xhosa.2991.sisstars
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
NDILIBHINQA elineminyaka engama-22 elithandana nendoda enama-29. Le ndoda ihlala nonina womntwana wayo, kodwa ithi ayisamthandi. Ayimgxothi endlwini yayo, kodwa ithi imkhulule ukuba angahamba nanini na xa ethanda.
Ingxaki yam kukuba oko sathandana nayo asilifumani ixesha elaneleyo lokuhlala nayo.
Ngoku ithi ifun' ukunditshata; kodwa akukabikho ngxoxo phakathi kweentsapho zethu. Nokutshata nayo ndikubona kuza kuba yingxaki kuba unina womntwana wayo unamaxesha okundifowunela andityabeke ngezithuko.
Ndinayo eny' indoda endincuma nayo, kodwa yona andiyithandi njengale. Ndicel' icebiso lakho.
Igama akalitshongo
Uvakala ngathi kwawena uyaluthandabuza olu thando lwenu xa usithi nokutshata ukubona kungasiyiyo into entle.
Uyayithemba yona into etshiwo yile ndoda ngothando lwayo nonina womntwana? Ukungabi naxesha kwayo lokuhlala nawe kundenza ndingayithembi into yokuba ayisamthandi nyhani.
Kwakhona uthi unaye omnye umntu oncuma naye; ngoku ngathi imeko yenu iyafana. Ngathi kubhetele wohlukane nale ndoda, ujongane nale yesibini unayo uze uzame nokuphucula indlela oyithanda ngayo.
Khumbula nokuba kuyingozi ukuthandana nabantu abaninzi. Ukuba uyazihlonipha ubumel' ukuba uyayazi loo nto?
Awunako nokufumana uthando lokwenene xa uncuma namadoda amaninzi. Oko kuya kukwenza udume kakubi namadoda alungileyo angabi namdla kuwe.
Kuninzi okwenzeka ebomini bakho! Khawubuqwalasele ngokutsha ke sisi, uzixelele nokuba ufuna okubhetele!
Utata ongenabubele
Ndilizibulo ekhaya kwaye sihlala nomama nabantwana basekhaya. Utata wasishiya siselula, sakhuliswa yaye safundiswa ngumama. Abazali bakatata bamnceda watshata omnye umfazi. Ngoku thina akasihoyanga, abona bantwana bakhe ngabazalwa yile nkosikazi anayo. Simthini utata ongenabubele njengaye?
nguMK, eBarkly East
Andiboni unento ongayenza. Nangona imbi into eyenziwa ngutata wakho, andimboni eguquka; ngoko kubhetele ulibale ngaye. Isifundo omawusifunde kuye kukuqinisekisa ukuba awufani naye wakuba nabakho abantwana.
Umama wenu uwe evuka enikhulisa, kwaye yeyona nto ufanele ubeneqhayiya ngayo.
Ibuhlungu indibano yesondo
Ndilibhinqa elinama-22 eminyaka yaye ndineenyanga ezimbalwa ndithandana nomfana othile. Ndibe nendibano yesondo naye ndaza ndanesifo esisulelwa ngesondo. Umongikazi waseklinikhi wathi mandenze uvavanyo lweHIV, iziphumo zathi ndinayo. Ndamcaphukela lo mfana ngaloo nto kuba wathi kum uphilile, saza sohlukana.
Ngoku ndithandana nomny' umfana. Ndimxelele yonk' into ngam lo mfana mtsha.
Yena ufuna sisebenzise ikhondom rhoqo xa sinendibano yesondo. Andinangxaki nokusebenzis' ikhondom, qha ndiva ubuhlungu xa ndinendibano yesondo.
Ngoku andikuthandi ukuba nendibano yesondo kuba andilonwabeli. Ndiyithini le ngxaki?
nguPrecious, ePietermaritzburg
Kufuneka uxilongwe ngugqirha ukuze afumane isifo esibangela ingxaki yakho.
Kwakhona kufuneka ukhululeke xa unendibano yesondo kuba xa ungakhululekanga ibabuhlungu. Mhlawumbi kuyakukhathaza ukuba neHIV kwakho, ngoko kukwenza ungakhululeki.
Kona sukuba unayo inkanuko yesondo xa ulala nomfana oncuma naye? Kaloku xa ungenayo indibano yesondo ibabuhlungu nokuba ufake ikhondom.
Nobabini nivakala ningabantu abanenkathalo - ngoko mxelele ngengxaki yakho. Ndiyakuncoma ngokuba nesibindi sokumxelela ukuba uneHIV, ngoko ningayeki ukuthetha ngezinto zesondo!
Fundani okunivusela inkanuko yesondo nobabini. Oko kuya kulenza luqilima uthando lwenu.
Umtshato uqhawukile
Besineminyak' eli-10 sithandana noyise womntwana wam oneminyak' esibhozo. Ebekho amahla-ndinyuka eluthandweni lwethu, kodwa besithandana yaye sihloniphana.
Ethubeni sigqibe ekubeni sitshate - yaza yaqala apho ke inkathazo. Besixabana yonk' imihla, waza ngeny' imini wandibetha wandigxotha ezinzulwini zobusuku. Ndalala phandle kuba ndandingenandawo ndingaya kuyo. Wandigxotha nasekuseni esithi akafuni nokundibona, watsho nokuba uphelile umtshato wethu. Ndibuhlungu yile nto, kodwa ndifuna ukuyiphosa kwelokulibala.
nguTVG, eDespatch
Ndibuhlungu ngokufeketha ngeminyaka eli-10 yobomi bakho, kodwa ke isisila senkuku sibonwa mhla ligquthayo.
Yinto eqhelekileyo ukuva ubuhlungu emva kokuhlelwa yinto embi ngolu hlobo, kodwa okuhle kukuba uthi ufuna ukuyiphosa kwelokulibala, uze ubheke phambili nobomi.
Kodwa ke ukohlukana kwenu akuthethi kuthi makangamondli umntwana. Leyo yimbophelelelo esemthethweni amele ayithwale.
Ndiyivumele eny' indoda kwam?
Ndiyindoda eneminyaka engama-38 yaye ndatshata kwiminyaka eli-12 edlulileyo. Wayeka ukuhlala nam umkam sinabantwan' ababini kodwa ndibondla. Ndabanjwa ngo-2004 ndatsala isigwebo entolongweni. Ndiqhagamshelane nomkam, ndacela sibuyelane njengokuba sendiza kuphum' entolongweni. Undityelele nabantwana bam, wathi uyandixolela.
Ingxaki ngoku unomntwana weny' indoda. Ndiyamkele into yokuba kuza kuba kufika eny' indoda emzini wam ize kubon' umntwana wayo? Wamfumana lo mntwana xa besingahlali kunye, kodwa sisatshatile.
nguJJ, eMiddelburg
Umkakho ukuxolele yaye uzimisele ukuba nithabathise kwakhona eluthandweni lwenu. Ingaba oko akubalulekanga ngaphezu kwendoda eza kuman' isiza kubon' umntwana?
Xa kukukhathaza oku, thetha ngako nomkakho. Mhlawumbi ningavumelana ngokuba ibengumntwana otyelel' uyise! Okwenzekileyo kuphose kwelokulibala yaye uthethe nomkakho! Ukhumbule nokuba kukho nomntwana kule nto.
Le ngxaki ayenziwanga ngumntwana. Ngoko mthande umamkele njengowakho. [x]
BUZ' USIS SARAH
NDIKHETHE
eyiphi indoda?
USis Sarah
ukho ukuze
aphendule
imibuzo
yakho, ngethemba lokuba uza kuphilisa iintliziyo ezaphu-kileyo
Mbhalele kule dilesi:
Ask Sis Sarah,
Box 32083, Mobeni
4060.
Qaphela:
USis Sarah
akwazi
ukukucebisa ngeengxaki
zempilo.
indwalutho yale nyanga
Usomashishini
(wazalwa ngomhla wama-28 Jan 1962)
Le ndedeba inemigodi yezimbiwa nengumnini weSundowns ingalindela unyaka omhle ozayo. Yena nabany' abantu abenenkwenkwezi yakhe bangalindela ukuba izinto zibahambele kakuhle emsebenzini nakumashishini. Baza kuba sempilweni xa besitya ngokufanelekileyo.
IINKWENKWEZI
Uthando lwenu luza kwanelisa xa uthembekile. Ukufumana kulula ukuvelisa iimvakalelo zakho kwaye ufanele ulindele intsabelo entle ebantwini abakufutshane nawe.
Ukufuna ulonwabo kuvuselele uthando lwakho kwakhona. Jonga iimvakalelo zakho ukuze ukwazi ukwenza izinto ezifanelekileyo. Bonisa isithandwa sakho ukuba uyaluthanda ulonwabo.
Niyevana nesithandwa sakho, nto leyo ithetha ukuba uthando lwenu luza komelela. Ukuba awutshatanga, wavule amehlo - kule nyanga ungazifumanela umntu omthandayo.
Niza kukonwabela ukubaliselana ngeenkumbulo ezimnandi neqabane lakho. Xa ungenamntu uncuma naye, makhulu amathuba okumfumana.
Qinisekisa ukuba uzenza mhle kangangoko unako. Bonisa ukuba ungumntu ohlekisayo. Kukho izinto eziza kwenza uthando lwenu luqine - okanye zikuncede ufumane uthando olutsha.
Yonwabisa abantu obathandayo ngokuba nobubele nokubapha izinto nangokuba novelwano kwizenzo zakho. Uza kuba nexesha elimnandi kwezothando - lonwabele!
Eli lixesha lothando nelokuthandwa xa unomntu oncuma naye. Xa ungenamntu uthandana naye, kuza kubakho umntu onomtsalane obonisa umdla kuwe. Jonga iimpawu!
Isithandwa sakho siyayithanda indlela ozithanda ngayo izinto zolonwabo. Ubomi bumnandi kwaye buyathembisa xa ungenaqabane - tyhileka kuba iminqweno yakho iza kuzaliseka.
Ukuba ndawonye kubalula yaye kumnandi. Xa ungatshatanga, phuma wenze ngokuthe kratya. Uza kubanomtsalane ebantwini abatsha xa uphucula inkangeleko yakho.
Eli kungalixesha elikhethekileyo kuwe xa unothando nokhawulezayo ukuqonda. Xa ungenasithandwa uza kufuman' ithuba lothando olutsha oluza kuguqul' ubomi bakho.
Imibono emihle iza kuphucula uthando lwakho. Zama ukutyhileka nokuba novelwano. Yiba nenkathalo ukuze uxatyiswe ngabo ubakhathaleleyo.
Uza konwaba eluthandweni lwenu xa uziphulaphula izinto ezithandwa nezifunwa sisithandwa sakho. Thethani ngezinto - uzame nokuba sisithandwa esikwaziyo ukuyila engqondweni.
IINKWENKWEZI ZAKHO
