xhosa.1478.siphokazi
NDIVULELWE linenekazi elinesiqwana nelithe ncothu egadeni nelinoncumo oluthandekayo xa bendinkqonkqoza. Lisamkele endlwini yalo lasibonisa indawo yokuhlala kwisitulo esinombala oqaqambileyo kwigumbi lalo lokuphumla.
Apha uSiphokazi uneefoto zoodadewabo, uThembi no-Asanda, kunye neyomntakwabo, u-Oyama. Eyona foto ikweyona ndawo ibonakalayo kwelo gumbi yemakhulu wakhe, kaloku uthi nguyena mntu abe nenxaxheba enkulu ebomini bakhe.
Phezulu kwekhawuntari kwigumbi lokuphekela kukho ukutya asilungisele kona.
Ungumntu onjalo kakade uSiphokazi - unobubele kwaye uyabazi abantu.
Akothusi ke oko. Ungomnye wabantu abanetalente nabadumileyo emculweni weli, kodwa le mvumi yaseLusikisiki eMpuma Koloni ayibulibalanga ubuntu eyabufunda kwidolophana yakowabo encinane.
Uyayithanda indawo yaseMidrand kuba uthi imnika uxolo nenzolo, ekuzizinto awayezixabisile eLusikisiki.
"Xa ndifika kwam ndivela kuyocula ndifuna ukuphumla.
"Ndavuya ukuyifumana kwam le ndawo kuba indinika ithuba lokuba ndibe ndedwa," utsho.
Elona gumbi alithandayo kule ndawo yakhe lelokulala.
"Ndiyalithanda igumbi lam lokulala. Kulapho ndizinzisa khona intloko yam ndiphumze umzimba wam nengqondo ngokulala nokufunda iincwadi ezikhuthaza umphefumlo."
Sisathetha ngenkuthazo njalo... Ngaphandle kukamakhulu wakhe, uSiphokazi uthi uBusi Mhlongo noSbongile Khumalo babe ngabacebisi bakhe ababalulekileyo.
"Loo manenekazi ayehlala nam phantsi andibalisele ngolwazi lwawo ngeshishini lomculo. Ndiluxabisile uncedo lwabo," utshilo encumile.
Xa lingekho seqongeni, okanye eshicilela, eli nenekazi eleza necwecwe lalo lokuqala elahlokomisa izihlwele, elithi Ubuntu Bam lithanda ukupheka - nokuthenga.
"Ndisoloko ndisenza iiresiphi ezitsha, kodwa andibaphekeli abantu ndingekakungcamli ngokwam."
Ukuzonwabisa ngokuthenga kona... "Ndisoloko ndifika ndiphethe into ebendingacebanga ukuyithenga. "Ndiyazithand' izihlangu! Nezinto zokwendlala ibhedi ezintle. Nezinye izinto nje zokwenza indlu ibentle..."
Kodwa mayizonwabise le nzwakazi, kuba nayo iseza konwabisa abantu ixesha elide elizayo... [x]
UBOMI BAKHO
Sindwendwele imvumi yodumo esele izizuzele iimbasa emculweni, inzwakwazi yaseLusikisiki, uSiphokazi... Kubhale uSteven Makhanya
Uyimvumi ngokuzalwa
(uthanda nokuthenga)
Xa isekhaya le mvumi ithanda ukupheka nokuphumla.
Igumbi lokulala lelona alithanda kakhulu uSiphokazi.
BONA XHOSA October 2008
