xhosa.2948.yourlifeguide_motivation
ABAZALI bam babengamaKrestu azinikeleyo. Sasithandaza kabini ngemini ekhaya, kusasa nangokuhlwa. Ndandisiya nabo ecaweni yonk' imihla kwaye andisokuze ndilulibale uLwesithathu oluthile endabethelwa ugqirha nezicaka kuba ndingayanga enkonzweni yakusasa.
Kodwa ndathi ndakuya kufunda ekholejini, ndazibona ndikhululekile kungekho mntu undilawulayo, ndaqala ukumtyeshela uThixo.
Ndazifumana ndineeCawe zokungayi ecaweni, ndihlambe impahla yam ndicoce negumbi lam.
Njengomntu omtsha ndazifumana sele ndisenza nezinto ezigwenxa. Ngaphakathi kona ndandisafuna ukuzisondeza kuThixo. Ndandingayiboni eny' indlela ngaphandle kokuya ecaweni nokuzama ukuba "ngumfana olungileyo".
Zabe ke zininzi nezinto endingazenza njengomntu omtsha. Ukukhonza uThixo ngale ndlela ndandikubona kuyindinisa kum.
Kunyaka wesibini ndisekholejini, ndafunda nomfundi owayengahambi nesininzi.
Wayesiya ecaweni rhoqo eneBhayibhilana encinane owayeyiphatha ecaweni.
Ndandimbona eyonwabela into ayenzayo. Ngeny' imini wandimema ukuba ndihambe naye.
Oko yaba kukubuyela kwam kuThixo. Ingaphezulu kwama-20 iminyaka ndiyihamba le ndlela kodwa andiziboni ndibuy' umva.
Ndazana noYesu Krestu ngaloo nyaka kwaye ngoku uyinxalenye ebalulekileyo ebomini bam. Kundincedile oko ekulungiseni ubomi bam kwaye ngoku ndiphila ubomi endiya kubuphila emva kokuba buphelile obu ubomi.
Make ndizame ukukubonisa indlela nawe ongazisondeza ngayo okanye ongabuyela ngayo kuThixo.
UMDALI WEHLABATHI UFUNA UKUBA NOBUDLELWANO NAWE!
Leyo yinto yokuqala ofanele uyazi. UThixo mkhulu kunehlabathi kuba ladalwa Nguye. Kodwa Yena ufuna ukuba nobudlelwano nawe buqu. Akakubizeli ukuba ubelikholwa - koko ukubizela ukuba ubenobudlelwano Naye.
Ufun'ukuhamba nawe, ukuthetha nawe nokukuqinisekisa ukuba uxhomekeke Kuye.
UThixo ufun' ukuzifeza zonke iimfuno zakho. Ufun' ukuba uthethe naye kuqala kusasa kwaye ufuna ukuba ngowokuqala ukuva ngeemfuno zakho.
Ngaphezulu ufuna nokukukhokela kwindlela yesithembiso.
KULULA KAKHULU UKUZISONDEZA KUTHIXO
UThixo usenzele umsebenzi onzima, thina wasishiyela owona ulula. Yamkela ukuba uyamfuna uThixo nokuba ngaphandle Kwakhe ungumoni ongenathemba. Kholelwa ekubeni uYesu wafa wavuka ngenxa yakho njengoko izibhalo zisitsho. Vuma ukuba uThixo uyakhonya ebomini bakho.
THEMBEKA
Xa usenza ezi zinto ngokuthembeka uya kubona umahluko kungekudala ebomini bakho. Okokuqala, uya kuluva ulonwabo ongenakulufumana kweli phakade nolungenako ukohluthwa.
ILizwi lithi: "ulonwabo olungenakulinganiswa." Ulonwabo luxhomekeke kwizinto ezenzekayo, kodwa olu ulonwabo luxhomekeke kubudlelwano bakho noThixo.
Okwesibini, uya kuziva useluxolweni lokwenene. Uyazi ke nawe ukuba uxolo aluthethi ukungabikho kweengxaki, koko lwenziwa bubukho boMoya oyiNgcwele.
Olu luxolo olungenakuchazwa. Uxolo olukwazi ukujongana nokufa, olutshabalalisa intswelo nolungabethwa yindlala.
Kukho uxolo oluvela kuThixo, kubekho uxolo lukaThixo noxolo lokuba noThixo.
Okwesithathu, uya kubona iinguqu kwiimfuno neminqweno yakho. Andithethi ngokutya neziselo, koko kwizinto ozenzayo.
Uya kuziva ungazithandi izinto obufudula uzenza, ubenomdla kwizinto obuzibona ziyindinisa.
Ngamany' amazwi, uya kuqala ukuguquka ngaphakathi.
Ngaloo ndlela ke uya kuba ungenile kubomi obutsha! [x]
INKUTHAZO
Masibuyele
KUTHIXO
Kukho uxolo oluvela kuThixo, kube-
kho
uxolo luka-Thixo, kunye noxolo lokuba noThixo
Ubomi obuphila phantsi kwentando yoMdali wakho bobona bumnandi nobanelisayo
