xhosa.293.yourceleb_athome
IKHUSI LAM LETHEMBA
Wangena endlwini engenampahla emva koqhawulo-mtshato, kodwa ngoku unendlu aneqhayiya ngayo eFourways eJoburg umsasazi wezemidlalo kuSABC, uCarol Manana.
KWABALIXESHA elinzima kum ukususela ekupheleni kuka-2006 ukuya ekuqaleni kuka-2007. Kwasweleka udadewethu eshiya inkwenkwana ngasemva, ndabe ndiqhawula umtshato nomyeni wam ongutata woonyana bam ababini, ngaphezulu kwayo yonke loo nto kwabe kufuneka ndiyokungena endlwini engenampahla.
Ndaya kuhlala kwindlu enamagumbi amane, ibhedi kunye neTV noonyana bam uJoel (7), uSolly (2) kunye nonyana kadadewethu (3)! Kwakunzima.
Ukuba ndedwa yaba lutshintsho olunzima, phofu ke ndinabantwana, uSolly owayesel' usana wayeyenza nzima nangakumbi imeko.
Le ndlu yayingenampahla kodwa ndandikhululekile. Yayisisiqalo esitsha kuthi sonke ngoko ke yakhawuleza yaqheleka loo meko.
Ndayikhetha le ndawo kuba ikufutshane neendawo ezininzi. Abantwana bayakwazi ukuya ezikolweni eziphucukileyo zaseSandton kwaye ikhuselekile. Into ebalulekileyo kum ngekhaya kukuba liyindawo yokuzimela, ukuphola nokuba ndawonye.
Enye yeenkumbulo ezimnandi endinayo kulo mzi yayingoDisemba ophelileyo apho ndandimeme onke amalungu osapho kwibrayi. Kwafika amalungu osapho aphuma mbombo zone zeli. Kwakukho nabazala esabagqibela kudala. Kwakusojiwa, kuqujwa, kuncokolwa.
Ndinqwenela ukuba ndinganexesha elininzi lokumema abantu apha ekhaya. Okwangoku ndiyakonwabela ukuba sekhitshini xa ndisekhaya. Ndiye ndenze ilasagne kwaye ndiyakuthanda ukupheka umsila wenkomo.
Ndichitha ixesha elininzi nabantwana xa ndisekhaya. Elona gumbi silithandayo ligumbi lokuhlala, apho sigcina khona izinto zokudlala.
Ikhaya yindawo yokuphumla. Zibalulekile kum iifilim, yiyo loo nto ndinobhaza-bhaza weTV kunye nazo zonke izinto zobugcisa bala maxesha.
Ndiye ndizibone ndisebenze kakhulu xa ndijonga yonke into endinayo ngoku. Ukususela endlwini engenampahla ukuza kutsho ngoku. Ndinebhongo neqhayiya lokuthi likhaya lam eli. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Peter Whitfield
UTYELELWE EKHAYA YIBONA
1. Ikhuselekile le ndawo kangangokuba (usuka ngasekhohlo) uJoel, uSolly, noMpho badlala nasesitalatweni.
2. Uthi uCarol uthanda ukuhombisa indlu yakhe ngemibala ezolileyo.
3. Bonke bayazithanda iifilim yaye isidlali-mculo anaso kule ndlu yeyona nto inexabiso eliphezulu anayo.
4. Ixesha balichitha kunye bedlala imidlalo yeplaystation.
5. UCarol uzibuthele iimbasa eziliqela.
6. UCarol upheka iphasta emnandi.
7. UJoel unegumbi lakhe yedwa elinebhedi yesibini ayisebenzisa xa kufike abahlobo bakhe.
