xhosa.1357.boxing
Kuncedwa iimbethi-manqindi zeli zong' imali
BONA XHOSA - December 2007
IBoxing SA ithembisa ukuba inkqubo yayo entsha yokufundisa iimbethi-manqindi ngemiba yobomi iza kufikelela nakwezikumanqwanqwa aphantsi.
Iimbethi-manqindi zisengxakini
USAMKHUMBULA uWelcome Ncita" Wayengundaba-mlonyeni ngo-1990 ngethuba ezuza intshinga yehlabathi yeInternational Boxing Federation waza waba yimbethi-manqindi yokuqala yaseMdantsane eyintshatsheli yehlabathi.
Emva koko uWelcome wafuduka eMdantsane wazithengela umzi omhle eBeacon Bay engummandla ohlala iingcungcu.
Wavula nevenkile ethengisa ukutya eNahoon cebu kuhle eMonti. Kodwa elo shishini alizange liqhube kakuhle...
Wavula nendawo yokuqeqesh' iimbethi-manqindi, nayo yaphanza. Zonke iimbethi-manqindi ezaziziqeqesha apho zamshiya zimtyhola ngokungeva kucetyiswa.
Emva koko zaqala iingxaki zemali.
Waqala wabonakala 'ebeth' ubhontsi' ezindleleni. Yaphela ngakumbi imali, wabuyela emzini kanina eMdantsane.
Ngoku iphepha-ndaba iSowetan likhuphe ibali lokuba uNcita uziphilisa ngeshishini leefowuni zikawonke-wonke.
Kodwa uNcita uyaphika ukuba waphindela eMdantsane kuba engakwazi ukumelana nobomi bommandla weengcungcu.
"Ndaphindela eMdantsane ngenxa yokusweleka kukamama. Ndingabuyela emzini wam eBeacon Bay nanini na," utshilo.
Akayedwanga phofu kule meko yokuba ngumpha ochutywe walahlwa. Ngokutsho kukaLoyiso Mtya weBoxing South Africa, i-99% yeembethi-manqindi zeli azikwazi ukonga imali yazo - zibe ezinye zazo zifumana izityhwentywe zemali emanqindini!
UMtya uthi iintshatsheli zelizwe zifumana imali efikelela kwi-R60 000 ngenyanga logama iintshatsheli zehlabathi zifumana malunga ne-R200 000 ngenyanga.
"Ukungabi nabuchule bokuphath' imali ke kuzenza ziyisebenzise yonke ngenyanga enye loo mali," utsho uMtya.
Ngoku iBoxing South Africa ivelise inkqubo eza kunceda iimbethi-manqindi zikwazi ukonga imali.
"Ngelishwa ke asinanxaxheba singayidlala kwiimbethi-manqindi esezisitya umhlala-phantsi. Imbopheleleko yethu ikwezo zisesemanqindini," utsho uMtya.
Ngaphezulu iimbethi-manqindi ziza kufundiswa noqhagamshelwano ukuze zize ngabasasazi zakuxhoma emanqindini.
"Esi kusesisiqalo nje. Zininzi izinto esifuna ukuzinceda ngazo," utsho uMtya.
Ngaba le nkqubo iza kusebenza bethu" Uyavuma uMtya ukuba yaphanza enye inkqubo yokunceda iimbethi-manqindi eyayiqaliswe kwiminyaka embalwa edlulileyo.
Kodwa uthe yaphanziswa kukungafikeleli kwayo kwiimbethi-manqindi ezininzi. Le nkqubo yenziwa kwawona manqanaba aphantsi ngoko ifanele ifikelele kwiimbethi-manqindi ezininzi! [x]
Uyintshatsheli yehlabathi namhlanje, ngomso ungumph' ochutywe walahlwa. Zininzi iimbethi-manqindi ezingalilungiseleliyo ingomso zize zigqibele zingamahlwempu...
UWelcome Ncita waba yintshatsheli yehlabathi ngo-1990.
UWelcome ngeemini zakhe zempumelelo.
BONA XHOSA - December 2007
kubhale uTEDDY GOMBA kufote abeGALLO
u
Abaphathi bebhola basoloko bethetha ngemfuneko yenkqubo yokufundisa abadlali ngobomi
t
Kwenzeka ntoni ebholeni"
Nabadlali bebhola abanabuchule bokuphath' imali yabo kwaye abaphathi bebhola basoloko besitsho ukuba kufanele kubekho iinkqubo zokubafundisa ngokong' imali - kodwa kuncinane okwenziwayo ngaloo nto.
Emngcwabeni womdlali webhola kutshanje, usihlalo wePSL okwayingqonyela yeOrlando Pirates, uIrvin Khoza wathi: "Njengabaphathi bebhola sifanele sibafundise abadlali iindlela zokuphila ukuze siqinisekise ukuba abaphumeleli ebaleni kuphela, koko bayaphumelela nangaphandle kwebala.
"Nangona oku kunokungaginyeki kakuhle kwabanye abantu, kodwa ndifuna ukutsho ukuba ubomi bababdlali abufani nobabany' abantu.
"Kaloku inkoliso yethu "sidla ubutsha bethu" xa sineminyaka engama-20 ukuya kwengama-30, sisazi ukuba siya kuvuthwa xa sikuma-40 eminyaka. Abadlali bona kufuneka babe bevuthiwe xa beneminyaka engama-20.
"Njengabaphathi bebhola luxanduva lwethu ukufundisa abadlali iindlela zokumelana noxinzelelo abadibana nabo ebomini. Andikholwa ukuba ikho into esiyenzileyo ukubanceda ngaphambili kodwa ngoku masibe nento esiyenzayo."
Seziqengqelekile iinyanga wayenzayo loo ntetho kodwa akukho nkqubo siyibonayo yokufundisa abadlali ngezinto zobomi.
Endaweni yoko abaphathi bebhola baxhwithana ngekhomishini ye-10% efanele ihlawulwe abantu abafumene abaxhasi.
