xhosa.1471.xeno
IBALI ELIKHETHEKILEYO
BONA XHOSA July 2008
IGAZI LIZELE IZITRATO, ABANTU BELI BAZELE INTIYO
Kwenzeke isihelegu sokuhlaselwa kwabantu "bamany' amazwe" abangenatyala kweli ngamaqela angeva kunqandwa ebebatshisela izindlu esiba neempahla zabo... USteven Makhanya uncokole namaxhoba olu dushe
BONA XHOSA July 2008
INKATHAZO iqale e-Alexandra. "Bendihlamba endlwini yam kubusuku bangeCawe. Ngequbuliso ndive kukhatywa ucango kwambonzeleka ngaphakathi amadoda axhobileyo. Andikhuphe ngetshova endlwini ndihamba ngaze ndinjalo, ahamba nam esitratweni ndinxibe ipenti qha..." litshilo inenekazi esiza kulibiza ngoJoyce.
Oko kuvakala ngathi yinto eyayisenzeka ngeminyaka yocalu-calulo, apho amapolisa okhuseleko ayephilisa ubomi bentshontsho abahlali basezilokishini. Ngaloo minyaka ayembonzeleka emzini wakho ebusuku akuxhaxhathekise ahambe nawe uze ungaphinde ufunyanwe.
Kodwa okwenzeka kuJoyce waseZimbabwe kwenzeke kuMeyi ka-2008. "Asiwafuni amakwerekwere apha. Phindelani emazweni akowenu," bebekhwaza besitsho abantu ebebebukele.
Njengoko engummi welizwe langaphandle, bekuthiwa makaphindele elizweni lakhe.
Abanye abemi baseMzantsi Afrika bathi abantu bamazwe angaphandle bafanele baphathwe njengendlela imidaka yeli eyayiphethwe ngayo ngeminyaka yocalulo lweentlanga kweli!
Ingaba uJoyce usisaphuli-mthetho? Akasiso! Ulixhoba nje lezenzo zabantu abambalwa kwaye uJoyce weza ukuzozakhela ubomi obubhetele eMzantsi Afrika njengabemi abaninzi bamany' amazwe abahlala kweli.
Uthe esebenza nzima ukufezekisa elo phupha, wazifumana sele elixhoba lamagwala anentiyo yabantu bamany' amazwe.
Ingaba ibendim ndedwa ongakhange akholwe xa kuqala ukuvakala kweendaba zokuhlaselwa kwabemi bamany' amazwe abakweli?
Ndishiyeke ndimatshekile emva kokuva ukuba kukho iqela labantu abahlasela abantu bamany' amazwe e-Alex.
Ndide ndeva matshona ukuba bekusenzeka ntoni kanye-kanye kodwa nalapho ndashiyeka ndingakholwa ukuba ingenzeka into enjalo.
Ndikholwe emva kokubona abantu bekhutshwa ngetshova ematyotyombeni abo, abanye bebulawa.
Ekuphela kwento abahlaselelwa yona kukuba nje benethemba ngengomso loMzantsi Afrika!
Kaloku yiloo nto ebazisa kweli lizwe, nathi ke sifanele sibe neqhayiya xa abantu belibona ilizwe lethu liyindawo yokwakha ubomi obutsha. Endaweni yoko abantu baseZimbabwe, abaseMozambique nabamanye amazwe sibabiza ngamakwerekwere esiwabukulayo.
Kuthe ke ngomhla we-11 kuMeyi abantu bamany' amazwe bahlaselwa ngabantu ababathabatha ngokuthi "bangabantakwabo" balapha eMzantsi Afrika.
Emva kwemini ngoMvulo bekuphithizela kwisikhululo samapolisa sase-Alexandra "ngabantu abangenandawo" abatshiselwe amatyotyombe abo. Bakhelwe iintente zokufihl' iintloko satsho esi sikhululo sangathi yinkampu yoogobityholo ekufutshane nommandla kafayayo.
Ndifike apho amadoda enze amaqelana amancinane, amabhinqa ezama ukutyisa iintsana zawo. Bonke bebebalisa intlungu abayivileyo njengentlungu eyaviwa kwiNazi Germany okanye ukubulawa kwabantu ngokobuhlanga eRwanda. Iqela ngalinye belineempahla elikwazileyo ukuzithabatha kumatyotyombe ebesitsha.
"Ndibuhlungu kakhulu xa sijikelwa ngabantakwethu abaNtsundu," litshilo ibhinqa esiza kulibiza ngoMavis lisibonisa iimpahlana zalo ezisindileyo.
"Xa benengxaki norhulumente bafanele bathethe norhulumente, bangasukeli thina singenzanganto. Nathi siyasokola njengabo."
Uhambise wathi akakholwa ukuba kukho "nesandla sesithathu" kulo mbhodamo njengokuba abanye abantu bekrokra. Uthe ngumona owenza bahlaselwe kuba amanye amatyotyombe abagxothwe kuwo ahlala abahlaseli babo.
Ndiye kwenye indawo abagcinwe kuyo abantu bamany' amazwe, ndafika ndancokola nexhego esiza kulibiza ngoBaba Banda...
UBANDA ungowaseMalawi kwaye uneminyaka engama-30 ehlala eMzantsi Afrika. Uziphilisa ngokuphangela.
"Andizange ndeba nto yaye andizange ndavalelwa entolongweni. Abany' abantwana bam bazalelwa kweli lizwe. Yintoni ke ngoku eyenza ndiphathiswe okomntu weliny' ilizwe namhlanje?
"Phantse bonke abantu balapha bayandazi. Bebengabamelwane nabahlobo bam iminyak' emininzi. Kutheni ke ngoku sele bendibona ndilutshaba?
"Ndigxothiswe okomshologu emzini wam. Ndiphume neempahla ezimbalwa kuwo," utshilo uBanda. Uthe akufumana ithuba lokuchwechwa ayokroba emzini wakhe, wafika ibiwe yonke impahla ebeyishiye apho.
"Aba bantu bakubiza ngesaphuli-mthetho, bakubethel' ugqirha nezicaka baze bebe impahla yakho, ngubani ke isaphuli-mthetho apho?"
Akukholeleki ukuba kusekho iinkokeli zopolitiko ezithi "kukho isandla sesithathu" kulo mbhodamo, logama ezinye zigxeka ucalulo olwafa eminyakeni eli-14!
"Olu hlaselo mna ndilubona luphenjwa zizaphuli-mthetho ezisebenzisa ukungonwabi kwabemi beli ngenxa yokungafumani misebenzi," utsho uBaba Banda.
"Wonk' umntu ukhathazekile ngokunqaba kwemisebenzi, kodwa ke awunakukhuphela umsindo wakho ebantwini abangenatyala. Nathi singamahlwempu sitsala nzima ukondla iintsapho zethu. Kodwa mna andinakuphindela eMalawi, ndiza kuphindela emzini wam," utsho uBaba Banda.
OMNYE umntu ovumelanayo nokuba ukubukulwa kwabantu bamany' amazwe licebo elisetyenziswe zizaphuli-mthetho ukuze zibe impahla yabantu nguChoke Sithole onesirhoxo sotywala nespaza e-Orange Farm emazantsi eJoburg. Uthi ungomnye woosomashishini ababelwa iimpahla zabo.
Uthi wahlaselwa ngabafana abasixhenxe. "Ndibazi kakuhle abo bafana, ndafika apha besema ngenja. Kodwa ngoku ngabo abathi mandiqoqe yonk' into yam ndibuyele eMozambique," utshilo uSithole.
Bamgxotha nje uSithole akasosaphuli-mthetho kwaye unemvume esemthethweni yokuhlala kweli lizwe.
Loo matyendyana ayengenamsebenzi nokuba uhlala kweli ngokusemthethweni na. Bangena kwisirhoxo sakhe bazenzela etywaleni neziselo ezixabisa amawaka.
Ngethuba ehlaselwa abamelwane bakhe babebukele, kodwa wakwazi ukuziphindezela. Bathi bakuhamba abahlaseli waqokelela abahlobo bakhe babazingela abahlaseli babafumana.
"Safika oonkabi besonwabile besela utywala bam. Babaleka bakusibona kodwa sanqakula ababini sabanikela emapoliseni."
UFatima Malobeka ongumhlolokazi onomntwana oneminyaka emine webelwa impahla ye-R5 000 evenkileni yakhe.
Abahlaseli bangena ngefestile yegumbi lakhe lokulala, kodwa uMalobeka wakwazi ukubalekela kwammelwane nomntwana wakhe.
Inkokeli yeCPF yasekuhlaleni, uBishophu Abram Mokoena uthi ezi zenzo zezolwaphulo-mthetho "Yenye indlela nje le izikrelemnqa ezigrogrisa ngayo abantu abathobel' umthetho. Zenza olu lwaphulo-mthetho kuba urhulumente akazohlwayi qatha izaphuli-mthetho."
KUKHO nosapho olubulawelwe unyana walo odibene nabahlaseli evela kuyobutha kumhlobo wakhe.
"Bamhlasela bengathethanga nokuthetha naye," utshilo umkhuluwa wakhe ongavumanga akhankanywe.
Ukuba babethethile naye babeza kuva ukuba usapho lwakowabo lolwaseMpumalanga.
"Abazange bamnike thuba lokuzithethelela. Wafika utata sele ebanda. Andisokuze ndibaxolele ababulali bakhe."
Makhe sibuyele kwibali likaJoyce owakhutshwa endlwini ehamba ngaze.
Uneminyaka engama-20 yaye uneenyanga ezimbalwa efikile eMzantsi Afrika.
Uthi kowabo eZimbabwe alikho ingomso lomntu osemtsha njengaye ofun' ukufunda aze afumane umsebenzi omhle.
Kaloku eli lizwe libhetele kunamany' amazwe ase-Afrika, nangona nathi sisakhalaza nje.
Mhlawumbi yiloo nto eyenza abantu beli bababukule abemi bamany' amazwe.
"Ndiwabona etshabalele amathuba am okuba nobomi obuqhelekileyo ehlabathini. Ndiyazi ngoku ukuba andinakuphinde ndilungelwe nto ebomini de ndife," utshilo uJoyce.
Loo ntetho ifanele ibenze abahlaseli bakhe bazive bengamagorha okwenene. [x]
IBALI ELIKHETHEKILEYO
Kuye kwangathi yiminyaka yoo-1980 kwakhona, kuvuth' amatayari.
BONA XHOSA July 2008
Omny' umgulukudu usisiwa emapoliseni.
Babaleka amapolisa.
Ivenkile ikhal' ibhungane emva kohlaselo
Impatho yoMzantsi Afrika?
SIXELELE IMBONO YAKHO
Yintoni esuse olu dushe lokubukulwa kwabantu bamany' amazwe? Singathini ukuze ingenzeki kwakhona into enje? Sibhalele usibalisele okubonileyo nokucingayo. Bhalela kule dilesi: Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060.
BONA XHOSA July 2008
IBALI ELIKHETHEKILEYO
MALUPHELE UDUSHE!
Ilizwi lomhleli weBONA, uForce Khashane...
SEKUYIMINYAKA eli-14 i-ANC yaphumelela kunyulo lwedemokhrasi - kwaye abantu baseMzantsi Afrika bakruqukile ziintetho, zizithembiso nezizathu zokuzithethelela kukarhulumente!
UMzantsi Afrika ulilizwe elinamandla ehlabathini, kodwa urhulumente ubalibele abantu wazixakekisa ngoonobenani abanjengokutshintshwa kwamagama ezitrato.
Ulibele ukuba abantu abawuvotelayo basahlala ematyotyombeni anjengawaseKliptown, apho kusweleke abantu abathathu kuhlasela isifo sorhudo kutshanje.
Xa iBONA ibityelele ematyotyombeni aseKliptown - nekuyindawo endibongoza iinkokeli ze-ANC ukuba ziyityelele ukuze zibone ukuba abantu baphila njani - sifike sabona abantu besakha amanzi kwiimpompo zikawonke-wonke. Benjalo nje basasebenzisa ii-emele kwizindlu zangasese. "Ndaqal' ukuhlal' apha ngo-1983 kwaye ndisahlala etyotyombeni nangoku," litshilo ibhinqa esithethe nalo.
Ngoko abantu bafanele ukungonwabi. Kodwa kutheni ityala belibeka ebantwini bamany' amazwe? Nokuba bebekhona okanye bebengekho imeko yabo ibiseza kufana.
Yiva ke okutshiwo ngurhulumente... ugxeka "isandla sesithathu" kulo mbhodamo. Ingaba ngaloo nto akazami ukuzithethelela abe etyeshela ezona zinto zifun' ukwenziwa?
Xa ke ngenene kukho "isandla sesithathu", kutheni engazijongi yena nje? Ngubani ozuzayo xa kugxekwa abantu bamany' amazwe ngezinto esingenazo kweli lizwe?
Kucinge oku. Ngubani oxhamlayo xa urhulumente engazizalisekisi izithembiso yaye wombethwe bubuqhetseba, baze abantu bathi ngamakwerekwere enza kubekho ulwaphulo-mthetho, kunqongophale imisebenzi neziny' iingxaki?
Ukugxek' abantu nokukhuthaza abany' abantu ukuba bagxeke abanye yindlela entle yokufihla ukoyisiwa ngumsebenzi kwakho.
Nokuba ke olu dushe beluphenjwe yintoni, masithembe ukuba luza kuphela kungekudala. Masithembe ukuba isininzi sabemi baseMzantsi Afrika baza kuluphelisa.
Xa ubona iifoto zolu dushe cinga oku: oku kungenzeka nakuwe kwixesha elizayo. Xa behlasela amakwerekwere ngoku, baza kuhlasela bani ngomso?
Oko ke kubonis' ukuba akukho mntu ukhuselekileyo, kuba ngomso basenokungabulali abantu ngokobuhlanga okanye ngokwelizwe labo.
Kungenzeka ucinge ukuba "Ndivile ukuba abantu bamany' amazwe bayinkathazo kodwa ke mna andikhange ndihlasele mntu." Uze ungenzinto ngolu dushe.
Umbuzo ke ngowokuba wena uya kuncedwa ngubani xa uhlaselwa ngequbuliso ngabahlobo nabamelwane bakho kuba ukhonza kweliny' ibandla okanye ulilungu lomnye umbutho wepolitiki?
BONA XHOSA July 2008
