yivaleni ingaboniswa!" batsho abantu kusakukhutshwa ifilim ethi The Da Vinci Code. "Isisenyeliso!"
Ngaba inkolo yabo ibuthathaka kangangokuba ayibavumeli ukuba babone iimbono ezahlukileyo kwezabo" Abazange banyanzelwe ukuba bayibukele loo filim, bangathini ukuthintela nabany' abantu ukuba bayibone!
Xa umzali engafuni abantwana bakhe baphulaphule ingoma ethile, nguye ofanele abaxelele oko, angalindeli ukuba urhulumente makayivale loo ngoma ukuze ingaviwa ngumntu wonke.
Mlisela nomthinjana wakowethu xa kufuneka usebenzise udushe - nokuba lolokubetha na okanye ukukhwaza nokuthukisa - ukuze uphelise impikiswano noxambuliswano nguwe olahlekelwayo!
Uyalahlekelwa kuba abantu abakumameli baze bacinge ngezenzo zakho.
Ulahlekelwa nangakumbi ke kuba xa umntu engavumelani nawe ngomba wepolitiki okanye owenkolo ukwenza ube nomsindo, yazi ukuba ziinkolelo zakho ezingalunganga.
Xa uyikholelwa ngenene into awuzikhathazi ngokuba abanye abantu bacinga ntoni okanye bona bakholelwa kwintoni.
I FANELE ingakukhathazi into yokuba omnye umntu engumKrestu, omnye engumMuslim omnye engumJuda, abe omnye enguBuddhist.
Kaloku abantu abakholelwa kudushe, ukwenza abantu bamkele iimbono zabo bathi "iziphumo zoko zenza kufaneleke abakwenzayo", kodwa bayaphosisa. Xa ufaka ityhefu kwinto eniza kuyitya nonke, nawe uza kubulawa yiloo tyhefu!
Indlela ozama ngayo ukufumana into yiyo evelisa isiphumo. Indlela oyifuna ngayo loo nto iya kuyitshintsha into oyifunayo.
Awunakuphosa umntu ngaphandle kuloliwe ohambayo kuba enxibe ijakhethi ongayithandiyo okanye kuba ethetha ulwimi ongaluvayo.
Masibe neqhayiya siphakamise umbhalo osifaneleyo omkhulu njengehlabathi othi: Phila uvumele nabany' abantu baphile. [x]
BONA XHOSA - October 2006
Olunye ulutsha olulwa iimfazwe. Maxa wambi siyanyanzeleka ukuba silwe kodwa udushe aluzi nasisombululo.
u
t
Izoluleko zikaFat Charlie
BONA XHOSA - October 2006
Cinga!
Ukukwazi ukucinga ngokuhlaba amadlala kokona kubalulekileyo. Kodwa oko awunakukufunda esikolweni kwaye kunzima ukukufunda.
Eyona ndlela yokukufunda kukuziqhelisa ngokusebenzisa ubuchopho nangokucinga!
Yiloo nto uFat Charlie enamaxesha okukucela ukuba ucinge ngemiba esikhe sijongane nayo - nokuba ukwibakala elingakanani lobudala.
Kunokwenzeka izinto uzibone ngeny' indlela obungakhange uyicinge. Phofu ke naxa ungavumelani noFat Charlie, noko akunangxaki. Eyona nto ibalulekileyo kukuba ungakholelwa yonk' into oyivayo - kwaye ungayikholelwa yonke noyibonayo - ngaphezulu kufuneka ucinge!
