XHOSA.2958.teenapr
BONA XHOSA - April 2008
Xa sizijonga espilini asiziboni ngendlela esiyiyo - ngoko ukuzibona utyebile yaye umbi kungasifaka engozini. Kodwa akunzimanga ukuzibona sibahle nokwaneliswa yimizimba yethu...
UBONGI une-16 leminyaka kwaye unobunzima obuyi- 60kg. Uzibona etyebile kwaye embi. Kusesipilini apho azibona khona ukuba utyebile yaye mbi. Indlela azibona ngayo iyafana nendlela nawe ozibona ngayo esipilini.
Asingomantombazana odwa angazibona kanjalo espilini! Namakhwenkwe angazibona "emabi" xa ezijonga espilini.
Ingxaki apha asikokuba sizijonga ngendlela abantu ababebonwa ngayo kuqala.
Ngamaxesha kaShaka ukuba mkhulu kwakuthetha ukuba ufanele uhlonitshwe. Ngeminyaka yoo-1970 usomashishini onentesha wayengabonwa engekho mpilweni njengangoku.
Ukususela ekupheleni koo-1960 ukuba nesiqu esincinane kwakukhuthazwa kwimiboniso yeefashoni ehlabathini jikelele.
Nokuba kuhle okanye kubi "ukutyeba" okanye "ukubhitya" nokuthi iintlanga ngeentlanga zehlabathi zibona ingumzimba onjani onomtsalane - oko sawuphinde sithethe ngako. Akukho ngxaki nokuba uBongi "utyebile" yaye "mbi" na.
Eyona nto ibalulekile yindlela yena azibona ngayo. Oko ke kukuthi uziva njani ngembonakalo yakho nokuthi ucinga ukuba abany' abantu bakubona unjani nokuthi wena uwuthanda kangakanani umzimba wakho.
Phantse wonk' umntu unendawo angayithandiyo emzimbeni wakhe.
"Maninzi amantombazana akhathazekayo yimbonakalo yemizimba yawo kunamakhwenkwe," itshilo eny' ingcali yengqondo ancokole nayo uFat Charlie.
"Uphando olwenziweyo lubonisa ukuba amakhwenkwe akakhathazwa kangako yimizimba yawo njengamantombazana." Kufunyaniswe nokuba namantombazama angekaqabuki kuyaphi ayakhathazeka ngemizimba yawo.
Ngokutsho kukaGqr. Vincent Iannelli imbonakalo yomzimba emakhwenkweni ibaluleka xa kusenzeka iinguqu zokukhula aze azibone engafani namadoda abonwa ngamajelo eendana enemizimba emihle kuba enezihlunu.
Ngoko ukuqwalasela imbonakalo yomzimba wakho kuyinxalenye yokukhula.
Uyatshintsha umzimba wakho xa ufikisa kwaye awunakuyiphepha loo nto - kwaye ufanele ukuqala ukuwuqwalasela umzimba wakho. Kodwa kukho abo bangagqibeli nje ngokukhalaza - okanye bangagqibeli ngokuhambela kude nezipili.
Ukungemi ngendlela
Baqala ngokuzohlwaya ngokungabi "nemizimba emihle"ngokungatyi okanye ngokutya ngeendlela ezingabancediyo
Nangona bengazivisi ubuhlungu emzimbeni, baziphilisa ubomi obubi besoloko becinga ngokuba bafanele batye na okanye bangatyi, ngokuba benze umthambo na okanye bangawenzi, okanye bezibona bengenakuncedwa nto.
Xa ungabuboni ubuhle bomzimba wakho, awuziboni njengokuba unjalo. Kaloku imbonakalo yomzimba ixhomekeke kwindlela thina esizibona ngayo.
Xa sizixelela ukuba sinemizimba emibi, asinakuzibona ngendlela esiyiyo.
Kwenzeka njani oko? Abantwana badla ngokukholelwa kokutshiwo ngabazali babo. Xa umama wakho esithi utyebile, nawe uzifumana sele uxhalabile ngesiqu sakho.
Oko kukukhathaza nangakumbi xa esoloko ekuxelela ngako!
Neentanga zakho zingayichaphazela indlel' ozibona ngayo. "Oko kwenzeka kakhulu xa intombazana ifikisa kuze kubaluleke kuyo okutshiwo ziintanga zayo," utsho uGqr. Claudia Rappl oyingcali yokungatyi ngendlela.
Kukho nemiba yenkcubeko esiyikhankanyileyo, edibana nesikubona kwiifilim, iinkqubo zeTV, iimagazini nezibhengezo eziveza amabhinqa amahle (namadoda). Sibona abo bantu size sibone indlela esisesemva ngayo.
Kwenzeka ntoni ke emva koko? Indlela esibona ngayo imizimba yethu ichaphazela ukuzithemba kwethu. Xa sicinga ukuba sibabi nokuzithemba kwethu kuyehla. Ukungazithembi kungachaphazela indlela ozibona ngayo.
Oko ke kusenza sigqibele sijikeleza ndawonye okwenja ileqa umsila wayo. Singakuphelisa njani oku?
Ukuziphucula
Into yokuqala afuna ukuyibethelela uFat Charlie kukuba ukungawuthandi umzimba wakho kungakubangela izifo zokungatyi ngendlela ezinjenge-anorexia okanye ibulimia. Ezi zizifo eziyingozi ezifun' unyango olukhawuleziyo kwaye asizuthetha ngazo apha.
Akufanelanga ude ube nezi zifo ukuze uzibone ukuba awuwuthandi umzimba wakho. Nazi iindlela ongaphucula ngazo iindlela ozibona ngayo...
Yeka! Yeka ukuzijonga ngendlela ozibona ngayo. Sithi esizidodobalisa ngokujonga izinto ezimbi emizimbeni yethu. Khumbula ukuba uFat Charlie wathini kuwe: indlela ozibona ngayo asiyiyo indlela oyiyo ngenene! Cinga ngezinto ezimbi ozitsho kuwe yonk' imihla. Ungazitsho ezo zinto kumhlobo wakho osenyongweni? Kutheni phofu uzitsho kuwe?
Phulaphula. Usenokubona umntu enomzimba omhle, kodwa xa ungeva into ayitshoyo uya kuva ukuba naye unezinto angazithandiyo emzimbeni wakhe. Xa umbona ngathi uyabhuda kuba wena ungaziboni izinto ezingamonelisiyo, oko kubhetele! Uya kubona ukuba abantu abaziboni ngendlela ababonwa ngayo ngabany' abantu.
Yivume inyaniso. Akukho mntu ucikiziweyo! Awunaso isiqu esincinane njengemodeli - ngoko mus' ukuzingcungcuthekisa ngezinto ongenakuziguqula!
Ungakholelwa kokubonayo! Uyazibona ezo modeli? Uyababona abalinganiswa abanomtsalane? Abasoloko benjalo lonk' ixesha! Ngaphambi kokuba bafotwe baqale balungiswe iinwele nobuso, banxityiswe kwaye banabaqeqeshi babo abajongene nembonakalo yabo.
Iifoto zamanenekazi amahle ozibona kwiimagazini ziyalungiswa zisuswe amabala nemibimbi ngaphambi kokuba zikhutshwe kwimagazini.
Asenokwenziwa imizekelo - kodwa imbonakalo yawo asiyondlela ayiyo ncakasana!
Tyhileka. Ingaba izinto ongazithandiyo kuwe zibonakala ngolo hlobo? "Yonk' into osoloko ubeke ingqondo yakho kuyo ibankulu nokuba incinane," utsho uGqr. Rappl.
Yeka ukuzihoya kakhulu kuba akukho mntu ukuhoyileyo .
Kodwa nangona kunjalo...
Ungazibhanxi. Unikwa umzimba omnye, ngoko kubalulekile ukuwukhathalela. Ukwaneliseka ngumzimba wakho - nokwazi ukuba awusokuse ubenesiqu esincinane akufani nokungawukhathaleli umzimba wakho. ukutya ngendlela nokwenza umthambo rhoqo kungakunceda uwuthande umzimba wakho. Ezi zizinto ofanele uzenze ngokwakho.
Inenekazi elingatyi nantoni na kuba umfana elincuma naye efuna libe nesiqwana alibi nesiqwana ithuba elide. Yenziwa yintoni loo nto? Kaloku oko likwenzel' omny' umntu, alikwenzeli lona.
Elokuqwela...
Okona kubalulekileyo mlisela nomthinjana wakowethu kukuba siyithande imizimba yethu - yaye senze izinto ezisonwabisayo.
Ingaba uzibona ufanele unciphise umzimba wakho kancinane? Lumkela okutyayo de ufikelele kubunzima obufunayo, kodwa oko ukwenze ngengqiqo. Ungazibulali ngendlala kuba ufuna ukuncipha!
Xa ungumfana ufuna ukuba nezihlunu - yiya ejimini okanye ufumane umthambo ongawenza. Ubuqu bakho neetalente onazo zizinto ezingabonakaliyo ezisenza sibalasele.
Nabani na angabamhle, abenomtsalane, okubalulekileyo kukuzithanda uyiloo nto uyiyo. [x]
Wuthande umzimba wakho
FatCharlie
BONA XHOSA - April 2008
u
t
BONA XHOSA - April 2008
Ukuwuthanda umzimba wakho - nokwazi ukuba awusokuze ubenesiqu esincinane - akufani nokungawuhoyi
