xhosa.2930.teen
Izoluleko zikaFat Charlie
QHO ngoSeptemba nangoOktobha amaphepha-ndaba neemagazini zibhala iingcebiso zokulungiselela iimviwo ezisukuba sezisemnyango. Onke amacebo azo mahle, kodwa inyani yeyokuba afika kade.
Ukuba ubusisituji unyaka wonke ulibele kukudlala, akukho cebo lingakuhlangula libuyise ixesha olichithileyo enyakeni.
Ngoko ke, endaweni yokulala unyaka wonke uphaphame xa uphelayo, qala ngoku ukuzimisela!
Ukuqala ngoku, wenze umsetyenzana qho ngemini kwakukusindisa ekubeni wonganyelwe ngumsebenzi libe ixesha lingasekho.
Ikwakukuphela kwendlela ongaqinisekisa ngayo ukuba uyaphumelela!
Njengoko sisazi ukuba ukuqala konyaka omtsha kuthetha isiqalo esitsha esikolweni nelinye ithuba lokulungisa iziphoso zakho, nazi iingcebiso eziza kukunceda uqinisekise ukuba u-2008 ngunyaka wakho wokuqaqamba esikolweni...
#1 qonda ukuba kutheni
UFat Charlie uke wakuchaphazela oku ngaphambili. Isikolo siyadika, kodwa yinto omele udlule kuyo. Yinyani leyo, ngoko ke yamkele. Ukusoloko ukhalaza akuzukunceda ngantoo.
Isikolo ngumdlalo omele uwudlale kwaye uyimfuneko kuba xa uwudlale kakuhle ukuvuleka iingcango ezininzi.
Uzenzela lula izinto xa ukuqonda oku, kwaye usenza ngokufanelekileyo. Uza kuzikhwebula kwizinto ezingakusi ndawo, uzidle ngokuziphatha kwakho kakuhle.
Abangawenziyo umsebenzi wesikolo kuba besithi kukuchith' ixesha bangabonakala ngathi bonwabile, kodwa akunjalo. Bayazi ukuba loo nto ayilunganga, ngoko bezidla nje bazama ukufihla uloyiko abanalo lokungazi nto.
#2 YIBA NENKATHALO
Ukuba uyakwazi oku ngesikolo kuthetha ukuba uyaqiqa ngengqondo. Njengokwazi ukuba ukuze uphumelele umelwe kukwenza izigqibo malunga nokubalulekileyo kuwe nangokusebenzisa ixesha lakho nezinto onazo, ungaxelelwa ngabahlobo bakho izinto emazibaluleke kuwe, bakulahlekise ungawafezekisi amaphupha akho.
#3 YOYISE IMEKO
UFat Charlie uyazi - izikolo ezininzi zikwimeko embi, kodwa xa unenkathalo uyazi injongo yokuya esikolweni, ungayoyisa imeko leyo.
Ingaba ingxolo ininzi egumbini lokufundela" Okanye kushushu" Okanye liyabanda" Ungoyiswa zezi meko. Wena jolisa amehlo akho ekubeni uphumelele ugqibe uphume apho!
#4 BAMBA IXESHA ULUNGELE UKUSEBENZA
Iintsuku zakho ziza kubantle xa ufika ngexesha esikolweni. Ukufika sele ubaleka kuyakhathaza. Endaweni yoko, ukuba kuyakoyisa ukuvuka kusasa okanye esikolweni kukude, qinisekisa ukuba unewotshi ene-alam eza kukuvusa phambi kwexesha kusasa.
Lungisa yonk' into ebusuku ukuze kusasa ungalibali izinto ezibalulekileyo.
#5 LUNGISA IZINTO EZISISESEKO
Yiba nebhegi yesikolo eyomeleleyo enazo zonke izixhobo eziyimfuneko eklasini njengosiba lokubhala, ipeni yomsizi, irula, umatshini wokulola, iprotraktha, ikhampasi nezinye. Uzigade zingophuki okanye zilahleke!
Kwakhona, qwalasela ukuziphatha egumbini lokufundela:
Musa ukukhwaza uphazamise. Phakamisa isandla ukuze utitshala akubone, uze ulinde ubizwe;
Musa ukwenza intshukumo ephazamisayo;
Hlala endaweni yakho, ngaphandle kokuba uyasuswa;
Hlonela abanye abantu kunye nezinto zabo;
Gcina igumbi lokufundela licocekile;
Landela yonke imithetho yokuziphatha yesikolo.
Ezi zinto zingajongeka ngathi zincinci njengokufika ngexesha - kodwa ke nenkqayi ingena ngeentlontlo.
Ukungazinakani izinto ezincinci kungakubuyisela umva, ngoko ke zithabathel' ingqalelo ukuze uqhubele phambili!
#6 PHULA- PHULA
Kubalulekile ukuphulaphula egumbini lokufundela.
Ukuphulaphula kufuna umise ingqondo wetyise okuthethwayo.
Sebenzisa ingqondo yakho ukukhetha into eza kusenza isifundo sibaluleke kwaye sibenomdla. Khumbula, nokuba awuqondi ukuba isifundo eso sibaluleke ngantoni ebomini bakho, kodwa "sisabalulekile" kuba kufuneka usazi ukuze uphumelele.
Eso sizathu sisodwa nje simele ukukwenza uphulaphule xa ufundiswa.
Phulaphula iititshala zakho, ulandele imiyalelo yazo kakuhle ucele uncedo xa kukho ongakuqondiyo...
#7 JONGANA NEMICELI-MNGENI
... ukuba awukayiqondisisi into ethile, sukuncama! Phula-phula ngakumbi, usebenzele ukuba uyive into ethethwayo. Cela nokuba ngumhlobo ovileyo akucacisele.
#8 HLALA ULUNGILE
Mlisela nomthinjana, gqibani imisebenzi neeprojekthi zesikolo phambi kwexesha, ubomi buya kubalula ngolo hlobo.
Akukho nto imnandi njengokubukela abanye besihla benyuka begqibezela iprojekti ngobusuku obuphambi kokuba ingeniswe ube wena uhleli ungenzi nto.
#9 WENZE UMSEBENZI WASEKHAYA
Umsebenzi wasekhaya uyimfuneko. Wenze ungakhalazi uza kubona ukuba unethuba elininzi lokwenza nezakho izinto.
Gqibani kwixesha lokuwenza nabazali bakho. Oko kuza kuthintela ingxoxo ezingeymfuneko.
Umzekelo, ukuba ubona kungakunceda ukuba uthathe isiqingatha seyure uphumle phambi kokuqala umsebenzi wesikolo, xa bekwazi oku abazali abanakukungxolisa ungena nje emnyango.
Kuhle nokumana uthatha amakhefu amafutshanana xa usenza umsebenzi wesikolo ukuphumza ingqondo. Kwiyure nganye ungaphumla imizuzu eli-15 ngokutsho kweengcaphephe. La makhefu wabhale kwisicwangciso sakho somsebenzi wasekhaya ukuze abazali bakho bazi ukuba awudlalisi xa ungekho kwindawo ofundela kuyo.
Baza kutsho bakuncede ngokuthulisa ingxolo yabantakwenu bafudusele nemisebenzi yakho yekhaya engakuphazamisa kwimpela-veki.
Khumbula nokuhamba ngokwesicwangciso osibhalileyo. Le yenye indlela obonakalisa ngayo ebazalini ukuba unenkathalo. Loo nto ke iya kubathambisa nakwezinye izinto zobomi bakho!
#10 UMSEBENZI OCOCEKILEYO
Umsebenzi wakho mawucwangciseke ucoceke, uyiqwalasele imbonakalo yawo. Jonga upelo lwamagama, iimpawu negramma.
Xa umsebenzi wakho ucocekile ubonakalisa ukuba uzimisele nokuba awuyoncutshe kweso sifundo. Ungawongwa ngamanqaku angaphezulu kunokuba ubufanele.
#11 UNGOYIKI UKUTHETHA
Ukufunda kumabanga aphezulu kuyachwayitisa, kodwa kuphinde kube nzima. Ingaba unoloyiko lwento ethile" Ukuba kunjalo, kuza kufuneka ujongane ngqo nonobangela woko.
Ukuba kukho into ongayithandiyo ethethwa kuwe ngabanye, kungayingozi ukuyigcina, mhlwawumbi lixesha lokuba uthethe nomntu omdala. Abazali bakho, umcebisi wasesikolweni, utitshala wakho - nawuphi na umntu omthembileyo!
OKOKUGQIBELA...
Ukusoloko uzama kangangoko, uwenze ngokukhawuleza umsebenzi wasekhaya, neminye imisebenzi yesikolo ikusa empumelelweni nakanjani loo nto, kuba kaloku iititshala ziza kukuthemba, ngokuya ukwenza oku nesikolo siya ngokubalula... [x]
Qhuba kakuhle esikolweni
BONA XHOSA - February 2008
Kumaqela amabini omlisela nomthinjana u-2008 uza kuba nomahluko kubo - lo maqela ke ngabaqala amabanga aphakamileyo nabaqala ibanga leshumi - kodwa ke nokuba ukweliphi ibanga, eli lixesha lokuba wenze isiqalo esihle esikolweni...
BONA XHOSA - February 2008
u
Uyifunda njani inoveli
Ukubhala ingxelo ngenoveli akuyondlwan' iyanetha, nokuba uyakuthanda ukufunda. Kodwa, kungalula noko ukuba uyayiqonda indlela ababhali abayisebenzisayo xa bebhala ibali okanye inoveli eyahlulahlulwe
ka-6...
Abadlali: Into yokuqala omawuyikhangele xa ufunda inoveli. Umdlali ophambili ngoyena unendima enkulu kwaye kuqalwa kwaziswe yena. Amaxesha amaninzi ibali silibona emehlweni akhe. Abalandelayo abadlali bona bavela ngokuvela ngokuya ibali liqhuba.
Indawo: Lenzeke phi ibali. Ibali lingenzekela ekhaya, emaphandleni, edolophini, esikolweni, nayiphi na indawo ekhethwe ngumdlalo. Amaxesha amaninzi indawo ikhawuleza ivele ebalini.
Ixesha: Ibali lingenzeka kwixesha elisandula kudlula okanye kwiminyaka yakudala. Ngokunjalo nexesha likhawuleza livezwe ebalini.
Ingxaki: Amaxesha amaninzi ingxaki isukela kwingxabano phakathi komdlali ophambili nomnye umdlali apha ebalini. Kodwa ingxaki ingaquka iimeko njengenkanyamba, imfazwe okanye ezinye iimeko ezidala ingxwaba-ngxwaba ebomini.
Iziganeko: Isiganeko ebalini ziinzame zokusombulula ingxaki. Kuqhelekile ukuba kube ziinzame eziliqela zokusombulula ingxaki zize ke ibe zezona ziganeko zakha ibali.
Isisombululo: Ingxaki isombululwe kanjani. Ixesh' elininzi ingxaki isonjululwa xa sele liza kuphela ibali. Maxa wambi isisombululo asivezwa de kube likhasi lokugqibela okanye kumhlathi wokugqibela.
Xa ukwazi ukuwabona la malungu mane enza ibali, uya kuliqonda bhetele kwaye ukonwabele ukulifunda, ukhumbule okwenzekileyo ebalini, kwaye ubone iindlela ezahlukeneyo zokubhala ezisetyenziswa ngababhali.
t
Umsebenzi wesikolo ococekileyo luphawu lokuba uzimisele nokuba awuyo ncutshe kweso sifundo
BONA XHOSA - February 2008
Lala ngokwaneleyo!
Ngokwengxelo ekhutshwe yiNational Center On Sleep Disorders yaseMelika, abantwana kufuneka balale iiyure ezilithoba ebusuku rhoqo benze ukhuseleko lwempilo yabo ukuze baqhube kakuhle esikolweni nakwezinye izinto.
Ukungalali ngokwaneleyo kungakhokelela ekubeni kubenzima ukumamela emntwaneni, akhawuleze ukuxakaniseka yaye abenobunzima bokulawula umsindo wakhe.
"Ukulala ngokwaneleyo kubaluleke ngokufanayo nokutya okusempilweni nokolula umzimba ukuze umntwana akhule kakuhle. Xa uqala unyaka omtsha esikolweni lilona xesha lilungele ukuba uqale ukuziqhelisa ukulala ngokwaneleyo," utsho uGqr. Claude Lenfant
Nina ke bantwana niselula ukuba ningaqonda ukubaluleka kokulala ngokwaneleyo, kodwa ke qinisekani ukuba oku niyakwenza.
