xhosa.2950.aya
'Uthando lolokwabelana'
U-Aya efota umdlalo. "Ndixakeke kakhulu ukuba ndinganexesha lothando," utsho.
BONA XHOSA November 2008
INDUMASI
Uthi xa ezibiza "uliNenekazi loThando" kwaye zonke iindumasi zeli zimvulela iintliziyo zazo rhoqo ngeeCawe...
Kubhale uDoug Gordon
LIBALA ngumgosi osoloko ubhalwa ngamaphepha-ndaba - inkqubo yale mvumi yesowuli u-Aya Mpama ekuSABC 1 ethi Soul Sundays, ikunika konke ofuna ukukwazi ngendumasi yakho oyithandayo.
Kwaye yeyona nto eliyithandayo eli Nenekazi loThando.
"Ukuthetha neendwendwe zam ngengoma zothando abazithandayo nokuba kutheni na bezithanda yeyona nto iqhuba incoko," itsho le nzwakazi incinane nentle eneminyaka enga-24.
"Xa ndibacela ukuba bacule amazwi engoma zabo ngokwabo kundivulela ithuba lokuba ndikrobe nakubomi babo babucala."
Injongo ayikuko ukumkhathaza umntu okanye ukukhangela okubi ngaye - koko luthando nokwabelana.
"Kaloku uthando yinto yokwabelana," utsho u-Aya.
Kodwa ke yena ezothando kobakhe ubomi usazibekele kude de agqibe iminyaka engama-30.
"Ndisafuna ukukhe ndijongane nam nomsebenzi wam okwangoku.
"Ndixakeke kakhulu andinako
ukuba neqabane elisondele kakhulu kum," utsho.
Kaloku u-Aya xa eseluthandweni uyazinikela - kwaye naye alindele - uthando nohoyo.
"Ndiyaluthanda ulonwabo neeSMS zothando, intyatyambo neetshokoleyithi.
"Ndithanda ukutendwa liqabane lam."
Eyona nto ayithandayo u-Aya ngokuba nomntu lulonwabo lwabucala: kwiivenkile zokutya, ukutya okumnandi newayini; iividiyo namaculo eniwathandayo ninobabini.
"Yiyo loo nto ndikuthanda ukuba ngumsasazi weSoul Sundays. "Andikabi nako oku ebomini bam okwangoku, kodwa ayandonwabisa amabali eendwendwe zam," utsho.
Kodwa ke ukhe awe maxa wambi uyavuma, ngoncumo lwakhe oluhle.
"Ndiye ndibe namaphupha ngabafana endingazange ndadibana nabo. NjengoL'il Wayne - imvumi yehip hop eyindumasi, ayinguwo nomculo endiwuthandayo ke lo.
"Okanye uSiyabonga Nkwekazi ongumsasazi wenkqubo ethi The Real Goboza. Ndawa nguye ndiseseyunivesithi yena ekwinkqubo ethi Street Journal ngelo xesha.
"Ngoku ndiyamazi, ewe ungumfo olungileyo kodwa andisekho apho."
Uzisa ulonwabo olunje ke ngothando nakuSoul Sundays.
Uthi le nkqubo "ivuselela iimvakalelo zothando ngaphezulu kweenkanuko" - iqale ngoMatshi kwaye ilungiselelwe ukuba iqhube ubuncinane unyaka.
ULUHLU lweendwendwe osele luvelile ziindwalutho zeli ezaziwayo ezingafane zithethe ngobomi bazo babucala - kuzo singabala uSimphiwe Dana, uDJ Sbu, uNtando noKatlego Danke.
"Ndibeka apha ikofu neekeyiki incoko iziqhube ngokwayo," utsho u-Aya, ongazange oyike ukubuza uSbu ukuba ukusweleka kweqanane lakhe kwawuchaphazela njani umculo wakhe, nokuba ukuphela kothando lweminyaka lukaSimphiwe kuyitshintshile na indlela abhala ngayo iingoma zakhe.
"Kwandothusa ukuthetha kwakhe ngobomi bakhe kwezothando, nangabantwana bakhe kwayekwandichukumisa ukuba andithembe."
Xa ezi ndwalutho zimthemba zikwaphalaza imbilini yazo kwizigidi zababukeli beSoul Sundays.
Ababukeli babuza eyabo imibuzo ngomnxeba bacele neevidiyo zomculo wesowuli, ijezi neR&B wakudala ukusukela kwiminyaka engama-40 eyadlulayo.
Kuzenza zikhululeke iindumasi ukwazi ukuba u-Aya akekho kangako kwishishini lezolonwabo - kaloku usemtsha kwezolonwabo kwaye elapha nje wafumana ithuba lokushicilela ngenxa yokuphumelela kwindawo yesibini kwi-Idols.
"Ndiyazazi iindumasi ezininzi njengoLoyiso noLira, ngokusebenza nazo," utsho.
"Kodwa uChomee, umzekelo, andimazi. Ndandigqibela ngokumbona eqongeni, ngezo zinxibo zakhe aziwa ngazo, ngoko bendisoyika ukuba incoko yethu inganezinto ezothusayo.
"Kubenjalo ngokwenene. UChomee usuke wathetha ngomsebenzi wesikolo wakhe wezifundo zezosasazo," utsho.
U-AYA UYAZI ukuba kufuneka ubeke ingqondo phambi kobuhle. Uzalelwe eSwazini, waza wafunda eThekwini, wafumana isidanga sakhe kwizifundo zomculo nedrama kwiYunivesithi yaseNatal.
Ii-Idols zamnceda waqala ukucula ngo-2005, ngokumnika isivumelwano sokushicilela esaphuma eyunivesithi. Icwecwe lakhe elithi A State Of Aya limenze wayimvumi enamandla kubathandi bomculo wejazz-soul.
ISoul Sundays imenze wathandwa ngakumbi kulo nyaka. "Andiyondumasi njengabalinganisi bemidlalo kodwa ukuvela kwiTV rhoqo ngeveki kundinika udumo."
"Bendingalindelanga ukuba kwenzeke ngokukhawuleza kangaka. Abalandeli beSoul Sundays bohlukile kubalandeli bomculo wam - bandibulisa esitratweni nasezivenkileni kwaye wonke umntu unalo iculo lothando okanye ibali afuna ukuncokola ngalo."
Ngamanye amaxesha la mabali ayamkhalisa.
Njengomama owacela ingoma kaChristina Aguilera ethi Hurt emnxebeni ecelela intombi yakhe eselula eyasweleka engozini yemoto.
"Elo bali landichukumisa kakhulu. Kanti nentombazanyana eyalahlwa liqabane layo lakuva ukuba ukhulelwe," utsho u-Aya. Wayenethemba lokuba ividiyo yabo abayithandayo iya kumbuyisa.
"Uthando aliphelelisi ekudibaneni komfana nentombi nje kuphela. Amabali ethu adadela enzulwini kwiintliziyo zabantu beli - uvuyo lokufumanana nokwahlukana.
"Nantso ke into eyenza le nkqubo ibebuhlungu kodwa ibe kwanalo novuyo. Ezi zinto zombini azinakwahlukana." [x]
"Ndiye ndibe namaphupha ngabafana endingazange ndadibana nabo"
"Amabali ethu abonisa okwenzeka eMzantsi Afrika - ulonwabo lokufumana into nentlungu yokulahlekelwa,"
utsho u-Aya.
BONA XHOSA November 2008
