xhosa.2967.school
Ngaba yintombi yakho elandelayo"
Ncedani iintombi zenu zingoyiki ukuya esikolweni kulo nyaka ngokuthi nilwe nentlungu yokudlwengulwa ezikolweni abafunda kuzo
kubhale uPATRICIA McCRACKEN kufote abeGREAT STOCK!
Udlwengulo ezikolweni...
ABAFUNDI abangamantombazana noonina bazele uloyiko njengoko izikolo zivuliwe eMzantsi Afrika. Abayonwabelanga iholide kuphela koko bonwabele ukuphumla kwimpatho gadalala ngokwesondo abayifumanayo babe bengakwazi ukuzilwela.
"Azange ndiye esikolweni inyanga yonke emva kokuba ndisixelile isenzo esikumila kunje," kutsho elinye ixhoba elineminyaka eli-15 elaphathwa gadalala ngokwesondo ngutitshala walo esikolweni lixelela iHuman Rights Watch. "Yonk' into esikolweni nkqu nokunxib' iyunifom kundikhumbuza eso sehlo.
"Ndinamaphupha amabi apho ndiphupha lo titshala eseklasini endihleka.
"Maxa wambi ndiye ndigqithe ngaseklasini awayehlala kuyo. Ndiba noloyiko kube ngathi usekho apho ngaphakathi kuyo."
Kube nzima kule ntombazana ukulibala ngesehlo esayehlelayo - kodwa amanye awaphunculi njengoko abazali bawo bencedisana nabadlwenguli bawo.
"Utitshala uqala amxhase kakhulu umntwana, amkhathalele ngokukodwa," utsho utitshalakazi waseJoburg, uNonhlanhla Maboa exelela iHuman Rights Watch.
"Utitshala uye amph' imali yokutheng' ukutya neempahla umntwana. Abany' abazali bayabakhuthaza abantwana babo ukuba bathandane nootitshala ukuze baxhamle kwezi ziyolo.
"Ootitshala badlala ngabantwana kuba beswele yaye bebahlonela."
Abazali abawukhuthazayo lo mkhwa bathengisa ngemizimba yabantwana babo, ngokutsho kukaNjingalwazi Lebo Moletsane olisekela-ngqonyela kwezemfundo eUniversity of KwaZulu-Natal.
Eny' indlela ethengiswa ngayo imizimba yamantombazana kukuvumela ootitshala ukuba bawahlawule.
"Akuzozisombululo ezi. Ezi zidlwengu zithembisa ukuhlawula kodwa zingahlawuli," utsho uXoliswa Keke wakwaChildline.
"Xa zihlawule ezi zidlwengu bayonwaba abazali kodwa umntwana yena uyangcungcutheka. Akayinikwa intlawulo yaye akasiwa nakwiingcali zengqondo ukuya kucetyiswa, anyangwe umphefumlo ongxwelerhekileyo. Isidlwengu sona siyaqhubeka nokudlwengula kuba siza kuhlawula."
Ingqonyela yakwaChildline uJoan van Niekerk uthi umntu lowo ochophele umcimbi wentlawulo uyazithathela enye - kungaba yinqununu, omny' utitshala, inkosi okanye ipolisa. Bona balwela into yokokuba kungayiwa enkundleni.
IHuman Rights Watch ithi kunxamnye nomthetho ukuhlawulisa umntu odlwengule umntwana ongaphantsi kwe-16 leminyaka ngokweSexual Offences Act ka-1957.
Ukukhusela isidlwengu
UNjingalwazi Moletsane uthi ootitshala bayakhuselana.
"Kukho izenzo zodlwengulo ezenzeka kwesiny' isikolo baza ootitshala bangazixeli kwinqununu kuba besoyik' ukuba iza kuxelel' amapolisa aze aphulukane nomsebenzi utitshala ochaphazelekayo. Bathi wondla usapho olunamalungu angama-30 yaye xa ephelelwa ngumsebenzi bangatya ntoni aba bantu"
"Bathetha naso isidlwengu sibe siqhubeka nokudlwengula abany' abantwana lo gama ixhoba laso limbona yonk' imihla," utshilo.
Kwiminyak'emihlanu edlulileyo iHuman Rights Watch yakhupha ingxelo eyothusayo ethi Scared at School kodwa amantombazana asesesichengeni sokukhulelwa engakucebelanga okanye osulelwe yiHIV/AIDS endaweni yokuba afunde ngokukhuselekileyo ukuze abe nekamva eliqaqambileyo."
"Asilazi inani lamantombazana achaphazelekayo kuba ambalwa akuxelayo ukudlwengulwa. Abantu bayoyika kakhulu," utsho uNjingalwazi Moletsane.
"Ootitshala abangamadoda nabafundi abangamakhwenkwe bagrogrisa abafundi, ootitshala neenqununu ezibhinqileyo kuba befun' ukulawula," wongeze ngelo uGqr. Heather Brookes othathe inxaxheba kwiSexual Abuse Of Young Children In Southern Africa yeHuman Sciences Research Council.
Ibhinqa elinye kwamathathu eladlwengulwa lisafunda lithi ladlwengulwa ngutitshala walo - linqanaba eliphezulu kunamanye.
Zithi iingcali kuya kuba kubi.
Ayizotitshala zodwa
"Ungalibali ukuba kungenzeka ukuba umntwana wakho uphethwe gadalala ngomny' umfundi. Amantombazana aseMzantsi Afrika aphathwa gadalala ngokwesondo ngomnye okanye ngabany' abafundi kunootitshala," utsho uErika George weHuman Rights Watch.
Bayenza loo nto kuba beyibone isenziwa ngootitshala abangamadoda kumaxhoba abo.
UGqr. Brookes uthi, "Sifumanise ukuba ukuphathwa gadalala okufana nokugrogriswa, ukuphatha-phathwa nokuphuzwa kuqala xa bekuGrade 3 naku-4. Maxa wambi ootitshala baye bathi amakhwenkwe ayazidlalela bangahoyi," utsho uGqr Brookes.
"Abany' abafundi nootitshala bathi ukudlwengulwa sisohlwayo sokungamvumi lowo ofun' ukuthandana nawe okanye xa udlwengulwe ngabahlobo bomntu oncuma naye kungenxa yokuba unganyanisekanga kuye.
Esikolweni kulapho abantwana kufuneka bonwabe, bakhuseleke, bazixhobisel' ikamva.
Intlungu yokudlwengulwa
Zininzi iintombi zethu ezisafumana kunzima ukumilisel' ingqondo ezifundweni okanye eziyek' isikolo ngenxa yokuphathwa gadalala ngokwesondo esikolweni.
Umthetho wokugxothwa kootitshala abaphatha gadalala abafundi ngokwesondo waphunyezwa ngo-1997 kodwa kusagxothwe ama-50 kuphela kwiminyaka ephantse ibe li-10.
Kunzima ukuwuphelisa lo mkhwa wootitshala abadlala ngabafundi xa singawuhoyi thina kuqala.
Kuyithabathe iinyanga ezintathu iBONA ukufuman' impendulo yengxelo-mvavanyo yezehlo zodlwengulo olwenzeka ezikolweni kumasebe emfundo amaphondo olithoba. Impendulo siyifumene kwiphondo elinye kuphela laKwaZulu-Natal de salishicilela eli nqaku.
Akumothusi ukungafumani mpendulo uNjingalwazi Moletsane. "Umthetho ukho koko ufuna nje ukuqiniswa ngokukuko. ISebe leMfundo kufuneka lizimisele ekuthatheni amanyathelo angawo kwabo badlwengulayo.
"Ukuxel' udlwengulo ezikolweni lucelo-mngeni ekufuneka sizame iindlela zokulwenza lube lula. Kufuneka sifun' iindlela ezizizo zokuxhasa amantombazana akuxelileyo ukudlwengulwa kuba abaphantsi koxinzelelo olumandla lokuwacima amatyala okanye athenjiswe ngemali kungenjalo agrogriswe ngokubulawa.
"Kufuneka kuqinisekiswe ukuba ityala asoze licinywe nkqu nokuba angafa ummangali.
"Kufuneka sikhumbuze wonk' umntu ukuba ukudlwengula lulwaphulo-mthetho. Izikolo ke ngoko zinembopheleko yokuzixel' izenzo zodlwengulo emapoliseni - xa zingazixeli kufuneka zazi ukuba ziza kufuman' isohlwayo."
Xa ungakuxeli ukudlwengulwa ube unolwazi ngako ubekw' isityholo sokuncedisana nesidlwengu, kutsho uLucy Jamieson weUniversity of Cape Town Children's Institute, kwaye noMthetho waBantwana omtsha uza kuqiniswa kakhulu usakusebenza ngokupheleleyo ngo-2007.
Singazinceda njani iintombi zethu
Ungathini xa intombi yakho ifika isithi idlwengulwe esikolweni" Ungaziva njani xa kanti ubunalo urhano lokuba into enjalo yenzekile kodwa wathula kuba usoyika" Ungakwazi ukuyithethela"
Funda kangangoko unako ukuze ukwazi ukumnced' umntwana wakho xa evelelwa sesi sehlo. Cinga ngendlela abazibona ngayo izinto esikolweni sakhe...
Phambi kokuvalwa kwezikolo ngo-2005 kuvele iindaba ezothus' uMzantsi Afrika zokuba esikolweni esiseThokoza kwadlwengulwa amantombazana angama-52 afunda kumabanga aphantsi kwiminyaka nje emithathu.
Le nto ivele ngenxa yokuba inqununu yaseTshwaragano Primary uMmathoto Tlou engazange ayifihl' inyaniso. Babiza isithethi sakwaChildline namapolisa asEkurhuleni saza sabamba indibano yengxaki yodlwengulo lwabantwana emva kokuba kwakudlwengulwe abantwana abali-15.
Kukule ndibano apho abantwana abangama-37 bafuman' isibindi sokuxela ukuba nabo badlwengulwa.
"Kuphando lwethu sifumanise ukuba izikolo ezingenazenzo zokuphathwa gadalala kwamantombazana zizikolo ezingqingqwa kakhulu kubaphuli-mthetho, ezibajonge ngeliso elibukhali abafundi, ezilandela imithetho ngokukuko nezigxininisa ukuhloniphana kwabantu. Into entle ke kukuba kwizifundo zezi zikolo azikho ezesini nezobundlobongela obenziwa kwisini esithile," utsho uGqr Brookes.
Ngaba isikolo somntwana wakho siyakuxhasa ukuhloniphana kwezini" Xa kungenjalo dibana nabany' abazali niwuveze lo mba kwibhunga elilawulayo esikolweni.
Bakhumbuze ukuba likamva lomntwana wakho eli ngoko kufuneka likhuseleke - kwanokuba umthetho ungecala lakho ngoko ke mawuqiniswe.
Umbandakanye norhulumente. Kaloku iimali zezikolo ziphuma kwirhafu yethu. Qiniseka ukuba wonk' umntu obandakanyekayo wenz' umsebenzi wakhe. Xa ungayithandio indlela ezenziwa ngayo izinto yisa isikhalazo sakho kuMphathiswa wePhondo weMfundo kuze kuthi xa ungoneliseki usigqithisele kuMphathiswa weMfundo kuzwelonke.
Jonga iindibano zoluntu lwamaphondo kwinxalenye yesibini yoMthetho waBantwana eziza kubakho kwiinyanga ezimbalwa ezizayo uze uqiniseke ukuba kuyathethwa ngomba wokuphathwa gadalala ngokwesondo kwabantwana esikolweni kwezi ndibano. [x]
BONA XHOSA - February 2006
abafotiweyo bayabonisa nje
Baninzi ootitshala abangamadoda abadlala ngabafundi.
BONA XHOSA - February 2006
Usibona njani isikolo esinobungozi"
Ingcali yomphandi yeHSRC, uGqr. Heather Brookes uthi nazi ezinye zeempawu zezikolo ezinengxaki yokuphatha gadalala amantombazana...
lOotitshala baba nobundlobongela.
lOotitshala bafika emva kwexesha esikolweni.
lOotitshala abayi eziklasini.
lOotitshala ababohlwayi abafundi.
lAbabolusi abafundi baze bangakuboni ukuziphatha kakubi kwabo.
lAbayilandeli imithetho.
lImisebenzi abayilinganisi phakathi kwamabhinqa namadoda.
lBanenkolelo yokuba ngamadoda kuphela ekufanele abe ziinkokeli.
Nazi iimpawu zezikolo ezikhuselekileyo ngokutsho kukaNjingalwazi Brookes...
lUmoya wembeko nokukhathalelana.
lIinjongo ezifanayo.
lZiyazikhathalela iimfuno zabafundi endaweni yokubahlohla ngezifundo.
lAbafundi nootitshala babambisene ngemfundo.
u
t
Udlwengulo ezikolweni
Ukulwa nokudlwengulwa esikolweni
Tsalela inombolo yasimahla yakwaChildline ethi: 0800-055-555 ukuze ufuman' uncedo olukhawulezayo.
Ukuze ufumanise ukuba ungasifaka njani na isiphakamiso kuMqulu waBantwana vula iwebsite yeChildren's Institute website ethi: www.uct.ac.za/depts/ci
