xhosa.2957.brother
IBALI LEMPUMELELO
Indlela nawe ongenza umahluko ngayo!
Sisoloko sisiva ukuba ulutsha lwanamhlanje lukhulela ebumnyameni lungazazi ukuba lusingephi ebomini, lungenalo nethemba ngengomso. Kodwa iphulo elitsha liza kuyiguqula yonke loo nto... Kubhale uSteve Makhanya
UMBUTHO ongenzi nzuzo obizwa ngokuba yiBig Brothers Big Sisters Of SA unceda abantwana ngokubanika oobhuti noosisi abangamavolontiya abadibana nabo iyure enye ngeveki unyaka wonke bebanika iingcebiso ngokukhula nangobomi.
Ukufundiswa ngeenzingo zobomi nendlela yokumelana nazo kubalulekile ekukhuleni komntwana, kwaye oko kufuneka kwenziwe ngumntu omdala okanye umntu onamava nongumzekelo omhle. Sonke sikhulisiwe ngabantu abadala, ngabakhuluwa, ngoomalume, oomakazi, iititshala nabefundisi, kodwa thina sibe singakuqondi oko.
Kodwa kukho abantwana abaninzi abangayifumaniyo loo nyhweba, okanye abadibana nabantu abangabafundisiyo iindlela ezizizo zokukhula.
Kulapho ke anceda khona amavolontiya eBig Brothers Big Sisters. Abafundi, abantu abenza imisebenzi yemfundo okanye asebesidla umhlala-phantsi bachitha ixesha nomntwana bemfundisa ukuzithemba nokuhlonipha abany' abantu. Iingcebiso azifumeneyo umntwana zokumkhulisa uzisebenzisa ubomi bakhe bonke.
Le nkqubo yaqala eUSA ngo-1904. EMzantsi Afrika yaqalwa ngentsebenziswano noMkhomishinala wamaPolisa, iSebe leMfundo neleNtlalo-ntle neminy' imibutho yaseKapa ngo-2001, liqale eGauteng ngo-2002 ukanti eKZN liqale ngo-2005.
"Le nkqubo isimangalisile kuba sifumene iziphumo ezincumisayo kwisithuba nje esingephi siyiqalile. Kulo nyaka siza kuvula i-ofisi eBhayi neza kujongana neMpuma Koloni," utshilo uNadine Mason ongumququzeleli wale nkqubo eGauteng.
Ingaba nabani na angaba yiBig Brother okanye iBig Sister"
"Nabani na oneminyaka eli-18 angaba livolontiya lale nkqubo. Kufuneka azalise ifom asinike namagama abantu abathathu abamaziyo ukuba ungumntu onjani. Emva koko kwenziwa udliwano-ndlebe ukuze kufunyanwe izinto azithandayo, kuviwe nokuba uyilungele na le nkqubo. Uyacelwa nokuba avume ukuba kujongwe imvelaphi yakhe, kuze kubhalwe nento emchazayo ngabantu abaziingcaphephe," utsho uMason.
Emva koko amavolontiya amkelweyo afumana uqeqesho lweentsuku ezintathu. Kolo qeqesho afundiswa imisebenzi yawo, ukuzithemba, ubuchule bonxibelelwano, ukwakha imvano, isimilo nokwamkela amasiko nezithethe zabany' abantu.
Kwenziwa neendibano zokuncazelana ngolwazi ekuxovulwa imiba efana nokusetyenziswa kweziyobisi, udlwengulo nokuxhatshazwa ngokwesondo, ukusombulula iimbambano nokujongana nemeko kaxakeka.
Ngabaphi abantwana abancedwa yile nkqubo"
Inceda bonke abantwana abaneminyaka ephakathi kwesithandathu ne-18 ababonwa besesichengeni nabangazuza lutho kumntu obonwa engumzekelo omhle.
Kubakho indibano yokuqala phakathi kwevolontiya nomntwana eliza kumkhulisa. Kule ndibano bayazana, banikane iinombolo zomnxeba kuze kwenziwe amalungiselelo endibano elandelayo.
Emva koko ivolontiya naloo mntwana baya kudibana iyure enye kanye ngeveki, unyaka wonke. Abanye bayaqhubeka nokudibana nokuba sele uphelile unyaka.
"Kukho namavolontiya agqibele ebathathile abantwana aye kubakhulisa njengabantwana babo," utsho uMason.
Xa ulivolontiya kule nkqubo ungamnceda umntwana emsebenzini wesikolo wasekhaya, okanye umfundise into entsha, udlale nemidlalo naye - kaloku kugxininiswa ekubeni nibe ngabahlobo naloo mntwana umkhulisayo.
"Kukho abantwana abajika bakuthande ukuphila nokujongana neenzingo zobomi. Baqhuba kakuhle nasesikolweni yaye uyabona ukuba basendleleni eya empumelelweni," utshilo uMason.
Ingxaki abanayo yeyokunqongophala kwamavolontiya antsundu angamadoda.
Ndiyanibongoza ke mlisela wakowethu. Lixesha lokubhinqa omfutshane senze umahluko ebomini bethu! [x]
UKUZE UFUMANE EZINY' IINKCUKACHA
Fowunela ku-011-475-4660.
