xhosa.2999.legless man
Ifike kwangoko iKrismesi kulo nyaka kwixhego elaphulukana nemilenze engozini yasemgodini laza lahlala iminyaka engama-37 lihamba ngezijungqe zemilenze...
kubhale uDAVID MACGREGOR
ifoto yeyakwa @LIVEWIRE MEDIA
Kungani kubalulekile ukuhlala ethembeni
Uyahamba kwakhona!
BONA XHOSA - December 2005
URAYMOND NAKO usayikhumbula indlela awayonwabe ngayo kwiminyaka engama-40 eyadlulayo mhla wayetyikitya isivumelwano sokusebenza emgodini wamalahle eNewcastle. Yayinqongophele imisebenzi kwiilali zaseMount Coke ngaseMonti yaye uRaymond naye njengamany' amadoda elali wayosebenza kude elubona ngeKrisimesi kuphela usapho lwakhe.
Kwakunzima ukusebenza iiyure ezili-12 ngemini, iintsuku ezintandathu ngeveki, kodwa kwakubhetele kuba wayefuman' umvuzo we-R3 ngenyanga akwazi ukondla usapho lwakhe.
Ubomi bukaRaymond baguquka bakrakra emva kokuphulukana nemilenze yakhe engozini yasemgodini ngo-1968...
"Ndandilityendyana elinama-25 elisaze ngobusw'elizweni. Ndanyathelwa ngumalayisha kwaza kwanyanzeleka ukuba ndinqunyulwe imilenze ukuze ndisinde."
Wayengakulindelanga ukuphila engenamilenze waza wahlala ithutyana esibhedlele ngaphambi kokuba athunyelwe ekhaya kusapho lwakhe olothukayo lwakumbona - wabuyekezwa nge-R969,36 waza wanikwa nemali engephi yomhlala-phantsi yeminyaka emithathu.
"Ndaya emigodini ndiyindoda ezihambelayo ndabuya sele ndikhasa okosana. Ndazama ukuziqhelisa ukuphila obu bomi butsha nangona nje kwakunzima kusapho lwam. Azange ndinikezele," utsho uRaymond.
Imali yakhe walungisa ngayo umzi wakhe waza waqalisa ukulima esitiyeni yonk' imihla.
Emva kweminyaka emithathu zabambi izinto. Umfazi kaRaymond wathatha konk' okwakhe nabantwana esakuba efumen' imali yakhe yokugqibela uRaymond ekwakuyi-R12 ngo-1971.
"Yaphel' imali yam kwaphela nosapho lwam," utshilo.
ABANTU abanqunyulwe imilenze babekade befakelwa imilenze eyogquma izijungqu kuphela bengafakelwa imilenze epheleleyo. Yakhawuleza yaguga ekaRaymond imilenze waza wayikhusela ngerabha yamavili emoto - wayisebenzisa iminyaka engama-37.
Kwakusebhetele ngoko kuba uRaymond wayesenawo umzi, isitiya nomakhulu wakhe owayengaphilanga.
Ngo-1984 wasweleka umakhulu wakhe wabe nomzi wakhe usiwa. Uhlale yedwa iminyaka engama-21 engafuni kulilahl' ithemba.
"Ndandiba nomnqweno wokuhamba ngemilenze ndithandazela nokuba kwenzeke umlingo ngaphambi kokuba ndife. Yiloo nto eyandenza ndaqhubeka nokuphila kule minyaka."
Ifezekile iminqweno yakhe emva kweminyaka engama-37. NgoAgasti walo nyaka untingiselwe eJoburg eya kufakelwa imilenze epheleleyo exabisa i-R110 000.
Wayesiya ecaweni qho ngeeCawa yaye uncedwe ngumrhamente othile owaxelela umsebenzi wakwaAmputee Club Of South Africa ngengxaki nosizi lukaRaymond.
LO MBUTHO ungekho phantsi korhulumente usungulwe kwiminyaka emithathu edlulileyo sele uncede abantu abanqunyulwe amalungu omzimba abangaphaya kwama-2 000 kuMazantsi eAfrika ngokunceda abantu basezilalini nabangafundanga bafake amabango emali kwiWorkers' Compensation, bafakelwe amalungu omzimba baze bafumane nenkam-nkam. Ezi nzame zalo mbutho zibuyisel' isidima ebantwini asele belahle ithemba.
URaymond watyelelwa nguCharl Beukes weAmputee Club ngoNovemba ka-2004.
"Wayesenalo ithemba noxa nje wayelahlwe lusapho lwakhe nomzi wakhe usiwa.
"Wayesebenzisa izandla zakhe nengqondo ezama ukuziphilisa ngokulima esitiyeni nangona nje ehlala kwindawo ehlelelekileyo," utshilo uBeukes.
Uhambe elalini yakhe enobude obungaphantsi kwemitha waza wabuya emva kweeveki ezimbini emde kwakhona enxibe neeteki.
Wathi xa esihla kwinqwelo-ntaka eMonti kwabe kukho abahlobo ababeze kuvuyisana naye waza waphakamisa iintonga awayehamba ngazo wathi ngochulumanco: "Ndimde, ndimnyama yaye ndimhle ngoku. Lelam ihlabathi."
NGETHUBA uRaymond engekho uBeukes waya kubathengisi bemihlaba nezindlu wabacela ukuba balungise indlu kaNako.
"Azange ndikholwe xa ndibon' umzi wam. Ndandisithi silahlekile! Ndingathi nje ndinendlu entsha nemilenze emitsha," utshilo.
Le milenze yenziwe ngetitanium waza uNako wakhetha "inyama" ethambileyo, emdaka eyogquma ngokunga ngumlenze wokwenene.
Emva kweminyaka emininzi elilolo uNako ukhangeleke evuyile xa ibhinqa elihle belimphulula le milenze yakhe mitsha. Bamsusile abanye kuba nabo befun' ukuyiphatha le milenze.
Ubulele kakhulu ngokufuman' imilenze emitsha waza wathi "ndinqwenela ukufumana umfazi kungekudala."
Uzibambe ngeenkophe iinyembezi ngethuba umntakwabo uMnyekeni ebuza esithi: "Ngulo Raymond simaziyo lo""
Nangona ekuqaleni wayekoyika ukuntinga ngenqwelo-moya uRaymond, wantingela eJoburg kwakhona - kweli tyeli wayesiya kunceda abanye abantu abanqunyulelwe amalungu ekwayobazisa ngeAmputee Club.
Ekuphela kwento ayikhumbulayo xa engekho ekhaya sisitiya sakhe.
Uthe ukulima yinto awayechitha ngayo isithukuthezi nendlela yokuziphilisa. Isitiya sakhe sinespinatshi, ibhitruthi, itswele, itshilisi namathanga.
"Ngoko ndazixelela ukuba ndibe nethamsanqa lokuba ndibe ndisaphila ndaza ndafunga ngelithi asoze ndizilambise njengoko ndisenazo izandla, umzimba ophilileyo nengqondo.
"Abantwana bam babengandikhathalelanga saza isitiya sam saba kuphela kosapho endinalo. Mhlawumbi naleyo into iza kutshintsha ngoku," uqwele ngelitshoyo.[x]
@LiveWire Media
EKHOHLO: Abahlobo bakaRaymond bebhiyozela ukubuya kwakhe. Omi naye nguCharl Beukes weAmputee Club.
EKUNENE: Imilenze emitsha ibuguqule ubomi bukaRaymond.
NGASENTLA: URaymond wayenje ngaphambi kokuba afumane uncedo - kodwa usasithanda isitiya sakhe nangona nje ubomi bakhe sele butshintshile.
BONA XHOSA - December 2005
u
BONA XHOSA - December 2005
t
"Andizange ndiwakholwe amehlo am."
NGASENTLA: Imilenze emitsha kaRaymond yenziwe ngetitanium eyogqunywe "ngenyama" emdaka - yaye amabhinqa ayakuthanda ukuyiphulula.
