xhosa.2.left-handed
BONA - August 2005
UKUBA linxele kunamanqanaba ohlukeneyo, kodwa umntwana kuthiwa ulinxele xa ebhala ngenxele, esitya ngenxele naxa edlal' ibhola ngenxele. Uya kufumana ukuba uxubha ngenxele, ukama ngenxele, naxa ephakamis' isandla eklasini uphakamisa inxele. Xa ulinxele netelescope okanye ikhamera uyijonga ngeliso lasenxele, ukanti nefowuni uyibeka kwindlebe yasekhohlo.
Abany' abantu bayakwazi ukusebenzis' izandla zozibini yaye bona kuthiwa ngamaphatha.
Yintoni eyenza sizalwe singamanxele"
Nangona kwenziwe uphando olubanzi akakafumaneki unobangela wokuba i-15 phesenti yabantu bazalwe bengamanxele. Ukuba linxele kuyagqithiselwa kwizizukulwana kwaye amaxesh' amaninzi abazali ababini abangamanxele bangabazala abantwana abangamanene.
Nkqu namawele angazalwa elinye lilinxele elinye lilinene. Aphinda-phindwe kabini amadoda angamanxele kunamabhinqa angamanxele.
Abantwana abangamanxele bafanele bakhuthazwe ukuba basebenzise isandla sasekunene"
Ungaze ukwenze oko! Oko kuyafana nokumphatha gadalala umntwana wakho!
Okufanele kwaziwe ngabazali bomntwana olinxele
Abantwana abangamanxele badla ngokubonwa ngokungathi abazenzi ngendlela izinto kuba inkoliso yabantu ehlabathini bangamanene. Kubanzima nkqu nokwenz' into elula enxeleni njengokulola ipensile, isikere okanye imela evalwayo. Ukubopha imitya yezihlangu noothayi kufuneka kwenziwe umntwana ebukele ukuze afunde ukuba kwenziwa kanjani.
Okufanele kwaziwe ziititshala
Enye yeengxaki zomntu olinxele kukufund' ukubhala. Akwanelanga ukuvumela untwana olinxele abhale ngenxele, kufuneka afundiswe nendlela yokubhala. Bathand' ukuhlala umzimba wabo ujonge ngasekunene, nephepha ababhala kulo lijonga ngasekunene. Into yokubhala abayibeki kwindawo ayibeka kuyo umntwana olinene.
Kunzima ukusebenzisa isikere kumntwana olinxele kuba akawuboni umgca asika kuwo, nto leyo yenza kubenzima ukusika umgca olungeleleneyo. Isikere esenzelwe amanxele ungasithenga kwiivenkile ezithengisa izinto zokuthunga.
Kufuneka umfundise ukunitha ujonge ngakuye ukuze abone ukuba unitha kanjani. Abantwana abangamanxele bathunga besuka ngasekhohlo, ngoko ititshala elinene "ayinako ukumqalela". Noomatshini bokuthunga benzelwe abantu abangamanene.
Oomatshini abaninzi benzelwe amanene kwaye amaxesha amaninzi amaqhosha okubasebenzisa ayabasokolisa abantu abangamanxele.
Abazali neetitshala kufuneka bazazi iingxaki ezijongana nabantwana abangamanxele kwihlabathi elinabantu abaninzi abangamanene, kodwa akufanelanga kubakhathaze oko. Iindab' ezimnandi zezokuba abantwana abangamanxele bayakhawuleza ukufund' ukwenz' izinto ngenxele.[x]
BONA XHOSA - October 2006
AKUNANGXAKI ukuba linxele
Okufanele kwaziwe ziititshala nabazali
Awufanelanga umntwana olinxele umnyanzele ukuba asebenzise isandla sasekunene...
kubhale uLYDIA LUTHULI
kufote abeGREAT STOCK!
BONA - August 2005
