xhosa.2951.rape
Ukudlwengulwa:
Ukuxel'udlwengulo emapoliseni
IPeople Opposing Women Abuse (POWA) isincedile xa besiqulunqa esi sikhokelo:
1 Xa udlwenguliwe kufuneka uye kuxela nakusiphi na isikhululo samapolisa - akunyanzelekanga ukuba kube sesikufuphi nalaph' uhlala khona okanye nalapho udlwengulelwe khona.
2 Kukho neengxelo zokuba amabhinqa axela ukudlwengulwa ngamaqabane awo awananzwa ngamapolisa angafuni nokubavulel' amatyala - kodwa iPOWA iyayigxininisa into yokokuba akavumelekanga amapolisa ukuba angavumi ukuvul' ityala.
Xa ipolisa lingafuni kukunceda cela ukuthetha nomntu ophetheyo okanye uMphathi Sikhululo.
3 Ungaphaphazeli xa unika ingxelo. Zinik' ixesha ukhumbule kakuhle yonk' into uze ubanike iinkcukacha ezipheleleyo neziza kuba luncedo.
4 Ukuba ngaba isidlwengu eso sakhe sakudlwengula okanye sakubetha ngaphambili waza wayibika loo nto emapoliseni, waxelele kwakhona amapolisa khon' ukuze ajonge inombolo yetyala kwiingxelo zangaphambili, iingxelo zikagqirha kunye namagama amangqina.
5 Yiya kugqirha ukuze akuhlole. Kubhetele ungahlambi emva kokudlwengulwa ungambonanga ugqirha ngokwenjenjalo uya kuba utshabalalisa ubungqina. Esi sisixhobo sakho sokuziphindezela.
6 Phambi kokuba uphume esikhululweni samapolisa qiniseka ukuba uyazazi ezi zinto zilandelayo:
Igama lesikhululo samapolisa
Igama lepolisa eliphand' ityala lakho
Inombolo yetyala
Umnxeba oza kuwutsalela ukuva ukuba kuqhubeka ntoni na etyaleni.
Ilungelo lakho lokuzikhusela
BONA XHOSA - June 2006
Ukudlwengulwa bekusoloko kuzisa iintlungu kuhlisa nesidima kulowo uhlelwe lelo lishwa - kodwa ngoku ngenxa yeHIV/AIDS kukubeka esichengeni sokufa
omnye
umbulali
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
KWAKUNGAVUMI ukuba alile akhwaze. Umzimba wakhe wonke wawunga ufuna ukukhupha into embi nenkulu engaphakathi kuye. "Ndandifun'ukukhwaza ndilile kodwa ilizwi lingaphumi," utsho.
"Kodwa loo mzamo wokufun' ukulila wawundishiya ndingathi ndibethwe esiswini kube ngathi kukho into endibambileyo entliziyweni indishukumise kabuhlungu."
Eli bhinqa silibiza ngoNomusa ladlwengulwa kwiinyanga ezili-18 ezadlulayo yaye alizange lixelele mntu. Wayevela emsebenzini egoduka njengesiqhelo ehamba nommelwane wakhe.
Wasuka wamtsalela kwindawo emnyama ngemva kwesikolo ababefudula befunda kuso. Wambek' imela emqaleni waza wamdlwengula.
"Ndiziva ndisisiyatha kakhulu ngokungazilweli. Ndandisoyika ukuyixela loo nto kuba ndicingel' usapho nesiqu sam," utshilo.
Kutshanje uzibandakanye neqela labanye abadlwengulwayo elimncedayo ukuze akwazi ukumelana nale ntlungu.
Ngoku ukubona kumnceda kakhulu ukuthetha ngentlungu yakhe - yaye kungawanceda namany' amabhinqa amhokamhokana nale ntlungu. Akakwazi uNomusa ukuyilibala tu indaba yokudlwengulwa kwakhe. Ixesha alichithe esenza ngathi akukho nto yenzekileyo ubezibulala.
UNomusa wafumana intsholongwane yeHIV.
Ilungelo lokuhlangul' ubomi bakho
UMongikazi Dudu Mofokeng weziko lokoluleka abantu leLifeLine iUkuba Nesibindi eseThekwini eWarwick Triangle uthi kuthatha amanyathelo amabini ukulibala ngokudlwengulwa:
n Kufuneka ufunde ukugqithisa ungabi lixhoba. Nangona usapho nabahlobo bekunik' inkxaso kufuneka wolulekwe.
n Kufuneka usebenzise amayeza alawula intsholongwane kagawulayo (antiretrovirals) kwiiyure ezingama-72 emva kokuba udlwenguliwe ukuthintela ukosulelwa yiHIV. Wona afumaneka kugqirha xa uye kuxel' emapoliseni okanye kwiziko elinceda abantu abadlwenguliweyo (tsalela iLifeLine okanye iStop Gender Helpline xa ufun' ukwazi iziko elikufuphi kuwe).
Ngokwamanani aqulunqwe yiPeople Opposing Women Abuse (POWA) ama-40 eephesenti zamadoda aphakathi kwama-20 nama-29 eminyaka nekungawona adlwengula kakhulu anentsholongwane yeHIV/AIDS. Yiyo loo nto wonk' umntu kufuneka azincame athethe phandle ukuze afumane unyango kwangoko.
Ngokomthetho welizwe wempilo lilungelo lakho ukufuman' unyango lokukhusela iHIV xa udlwenguliwe, ungavumeli mntu akuvimbe elo lungelo.
Akuxhomekeki ekubeni ukuxelile emapoliseni ukudlwengulwa kwakho okanye hayi. Ukuxela emapoliseni nokusiwa kugqirha yeyona ndlela ilula yokufumana unyango.
Ukunyang' intlungu yokudlwengulwa
Umongikazi Mofokeng nabanye asebenza nabo babona amabhinqa afikelela kuma-30 ngenyanga, amanye aneminyaka engama-50, adlwenguliweyo. Loo nto ixela ukuba ngemini libhinqa elinye eliya kwiziko loluleko elincinanana laseThekwini.
"Umntu odlwenguliweyo uyabhideka abe noxinzelelo ngoko thina sizama ukumnceda ukuze akwazi ukumelana nemeko akuyo," kuchaza umcebisi weUkuba Nesibindi, uBongiwe Thusi.
"Emva koko angabuya nokuba kukangaphi ukuze aqhubeke efuman' inkxaso nokucetyiswa. Abanye abantu bayancedakala kwiinyanga nje ezi-6 ukusa kunyaka lo gama kwabanye kuqengqeleka iminyaka phambi kokuncedakala."
"Ibhinqa elidlwenguliweyo kufuneka lithethe rhoqo ngesehlo salo ukuze lisilibale," kuchaza isithethi sePeople Opposing Women Abuse (POWA). "Liba nesazela lingazithembi lize lihlale licinga liba namaphupha amabi.
"Kufuneka ulikholwe wazi ukuba liza kuba bhetele xa lifuman' inkxaso linikwa nexesha elaneleyo."
Omawukwazi ngokudlwengulwa nokuthintela iHIV
Sincediswe yiAIDS Law Project xa besiqulunqa ezi zikhokelo:
1. Kuxele emapoliseni ukudlwengulwa zingekadluli iiyure ezingama-72 yaye aza kukugqithisela kugqirha okanye uye kwiziko elinceda amabhinqa adlwenguliweyo.
2. Cel'amayeza alawul'intsholongwane kagawulayo (antiretrovirals) ukuze unciphise amathuba okuba neHIV - abizwa ngepost-exposure prophylaxis okanye iPEP.
3. Uza kucetyiswa ukuba uhlolwe iHIV yaye uza kolulekwa ngaphambi nasemva kokuhlolwa.
4. Uza kunikwa iPEP yokuqala elingene iintsuku ezintathu de ufumane iziphumo zakho zeHIV.
5. Xa ufunyaniswe unayo iHIV kufuneka uyeke ukusebenzisa iPEP ucele amany' amayeza onokuwasebenzisa.
6. Xa iziphumo zisithi awunayo iHIV khumbula ukuba kungenzeka ukuba ungabanayo iHIV xa uyeka ukusela amayeza ePEP. Qiniseka ukuba amayeza akho aza kukugcina de kuphele iintsuku ezingama-28.
7. La mayeza angakwenza ungaziva mnandi mhlawumbi ube nentloko ebuhlungu, udinwe, ube nerhashalala emzimbeni, isicaphucaphu okanye uhambise. Kodwa xa uyek' ukuwasela ngaphandle kwemvume kagqirha ungaba uzibek' esichengeni.
8. Nasemva kokuba uyigqibile iPEP kufuneka uye kuhlolwa izihlandlo ezibini kwakhona - kwiiveki ezintandathu uphinde kwiinyanga ezintathu emva kokuba uhlolwe okokuqala.
Khumbula ukucela imorning after pill ukuthintel' ukumitha kunye nee-antibiotics zokukunyanga xa kuthe kanti ufumene isifo esosulela ngesondo.
BONA XHOSA - June 2006
Iindawo zoncedo
LifeLine: 08612-322-322
Child Line: 0800-055-555
POWA: (011) 642-4345/6; a/h 083-765-1235
AIDS Helpline: 0800-012-322
Stop Gender Violence Helpline: 0800-150-150
