xhosa.2907.yourstories_truelife
WAYENAMA-24 eminyaka ubudala xa wavela nombono ochubekileyo kwaVodacom, ngoku uNkosana onama-33 uxelela uKamogelo Sebola weBONA ukuba weza kanjani noPlease Call Me kwaye kutheni efuna isabelo esimfaneleyo
EMVA kokufumana isidanga sam, ngo-1995 ndaya kusebenza njengomhlalutyi-zincwadi zemali oseluqeqeshweni kwaVodacom. Emva konyaka ndilapho ndaqeshwa ngokusisigxina. Ndandichitha ixesha elininzi ngo-2000 ndithetha efowunini nesinqanda-mathe sam nesiyinkosikazi yam ngoku. Ngeloo xesha wayesafunda ngoko ke wayengakwazi ukundifowunela ukuba akayiphiwanga imali ye-airtime ngabazali bakhe, ukanti yayingekho neny' indlela anokundifowunela ngayo okanye anokundicela ngayo ukuba ndimfowunele.
Wavela kanjalo loo mbono kaPlease
Call Me wasimahla. Ndaxelela abaphathi bam ngalo mbono kuba ndandiqonda
ukuba ishishini lakwaVodacom laliza kuphuhla nguwo. Yayingumbono wam worhwebo lowo kwaye uVodacom wakhawuleza wawusebenzisa.
Savumelana ngomlomo kwaye kwakusekho imiba engekasonjululwa. Kodwa ndayibeka yacaca kwasekuqaleni eyokuba ndiza kufuna intlawulo ngombono wam.
Kodwa akuzange kube njalo, endaweni yaloo nto yasuka yawenza owayo loo mbono le nkampani. Yade yatyikitya izivumelwamo noCell C noMTN ezibavumela ukuba bawusebenzise nabo.
Kwakunzima kum ukubona umbono endeza nawo uphumelela ndibe ndingafumani nepeni ngawo. Ndazama ukuthetha noVodacom kwaye ndacela ukuba nentlanganiso nosomaqhuzu wakhona, kodwa ayizange yenzeke loo nto. Babengafuni nokuva kwaye babeyibonakalisa into yokuba andizukuchola nepeni ngombono wam.
Ndeva nokuba usomaqhuzu wathi igama lam lingafakwa kuluhlu lwabantu abaza kufumana iimbasa ngenxa yokuziphatha kwam.
Ndandizinikele emsebenzini wam wakwaVodacom, kodwa kwanyanzeleka ukuba ndihambe ngenxa yemeko phakathi kwam nabaphathi. Ndahamba ndaya kusebenzela ibhanki ngo-2003. Isizathu sam sokuyeka yaba sisigqibo sam sokuthabatha inyathelo lomthetho.
Ndaqala ndafuna iingcebiso zomthetho emva kokuba ndishiyile kwaVodacom. Kodwa ndaphelelwa ngumdla kwade kwanguMeyi ka-2007 apho ndababhalela iileta ndifuna intlanganiso nabo.
Kodwa azizange zithathelwe ngqalelo ezo leta kuba kwakusekho abaya baphathi banye yaye babengafuni nokuva ngalo mba.
Uyavuma uVodacom ukuba weza nam loo mbono kaPlease Call Me, kodwa bathi ngowabo kuba ndeza nawo ndisasebenzela bona. Bazimela ngegatya lesivumelwano sokuqeshwa elithi: 'Yeyenkampani yonke imibono namacebo aza nawo umsebenzi ngexesha esebenzela le nkampani'.
Leli gatya ke esilwa ngalo enkundleni yamatyala kwaye ndiyathemba ukuba inkundla iya kuvumelana nam.
Ndandingumhlalutyi-zincwadi zemali kwaye ukuzisa amacebo okuphuhlisa ushishino kwakungeyiyo inxalenye yomsebenzi wam. Ayilunganga le nto. Umzekelo, ukuba umntu endimqeshileyo wokucoca uza nechiza lokucoca eliphucukileyo ngexesha esebenzela mna, andinako ukuwenza owam loo mbono. Ndicinga ukuba ayilunganga into yokuba ndenze imali ngawo abe engafumani nto yena.
Andizange ndithethe nto mntwini emva kokuba idabi lam noVodacom lingundaba- mlonyeni, ndikhulile ngoku emoyeni kwaye ndiyakwazi ukuthetha phandle ngalo mba. Ndiya enkundleni yamatyala ndichwayitile. Ndiyazi ukuba ndinobungqina obuqinileyo obusele bulindele ukuvunywa yinkundla. Ndifuna igunya elisemthethweni lokuba ngumnikazi walo mbono kwaye ndifuna nokuxhamla kwinzuzo ukusukela ekuqaleni kokusetyenziswa kwawo ukuza kuthi ga ngoku.
IBONA icele izimvo zakwaVodacom ngalo mba. Saphendula isithethi sakhona sathi: Wonke umsebenzi owenziwe ngumsebenzi ngexesha esebenzela inkampani ngowenkampani, ngoko ke noPlease Call Me ngowakwaVodacom. [x]
UNkosana uthi ukhulile emoyeni kwaye uchwayitile, nto leyo imkhuthazayo ukuba abenako ukusa uVodacom enkundleni yamatyala.
BONA XHOSA October 2009
UBOMI BOKWENENE
NDIM OWEZA
noPlease Call Me
UNkosana Makate umangalela inkampani enkulu yeeselfowuni yakwaVodacom ngezityholo zokweba kwaye yenze izigidi ngombono wakhe
