xhosa.2945.science
Ukusebenza kweefriji
XA ugalel' amanzi emzimbeni wakho ayakubandisa, andibi" Kungenxa yokuba xa amanzi ekhuph' umphunga obamba ubushushu, enza uzive upholile.
Isebenza ngolo hlobo kaloku ifriji! Inzima, inkulu yaye yenz' ingxolokazi kodwa ilula kakhulu indlela ezibandisa ngayo izinto.
Ifriji yenye yezinto ezibuguqula ngokupheleleyo ubomi bethu kule mihla.
Iifriji zigcin' ukutya kubanda - yaye ukubanda kwenz' ukutya kuhlale ixesha elide kuba akufunyanwa lula ziintsholongwane.
Umzekelo iintsholongwane ziluvuthiswa ubisi kwiiyure ezimbini okanye ezintathu xa lungafakwanga efrijini. Xa ulubeke endaweni ebandayo luhlala iveki de zibe mbini lungavuthwa!
Njengoko sesitshilo, ilula indlela esebenza ngayo ifriji - isebenzisa ulophu oluphuma emanzini ukubamb' ubushushu.
La manzi okanye isibandisi esisetyenziswa yifriji siguquka sibe ngumphunga obandayo owenza umkhenkce efrijini.
Ifriji inezahlulo ezihlanu:
icompressor;
iheat-exchanging pipes - le mibhobho iphaya ngasemva efrijini ngaphandle;
iheat-exchanging pipes - le yimibhobho engaphakathi efrijini;
i-expansion valve;
isibandisi - amanzi enza umphunga efrijini ukuze ibande.
Icompressor icinezela igesi yesibandisi. Loo nto inyusa uxinzelelo lwesibandisi nobushushu ize ithi le mibhobho ehambisa ubushushu engaphandle iyivumele ifriji ikhuphe ubushushu boxinzelelo.
Ithi xa iphola isibandisi sibe ngamanzi siye kungena kwi-expansion valve. Ngaloo ndlela ke isuka kubushushu obuphezulu buhle ize yande yenze umphunga.
Le mibhobho ingaphakathi efrijini yenza isibandisi sigcin' ubushushu nto leyo yenza ibande ifriji ngaphakathi. Iphinda yenzeke kwakhona le nkqubo.
Kungoko uye uve ifriji iduma...
IiCFC
I-ammonia sesona sibandisi sasikade sisetyenziswa kakhulu - yaye isasetyenziswa kwiifriji ezinkulu ezikwindawo ekusetyenzelwa kuyo.
Kodwa i-ammonia inetyhefu ngoko iingcali zathi xa zibona ukuba iifriji ziyaxhaphaka kakhulu zafuna izinto ezikhuselekileyo.
Ngoo-1930 zavela nezibandisi ekuthiwa ziiCFC (chlorofluorocarbons), ezingabatyhefiyo abantu.
Ngoo-1970 kwafumaniseka ukuba ezi CFC zinobungozi kumoya ocwengileyo odlamkisayo. Ukusukela ngoo-1990 zonk' iifriji zisebenzis' izibandisi ezingenabungozi kokusingqongileyo.[x]
liqulunqwe nguWALTON GOLIGHTLY kufote uCLIVE THOMPSON
NGASENTLA: Isebenza ngomphunga. Injini - okanye icompressor - ethundeza indlela esebenza ngayo ifriji. Ngentla kwecompressor kukho imibhobho ehambisa ubushushu ekuyiyo eyenza ifriji ikwazi ukukhupha ubushushu.
(Phantse) zifane
Nokuba awuyikholelwa le nto, izilumeki-mlilo ezilahlwayo zisebenza ngohlobo olufanayo. Zinebutane, ebilayo - ize ibe yirhasi kubushushu bendlu.
Isingxobo sazo seplastiki esinoxinzelelo oluphezulu sigcina ibutane "ipholile".
Yiyo loo nto ezi zilumeki-mlilo zingasebenzi kakuhle nje xa kubanda. Ukubanda okuphandle kuhlisa ubushushu bebutane ekwisilumeki-mlilo nto leyo isenza singakwazi ukukhuph' ulophu nomlilo xa usilumeka.
BONA XHOSA - October 2005
IProjekthi yeBONA
