xhosa.290.beach
Lumka xa uselwandle
kweli hlobo
Amacebiso okhuseleko
KUBHETELE izinto zithintelwe zingekehli - nazi iindlela zokuqinisekisa ukuba abalahleki abantwana bakho okanye bazifumanise besengxakini...
Baxelele izinto ekufuneka bazenze xa nizikhuphele elwandle. Bachazele ngeengxaki ezenziwa kukulahleka kwabo elwandle - intlungu okukushiya kuyo kwanokubaluleka kokuhlala kunye maxa onke ningohlukani.
Baxelele ukuba badlale kumgama ongakanani ukusuka kuwe kwanokuba bangabaleki nabany' abantwana bangene emanzini.
Baxelele ngoloyiko lokurhaxwa.
Baphulaphule nabo uze uyiphendule ngokunyaniseka imibuzo abakubuza yona.
Bafundise inombolo yakho yeselfowuni.
Baxelele ukuba xa belahlekile mabajonge ibhinqa elinobubele bacel' uncedo kulo.
Abantwana abasebancinci kakhulu babophelele umbhalo onegama lakho, elomntwana ngamnye nenombolo yakho yomnxeba esihlahleni somntwana ngamnye.
Bophelela imibhalo enemibala eyahlukeneyo ebantwaneni kwaye uyiphawule xa kuyimfuneko ngokuthi "Unesifo seswekile, ufuna isoya milk."
Banxibise iimpahla eziqaqambileyo ukuze ubabone naxa bemgama.
Xa ulahlekelwa ngumntwana...
... yiya kubahlanguli baselwandle, abantu abagada iimoto nabasebenza elwandle ubaxelele ingxaki yakho kwaye ubachazele inkangeleko yomntwana wakho.
Thathani iimpahla zenu niye kwisikhululo samapolisa kodwa nishiye ilungu elinye losapho.
Xa uchole umntwana...
... luxanduva lwakho ukuqinisekisa ukuba umdibanisa nabazali bakhe.
Ungathethi naye ixesha elide. Mbambe ngesandla nihambe nilaqaza abazali bakhe.
Mselise amanzi kuba kungenzeka athi kanti unxaniwe.
Xa ungaboni mntu ufuna umntwana olahlekileyo, jonga nantoni na eluphawu oluza kukukhokelela ekufumaneni abazali bomntwana okanye xa sele ethe dlundlu umntwana mbuze inombolo yeselfowuni yabazali bakhe.
Xa ungaphumeleli nakwenye kwezi zinto zibaliweyo, yiya kwisikhululo sabahlanguli baselwandle ubaxelele ngalo mntwana umcholileyo.
Mshiye namapolisa okanye abahlanguli baselwandle oqinisekileyo ngabo - ungamshiyi nabantu ongabaqondiyo!
Shiya inombolo yakho yomnxeba xa ufuna ukuba bakutsalele abazali bomntwana xa befun' ukwazi ukuba umchole njani, phi umntwana wabo.[x]
BONA XHOSA - December 2007
kubhale uPRIMROSE MRWEBI
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
Nantsi indlela yokuqinisekisa ukuba wena nabantwana bakho niyakonwabela ukuya elwandle kweli hlobo ngaphandle kwamakhwiniba...
