xhosa.2973.yourlifeguide_motivation
Tshintsh' ingqondo yakho!
Okucingayo kuko okulawula okwenzeka ebomini bakho -
ngoko tshintsh' ingqondo yakho, cinga okuhle uza kuzibona ngokukhawuleza iziphumo zekamva elihle neliqaqambileyo
INDODA esisilumko yake yathi ngenye imini, "ukuba kukho into omana uyicinga, ekugqibeleni uza kude udibane nayo endleleni yakho". Iingcinga zakho zizo ezilawula okwenzeka ebomini bakho. Kunganzima ukuyikholelwa le nto, kodwa yinyaniso. Ingxaki kukuba uninzi lwethu sicinga okubi.
Oku kuthetha ukuthi: iingcinga zethu zisoloko zimbi.
Ingqondo asinike yona uThixo inegumbi eligcina iinkumbulo nemibono. Iinkumbulo zigcinelwe ukuze zikuphindele okwenzekayo, ngelixa imibono isetyenziselwa "ukubona" ingomso.
Inyaniso kukuba yonke into esiyibonayo ngalo mzuzu ziziphumo zemibono yomntu.
Abanye abantu imibono yabo bayisebenzisela ukuzenzela ubutyebi ebomini babo benze nemisebenzi emihle eluntwini, ngelixa abanye benemibono yendlala nelahleko baze bagqibele bekwimeko ebebeyilindele ngenene.
Wonk' umntu uyinto ayicingayo. Wonk' umntu ophumeleleyo ndiyazi ukuba uzixelela ukuba uza kuphumelela ebomini.
Bazakhela umfanekiso wezinto abafuna ukuba zizo kuze kuthi ekuhambeni kwexesha, ikamva labo lijike libeyilento bebeyicinga ngaphakathi.
Ndiyazi ukuba wonk' umntu ongenampumelelo naye unombono, kodwa ngumfanekiso ongenampumelelo, onentlupheko nelahleko.
Yiba neengcinga ezintle ezinempumelelo iya kutsho ingqondo yakho ikwazi ukufumana izisombululo zemiceli-mngeni ojongene nayo ikukhokelele kuloo ndawo unqwenela ukuba kuyo.
Ukuba iingcinga zakho zimbi, unganazo zonke izinto ezingakunceda uphumelele kodwa zingasebenzi.
Yeka iingcinga eziza kukweyelisela ngakumbi. Zinzisa ingqondo yakho kwizinto ezintle kuphela. Musa ukumosha ngengqondo nexesha lakho ucinga ngezinto ezingendawo ezikungqongileyo okanye ukhumbula izinto ezimbi ozenziwe ngabantu. (Kholwa xa ndisithi, wonke ubani uke wangcatshwa ngaphambili.)
Ukuba ubona intlungu yodwa kwingomso lakho, zikhumbuze ukuba intlungu inenzuzo.
Umehluko phakathi kwabantu abaphumeleleyo nabangenjalo yindlela abacinga ngayo nabasebenzisa ngayo ulwazi.
Umntu oneengcinga ezintle uwubona umqobo endleleni yakhe njengethuba lokonyuka komvuzo wakhe. Kaloku ebomini ngokuya iingxaki zisiba nkulu ngokunjalo nomvuzo.
Oneengcinga ezingenathemba uzibona iingxaki njengecebo lokuncama.
Abanye abantu bazama ukwenza izinto ezinkulu kodwa emva kokudibana neengxaki, bancame ngokwasengqondweni, baqale bangahoyi, bagqibele ngokuyiyeka mpela.
Eyona nto ibalulekileyo ayizozinto ezenzeka ebomini bethu - kodwa yindlela esizitolika ngayo thina nendlela esikhetha ngayo izinto emazihlale ezingqondweni.
Isiganeko esinye singenza omnye umntu abenoxinzelelo lwengqondo kanti komnye uxolo nethemba. Kuxhomekeka ukuba ucinga njani ngaloo "ngxaki''.
Lixesha lokwenza ingqondo yakho ikusebenzele. Yenza oko ngala manyathelo mahlanu:
1 YEKA UKUTHETHA! Zinike ixesha lokuba wedwa, ucinge!
2 UNGAGCINI IZIGQIBO ZAKHO EZIBUBUDENGE. Musa ukuzibethelela engqondweni iinkumbulo zezi ngcinga, kuba uzivisa ubuhlungu obuphindiweyo.
3 YIPHUPHE! Zakhele umfanekiso - ngqondweni uzibone usisityebi kwaye wonwabile.
4 KWAZI OMELe UKWENZe. Zibuze ukuba uzimisele kangakanani ukuzenza wonwabe ngenene. (Ukhumbule ukuba awonwabanga ngokwenene ukuba ulonwabo lwakho luxhomekeke kokwenziwa ngabanye abantu).
5 YENZA INGQONDO YAKHO IBENGUMHLOBO, HAYI UTSHABA. Kukho izinto omel' ukuzilibala nekufanele usoloko uzikhumbula. Xa ukwazi ukuzohlula ezi zinto uyonwaba waneliseke ebomini.
Unako ukuyoyisa imeko okuyo. Ungayoyisa intlupheko nokungaphumeleli, ukuphoxeka nokukhathazeka.
Umehluko phakathi koku-dakumba nolonwabo, ukuzithemba nokuziva umncinane, ziingcinga.
Ngoko zincede, tshintsha ingqondo yakho! [x]
Iingcinga ezimbi zikho-kelela ekubeni ungaphu-meleli nokuba usisi tyebi sehlabathi
INKUTHAZO
Umfundisi George
