xhosa.2984.yourfamily_parenting
KHUSELEKANI KWELI HLOBO
Ulonwabo lokuqubha malungabi yintlekele kweli xesha leeholide
UMNTWANA angatshona emanzini ngexeshana elingaphantsi kwemizuzu emibini, kwaye ukutshona emanzini yinto yesibini ebulala abantwana abaninzi abaneminyaka engaphantsi
kwe-14. Ixesha leeholide ke lifuna abazali basoloko bebagadile abantwana kuba lixesha abantu abathanda ngalo ukuqubha emachibini naselwandle.
Bafundise abantwana abasele bethe dlundlu ngeengozi zamanzi. Baxelele imithetho nendlela abafanele baziphathe ngayo xa bekufutshane namanzi.
Nanga amacebiso angakunceda uqinisekise ukhuseleko lwabo.
Xa nisechibini lokuqubha
Ungabavumeli abantwana baqubhe bodwa.
Mabangabaleki kufutshane nechibi lokuqubha. Bangatyibilika batshone echibini.
Mabangaziphosi okanye batyhilizelane emanzini. Kunokwenzeka ichibi alinzulwanga baze babetheke kumphantsi walo, ingakumbi xa beziphosa ngentloko.
Mabangatyi itshungama okanye into etyiwayo bequbha kuba bangarhaxwa ngamanzi.
Mabadlale ngezinto ezithile zokudlala okanye ezokudada emanzini xa bekwibakala elifanelekileyo lobudala.
Xa niselwandle
Mabangaqubhi bodwa, nkqu nokuba bayakwazi ukuqubha.
Mabaqubhe apho kukho abahlanguli.
Nangona kumnandi ukuziphumlela elwandle babe abantwana bequbha, ungathembi izinto zokudada ukuba ziya kubagcina bekhuselekile.
Mabanxibe iimpahla eziqaqambileyo abantwana ukuze ubabone lula.
Ungaseli utywala useza kuqubha. Kulula ukungamilisel' ingqondo xa uqubha unxilile.
Phathani izinto zeplastikhi elwandle njengezitya, iikomityi neebhotile, kuba ezeglasi zingophuka zize zibeyingozi.
Xelel' abantwana ukuba mabakubize okanye bakukhwebe ngesandla xa besengxakini.
Bangadlali kudonga lwentlabathi yolwandle kuba ingadilika.
Iipaki zamanzi (Ezi zindawo ezineendawo zokutyibilika emanzini, amachibi okuqubha anamaza nemithombo yamanzi.)
Xa umntwana wakho engakwazi ukuqubha, mnxibise ijakhethi yokudada.
Qinisekisa ukuba abantwana bakho bayazi ukuba bafanele bathini ngaphambi kokukhwela kwinto ehamba emanzini.
Mabathobele zonke iimpawu ngaphambi kokuba bakhwele into ehamba emanzini.
Bakhumbuze ukuba baza kwenzakala xa bengayithobeli imithetho.
Imilambo namachibi
Abantwana basezilalini basakuthanda ukuqubha emilanjeni. Ungabavumeli baqubhe bodwa kungekho mntu umdala.
Kunzima ukubon' izinto ezingaphantsi kwamanzi. Kunokwenzeka kubekho amatye abukhali okanye iingceba zeglasi. Khumbuz' abantwana ukuba balumke xa bequbha.
Baxelele nangokhula okanye ingca abanokubambeka kuyo ngaphantsi kwamanzi. Xa bebambeke kuloo ngca mabazikhulule kakuhle, bangangxami. [x]
Siyifumene ku: www.olympicswimschool.co.za
Umbhali: Kamogelo Sebola
IINGCEBISO ZOBUZALI
Ungaba-vumeli aba-ntwana baqubhe bodwa
