xhosa.3004.bee_NEW
Mabasiphe NATHI!
Usebenza nzima uzama ukuphumelela ebomini, emva koko kuthiwe kufuneka ubaphe imali abantu abangabusebenzeliyo ukuba zizinhanha. Phofu ke bakhona abakutshoyo oko... Kubhale uMbuyisi Mgibisa, kufote abakwaGallo
INGABA izinhanha ezintsundu zifanele ziwaphe imali amahlwempu antsundu? Ingaba oko kuthetha ukuba zinembopheleleko yokuthwala "abantu abangatyebanga njengabo"? UThabo Mbeki obengumongameli weli ubezigxeka kanobom izinhanha ezityebiswe yiBEE ezicinga ukuba impumelelo yomntu ifanele ibonwe ngokwemali anayo nezizama "ubutyebi nangaziphi na iindlela."
"Sifun' izinhanha ezikubuyisela ebantwini abangamahlwempu ezikuzuzileyo, hayi ezingoohlohlesakhe," utshilo uTrevor Manuel onguMphathiswa weMali kwintetho yakhe yakutshanje.
Ubuze neenjongo zezinhanha zokufuna ukuba nemali eninzi.
"Ingaba sifuna ibonwe ngantoni impumelelo yelizwe lethu? Ingaba
ifanele ibonwe ngokwezinhanha esizakhileyo okanye ngamathub' emisebenzi esiwavulele amahlwempu?"
UManuel uhambise wathi emva kweminyaka ephantse ibeli-15 yedemokhrasi uninzi lwabantu basaphila "ngamabona ndenzile" njengekwiminyaka yocalulo.
Ngokophando olwenziwe kutshanje, bangaphezulu kwezigidi ezi-4 abantu abangaphangeliyo ukanti uninzi luyincamile imisebenzi!
Kwelinye icala kukholelwa ukuba bangama-200 000 abantu abantsundu abazizinhanha eMzantsi Afrika kwaye i-60% yabo baneminyak' engaphantsi
kwama-45.
Isinhanha esinemigodi yezimbiwa, uPatrice Motsepe kuthiwa unobutyebi obuqikelelwa kwi-R19 yeebhiliyoni kwaye ukwindawo yesithathu kwizinhanha zeli, ukanti ungumdaka wokuqala oneebhiliyoni.
Wancedwa yimithetho yeBEE ekwakheni inkampani yakhe yakwaAfrican Rainbow Minerals exabisa i-$875-million.
Ngokoluhlu lwezinhanha luka-2007 lweSunday Times, uCyril Ramaphosa, uSaki Macozoma noTutukile Skweyiya oyinkosikazi kaZola Skweyiya onguMphathiswa weNtlalo-ntle banobutyebi obungaphezulu kwe-R100 lezigidi. Kusenjalo imali etyalwe nguTokyo Sexwale nenkampani yezimbiwa yeMvelaphanda ibekwa kwixabiso
le-R10,7 bhiliyoni.
URamaphosa wathi uza kuchitha imali engaphezulu kwe-R100 yezigidi ngaphambi kuka-2014 kumaphulo okuphuhlis' uluntu ngombutho weShanduka Foundation. Sele echithe i-R8 yezigidi kwimfundo ngeebhasari nenkqubo ye-Adopt-A-School Foundation, nasekuphuhliseni amashishini amancinane.
ISexwale Family Foundation ixhase ngemali abafundi abaliqela abagqibezela izifundo zabo zezidanga ukususela ngo-2001.
Ngo-2006 lo mbutho waphisa ngezitulo ezinamavili ezili-100 kwiphondo ngalinye leli ukuze zincede abantu abasweleyo.
Ingaba zenza ntoni eziny' izinhanha zeBEE? Ingaba zifanele ziphe imali amahlwempu? Ingaba zifanele "zibabe ngokutsha" ubutyebi bazo?
Umphengululi wezopolitiko nosomashishini, uMoeletsi Mbeki uthi oko akunakubuphelisa ubuhwempu.
"Ukwabiwa ngokutsha kobutyebi kuqhubela phambili ubuhlwempu kubangele neengxabano.
"Ndingomnye wabantu abayigxeka kanobom isaqala iBlack Economic
Empowerment kuba xa kusabiwa ubutyebi umntu uza kufumana malini?
Eyifumana kubani kona?
"I-BEE ixhamlisa abasemagunyeni kuphela,
kuthiwani ke ngamahlwempu?
Mna ndiyibona iyingxaki
kunokuba sisisombululo."
Kutheni ke kufuneka
abantu ababusebenzeleyo
ubutyebi babo
kufuneka babele
abantu abalinde
ukuphiwa?
Owayesisithethi
se-ANC, uSmuts
Ngonyama wathi
emva kokufumana
i-R50 yezigidi kwa
Telkom: "Andizange
ndizabalazele ukuba
lihlwempu." [x]
Izinhanha zeBEE
ayizizo kuphela
ezicinga ukuba imali
iyinto yonke - tyhila
kwiphepha lama-44
uve ukuba ulutsha
lwethu luzithanda
kanjani izinto
zexabiso...
IMALI
BONA XHOSA November 2008
