xhosa.2915.petrol
Indlela yokong' ipetroli
XA kuthethwa ngokongiwa kwepetroli kufuneka uzihoye izinto ezincinane ozibona zingoonobenani! Ukutshintsha izinto ezimbalwa kwindlela oqhuba ngayo - nokwenza oko kusebenzayo - kungakongel' imali eninzi.
Oko kubonakele kwiingcebiso zokong' ipetroli esizinikwe ngabafundi beBONA...
ICEBISO #1: Ungahambi kakhulu ngemoto
Ukungahambi kakhulu ngemoto lelona nyathelo likhulu. "Dibanani nabantu enisebenza kwindawo enye nabo nisebenzise imoto enye," ucebisa ngelo uSARITA WALLER waseSea Point.
"Niya konga ipetroli nikwazi nokuhamba nincokola ngezasemsebenzi!"
Ngaloo ndlela niya kunceda ekunciphiseni iimoto ezisendleleni ukanti kungenza nemoto yakho ingakhawulezi iguge.
USarita ukwacebisa nokuba uzicebe kakuhle iindlela zakho zokuyothenga. Oko kuya kunciphisa iindleko zakho kwenze nemoto yakho ihlale ixesh' elide!
ICEBISO #2: Sebenzisa izithuthi zikawonke-wonke
Xa kungekho bantu ungadibana nabo nisebenzis' imoto enye, kubhetele usebenzise izithuthi zikawonke-wonke, utsho uOSMAN MAKHAMBA waseWellington noBUSISIWE MAHLANGU waseMhluzi.
Oku kuya kukunika nethuba lokufund' iphepha ungasoloko umamela umgosi wasemsebenzini kuphela!
Asitsho ukuba ungahambi ngemoto uze wonwabele ubumnandi bokuhamba ngayo. Sithi musa ukuhamba ngayo yonk' imihla - ngaloo ndlela uya kukonwabela ukuyiqhuba.
ICEBISO #3: Yikhathalele imoto
Phantse bonke abafundi bethu abasibhaleleyo bakukhankanyile ukubaluleka kokuba imoto kufuneka ibekwimeko entle - sibaqhwabel' izandla ngaloo nto!
Kaloku i-air filter emdaka okanye iispark plugs eziphelileyo zingawunyusa umthamo wepetroli eyityayo nge-20%.
Wujonge rhogo nomoya emavili, kwaye kufuneka ufake umoya ophantse ulingane nowona myinge uphezulu obekwe ngabenzi bevili.
Amavili angagcwalanga kakuhle ngumoya enza imoto itye ipetroli kwaye nawo akhawuleza aphele, ngaphezulu akakhuselekanga.
ICEBISO #4: Khumbul' iqanda
Ibaluleke kakhulu indlela oqhuba ngayo imoto yakho. Xa unyathel' umcephe, wunyathele ngathi kukho iqanda ngaphantsi kwawo uze uwunyathele kuhle xa ufun' ukunyus' isantya endleleni.
Unganyatheli umcephe kakhulu uze unyathele iziqhoboshi ngamandla, kuba uya kumosha ipetroli ngaloo nto.
Isantya sinyuse kancinane kancinane uze ukhawuleze ulususe unyawo emcepheni xa usiya kwindawo efuna ukuba umise okanye ezirobhothini ukuze isantya semoto sizehlele.
"Hamba ngesantya esifanayo. Umqhubi oqhuba kakuhle uzisebenzisa kancinane iziqhoboshi. Zama ukugcin' imoto yakho ikweyona giyeri iphezulu. Oko kuya kwenza injini yayo ihambe ngeerevu eziphantsi," utsho uYAKOOB CASOOJEE waseNigel.
Lihle icebiso likaYakoob, qha uze ungayiyeki imoto ihambe ngeyona giyeri ephezulu nokuba sele isindwa injini.
Kufuneka uzame ukuyigcina ikwindawo engakhamekiyo kuyo injini, uqinisekise nokuba ihamba ngegiyeri efanelekileyo maxesha onke.
ICEBISO #5: Ukusebenzisa i-Aircon (maxa wambi)
Kukho impikiswano eneminyak' emininzi iqhubeka yokuba ingaba kubhetele uqhube imoto ene-Air-conditioner uyivule uze uvale iifestile na okanye kubhetele uvale i-Airconditioner uze uvule iifestile.
Impendulo ke kukuba ukuze wong' ipetroli vula i-aircon uvale iifestile!
I-airconditioner idla amandla enjini, nto leyo ithetha ukuba itya ipetroli kodwa ayiyityi kakhulu.
xa uhamba kancinane ungayonga ipetroli ngokuyivala i-airconditioner, kodwa xa uhamba ngesantya esiphezulu uvule iifestile umoya ongena ngazo uyayibamba imoto kuze kufuneka injini itsale ngamandla ize isebenzise ipetroli eninzi kunobuya kuyisebenzisa xa uvule i-airconditioner.
Okona kucacayo ke kula macebiso kukuba kufuneka ugcine imoto yakho ikwimeko entle yaye uyisebenzise ngobuchule.
Kunzima ukuhamba xa iimoto zininzi endleleni, ngoko soloko uzama ukufumana iindlela ezilula zokufikelel' emsebenzini.
Ungakonwabela ukuqhub' imoto yakho kwiindlela ezingenamoto kakhulu ngempela-veki okanye ngeemini zeholide. [x]
BONA XHOSA - May 2008
Kwiinyang' ezimbalwa ezidlulileyo, sicel' abafundi beBONA ukuba basinike amacebiso abo okong' ipetroli. Sicele neengcali zeemoto ukuba zisinike awazo. Nanga asebenzayo...
KUBHALE KWAFOTA GAVIN FOSTER
YONG'IMALI
BONA XHOSA - May 2008
u
I-R5 000 ngonyaka!
Ezo ziindleko eziza kuthwala ngabaqhubi beemoto ngenxa yokucima kombane
I-Automobile Association ikhuphe ingxelo ngelahleko eza kuthwalwa ngabaqhubi beemoto ngenxa yokucinywa kombane okwenza zicote iimoto kuze kutyeke ipetroli.
Ethetha ngeengxaki zokungasebenzi kweerobhothi, umlawuli oyintloko u-Ed Kok uthe: "Ukongezeka kwexesha olichitha endleleni kunyusa nepetroli oyisebenzisayo, kwaye oko kuya kuqala ukuvakala kumgama abadla ngokuwulindela abaqhubi kwiitanki zabo zepetroli."
UKok uthe umgama we-55km ongawuhamba ngemizuzu emalunga nama-35 ngesantya esingu-95km/h ungawuha imizuzu engama-90.
Oko ke kuthetha ukuba wongeze imizuzu engama-55 ukuya kwicala.
Imoto eyi-1,6 litre isebenzisa malunga ne-1,5L yepetroli ngeyure xa iduma nje ingahambi - ngoko ngonyaka i-660 yeelitha ozisebenzisa uvaleleke endleleni ingaxabisa malunga ne-R5 000.
Ukucim' imoto...
Uyayicima okanye akuyicimi"
Abafundi abangu-ALOUIS SITHOLE noBUSISIZWE MAHLANGU bathi kuhle uyicime imoto ungayiyeki iduma xa ulinde umntu.
Licebo elihle elo, kodwa xa uza kumlinda ngaphezulu kwemizuzu emibini loo mntu.
Ukudumisa nokucima imoto kaninzi kubulala istatha esiya kukudla imali enkulu ukusilungisa kunobuya kuyonga kwipetroli.
Ukuhamba kukho umoya
Indlela imoto engabanjwa ngayo ngumoya
Ukubanjwa kwemoto ngumoya kungayitya kakhulu ipetroli. Khupha ingalo yakho imoto ibaleka, isandla sakho sijonge ezantsi. Sijike ke isandla sakho umphakathi ujonge phambili. Uyawuvum' umahluko"
Ngoku cinga ngamandla asetyenziswa yinjini izama ukutyhala into enkulu etyhalelwa emva ngumoya.
Zikhuphe iintsimbi zokuthwal' impahla ezingaphezulu kwemoto, okanye ufake into yokuthwala ewusikayo umoya.
UMalcolm Kinsey owagqwesa kwiklasi yakhe izihlandlo ezili-14 kwiTotal Economy Run, uthi wayeyipolisha imenyezele imoto yakhe ngaphambi kogqatso ngalunye, kwaye wayezibona iziphumo zaloo nto.
"Zikhuphe iintsimbi zokuthwal' impahla ngaphezulu kwemoto xa ungazisebenzisi. Xa ulayisha imoto eyiveni, zama ukuba umthwalo ungaveli ngaphezulu kwemoto," utsho uKinsey.
Eziny' iingcali zithi xa uhamba ngeveni ingenanto yivule ucango olungasemva ukuze lungabambi umoya, ukanti ungalukhupha xa ungalusebenzisi rhoqo.
BONA XHOSA - May 2008
Ukuvula i-aircon xa uhamba ngemoto kokona kukongela ipetroli!
Ingaba yi-R10 ilitha"
Alikazukuhla ixabiso lepetroli
Xa besibhala eli nqaku, iingcali zoqoqosho bezisithi kungekudala siza kuhlawula i-R10 ngelitha yepetroli. UDavid Shapiro wakwaSasfin Frankel Pollak Securities uthi liselikhulu ilifu elimnyama elijinga ngaphezu koMzantsi Afrika nehlabathi.
Ethetha kwintetho-mpikiswano yoqingqo-mali eThekwini ngoFebruwari, uthe ikekele imeko yoqoqosho yehlabathi, kwaye njengoko le meko imandundu e-US, aseza kunyuka amaxabiso e-oli nawokutya.
Namaxabiso okutya kulindeleke ukuba anyuke kakhulu.
"Ukungazinzi kwezopolitiko kudibene nolwaphulo-mthetho norhwaphilizo nengxaki yokuphela kombane eMzantsi Afrika kwenza abatyali-zimali babe madol' anzima ukutyali imali yabo kweli," uutshilo.
Njengoko kulindeleke ukuba linyuke kwakhona ixabiso lepetroli, abanini beemoto baza kuhlawula i-R1-billion ngenyanga ngenxa yokunyuka kwepetroli, ukanti amashishini wona aza kuhlawula i-R670-million ngenyanga, zize iintsapho zihlawule i-R330-million ngenyanga ngaphezulu kwemali ebeziyisebenzisa kwipetroli, utsho uTony Twine oyingcali yoqoqosho eyintloko kwa-Econometrix eJohannesburg.
Xa ebethetha nephepha-ndaba iSunday Tribune, uTwine uthe amashishini aza kuba nemali encinane yokunyusa imivuzo, kwaye oko kuza kubeka uxinzelelo kuqoqosho lweli.
Xa ebebuzwa yiSunday Tribune ngoFebruwari ukuba iza kufikelela nini kwi-R10 ilitha yepetroli, uMuzi Mkhize weSebe leziMbiwa naMandla uthe: "Andinakutsho kuba uMzantsi Afrika ulawula ngamaxabiso e-oli, endingakutsho nje kukuba abantu mabalindele ukuba iseza kunyuka ipetroli."
