xhosa.2901.parenting
ubuzali
Iintsana ezingaguqukiyo
BONA XHOSA - August 2007
UKUZE ulubeleke kakuhle usana lwakho kufuneka lulale "lujongis' intloko ezantsi, isilevu salo sibe sesifubeni uze umqolo walo unqike kudonga lwesisu sikanina," kuphawula incwadi ethi Sister Lilian's Pregnancy And Birth Companion.
Zonk' iintsana ziqala ngokulala intloko yazo iphezulu kodwa ziyaguquka xa sele lisondele ixesha lokubeleka intloko ijonge ezantsi.
Eziny' iintsana ziguquka ngomzuzu wokugqibela ukanti ezinye aziguquki kwaphela.
Xa lungaguqukanga usana uba neengxaki xa ubeleka yaye uyanyanzeleka ukuba ubeleke ngoqhaqho.
Iintsana ezingaguqukanga azibelekwa ngokwendalo kuba kubeka ubomi bosana esichengeni.
Kubalulekile ukuya kugqirha qho ukuze ayibone indlela olulele ngayo usana lwakho.
Yintoni unobangela"
Iingxaki zesizalo ziyalwenza usana lungaguquki de luzalwe. Ubume besizalo nesizamva zizinto ezikuchaphazelayo ukuma kosana.
Xa ukhulelwe amawele akothusi ukungaguquki kwawo kuba indawo akuyo incinci.
Xa isizamva sinamanzi kakhulu usana alukwazi ukuguquka. Iintsana ezineengxaki zempilo aziguquki.
Ukuma kosana
u Ukulala lujongise intloko phezulu: Lulala luqothile.
u I-Frank Position: Usana lulala lujongise intloko phezulu iinyawo zingasentloko.
u Ukuhlala ngeenyawo: Iinyawo zalo ziba ngaphantsi kweempundu.
u Ukuvela ngamadolo: Usana lulala ngendlela eyenza kuvele amadolo kuqala xa luzalwa.
Luncede luguquke
Xa ubuzimisele ukuzibelekela kodwa ngenxa yendlela olulele ngayo usana lwakho uzifumana sele uza kubeleka ngoqhaqho ungenza la macebiso alandelayo ukuluncedisa luguquke:
u I-ECV: Abanye oogqirha benza iECV (External Cephalic Version) ukunceda usana ukuze luguquke. Ugqirha uncedisana nombelekisi baluguqule ngaphandle. Kufuneka wena nosana lwakho nibe sempilweni ukuze nikwazi ukwenza iECV - maxa wambi usana lubuyela kwindlela ebelulele ngayo.
u Imithambo: Guqa ngamadolo ubambelele ngezandla phantsi, intloko namagxa alale phantsi kodwa amathanga aphakame nge-90 degrees. Ungawenza lo mthambo imizuzu eli-15 kabini ngemini iintsuku ezintlanu. Asoze lukwazi ukuguquka usana lwakho xa intloko yalo sele ingene emarhorhweni.
NGOLWAZI OLUTHE VETSHE
Conception, Pregnancy & Birth by Dr Miriam Stoppard (DK, 2000)
Sister Lilian's Pregnancy And Birth Companion (Human & Rousseau, 2005)
Xa usana lumi ngendlela engaluvumeli ukuba luguquke awuzibelekeli...
Okoomama nootata....
ABANTU abafani ngoko baba ngootata abangafaniyo. Nangona into ebalulekileyo xa ungutata kukubonisa uthando ebantwaneni bakho nakusapho lwakho luphela, zikho izinto ezincinci ezikwenza ube ngutata.
Ingaba uluncedo" Ootata abaluncedo bayancedisa ekukhathaleleni abantwana nasemsebenzini wasekhaya.
Ingaba uyakuthanda ukonwabisa abantwana bakho" Lo ngutata okuthandayo ukudlala nabantwana noxa engakuthandi ukwenz' umsebenzi wasekhaya.
Utata ololu hlobo uzinik' ixesha lokudlala nabantwana kwaye uyabafundela amabali ngaphambi kokuba balale.
Utata ongqwabalala: lo ngutata onemithetho engqongqo. Ufuna ukuba ngumzekelo omhle ebantwaneni bakhe ngoko ke wenza le nto abafundisa yona.
Utata onobubele: lo ngutata obathandayo abantwana bakhe kwaye uthi noxa umama wabantwana esithi mabangayityi i-ice-cream yena abanike.
Iqabane: lo ngutata oncedisanayo nomama wabantwana yaye uthath' inxaxheba ngokupheleleyo ekukhuliseni abantwana. Ubaqeqesha njengonina abantwana kodwa uyadlala nabo abonwabise.
Yomeleza izihlunu zamarhorho
Ukukhulelwa kungumthwalo onzima emzimbeni wakho kwaye kubangela izinto ezifana nokuba buthathaka kwezihlunu zamarhorho emva kokubeleka.
Ukwanda kwehomoni ebizwa ngeprogesterone kuthambisa izihlunu zamarhorho ukanti xa ulunywa naxa ubeleka ziyanwebeka. Loo nto yenza uphuncukelwe ngumchamo xa uhleka okanye uthimla.
Ukwenza imithambo eyomelez' izihlunu zamarhorho kuyanceda okanye kuyiphucule imeko yakho xa sele uqalile ukuphuncukelwa ngumchamo.
Yomeleza izihlunu zamarhorho ngolu hlobo:
Tsal' izihlunu ngokunga ubambe umchamo.
Zibambe imizuzwana embalwa uze uziyeke.
Yenza ngolu hlobo izihlandlo ezili-10 yonk' imihla. Qalisa ngokwenza kancinci uze uqinise xa sele ziqhelile izihlunu zakho yaye zomelele.
Ukuphuncukelwa ngumchamo kuyaqatsela ngokuya ukhula naxa unabantwana abaninzi.
Iingxaki zokuphuncukelwa ngumchamo ziquka ukungakwazi ukubamb' umchamo, ukuvuza komchamo xa uhleka okanye uthimla okanye ukuquqa kwindlu yangasese. Xelela ugqirha xa unenye yezi ngxaki. Uza kukunika amayeza aza kukunceda akuyalele nemithambo omawuyenze eza kukunceda.
Ungutata onjani wena"
BONA XHOSA - August 2007
liqulunqwe nguNONHLANHLA KHUMALO
u
t
ubuzali
Bafundise abantwana
Abantwana basoloko benothotho lwemibuzo abayibuza abazali kuba befun' ukwazi yonk' into. Ayikho mbi loo nto - ceba izinto oza kuzenza nabo uze ubayeke bafunde kwizinto ezenzekayo...
BONA XHOSA - August 2007
Hamba naye epaki
Uhambo lwasepaki lunceda ukumfundisa ngokusingqongileyo nendalo. Kukho imithi, izilwanyana ezincinci nezinambuzane ezincinane - ukanti kukho amavumba ahlukeneyo neziny' izinto angazifunda umntwana wakho.
Ungenzela usapho lwakho ipikniki kwisitiya esingumyezo wendalo kuba khona kukho abantu abancedisayo babonise abantwana yaye babafundise ngendalo nokusingqongileyo.
Yonwabela ukuthenga naye
Xa nisezivenkileni mxelele ngeentlobo zokutya okuthengayo. Yiya kwicandelo leziqhamo nemifuno umchazele ngemibala eyahlukeneyo kwanokuba kungani okunye ukutya kugcinwa efrijini lo gama okunye kubekwa kwiishelfu.
Olu lwazi lungamnceda lumfundise izinto ezintsha ebomini aze aphume evenkileni efunde izinto ezintsha.
Thetha nomntwana
Umntwana uqala ukunxibelelana ngokuthetha nokuphulaphula. Xa uthetha naye umkhuthaza ukuba akwazi ukunxibelelana nabany' abantu.
Ukuthetha kuhambisana neempawu ezenziwa ngumzimba xa umntu ethetha neziveza iimvakalelo zomntu lowo uthethayo.
Abantwana bayakuthanda ukuthetha kwaye kufuneka ukonwabele ukuthetha nomntwana wakho rhoqo.
Mbalisele amabali
Abantwana bakwayamanisa nomsebenzi wesikolo ukufunda ngoko ke abakuthandi. Ungamnceda umntwana wakho akuthande ukufunda ngokuthi umkhuthaze eselula. Ukufunda kuphuhlisa isakhono solwimi esiluncedo esikolweni.
u
BONA XHOSA - June 2007
u
t
ubuzali
Ukutshaya nosapho lwakho
SONKE siyazi ukuba ukutshaya kuyingozi empilweni yethu kodwa kunzima ukuyeka. Noxa kunjalo sikho esinye isizathu sokuyeka ukutshaya - impilo yosapho lwakho!
n Ukutshaya xa ukhulelwe okanye ukufunyanwa ngumsi wecuba womnye wamalungu osapho kuyingozi kusana lwakho. Qinisekisa ukuba akukho mntu utshayayo endlwini xa ukhulelwe.
n Ukufunyanwa ngumsi wecuba xa ukhulelwe konakalis' impilo yosana lwakho mhlawumbi lube neengxaki zokuphefumla.
n Iintsana ezifunyanwa ngumsi wecuba ziba sesichengeni sokuba nomhlaza wemiphunga xa sele zikhulile.
n Xa ukhulelwe yaye ufuna ukuyeka ukutshaya xelela ugqirha wakho ukuze akuncede kuba zikho izinto ezingakunceda uyeke ukutshaya.
Qinisekisa ukuba usapho lwakho luphela alufunyanwa ngumsi wecuba. Xa utshaya kufuneka uqinisekise ukuba utshayela kwindawo ekude nabantu elungiselelwe abantu abatshayayo okanye utshayele phandle.
Ukutheng' izihlangu zomntwana zokuqala
SELE efunda ukuhamba umntwana wakho yaye ufuna ukumthengela izihlangu eziza kukhusela iinyawo zakhe kodwa zizivumele zikhule.
n Ukhuseleko: Izihlangu zomntwana wakho kufuneka zimlingane kakuhle kwaye ibe zizihlangu ezingatyibilikiyo, njengezerabha ukuze angawi onzakale umntwana wakho.
n Zithenge ngenjikalanga: Kaloku iinyawo zabantwana ziyafana nezabantu abadala, ziyadumba emini. Thenga izihlangu ngenjikalanga ukuze zimlingane kakuhle.
n Qinisekisa ukuba ziyamlingana umntwana wakho. Hamba naye xa uyomthengela izihlangu ukuze azilinganise. Kufuneka ukwazi ukufaka umnwe wakho esithendeni naphezu konyawo xa esinxibile isihlangu ukuze uqinisekise ukuba ngenene simlingana kakuhle.
BONA XHOSA - August 2007
YINYANISO OKANYE BUBUXOKI"
Awukwazi ukubeleka ngoqhaqho izihlandlo ezingaphaya kwesibini
BUBUXOKI! Xa ubeleke kakuhle ngoqhaqho yaye ungazange wenziwe utyando olumandla esiswini ngaphambili ungambeleka ngoqhaqho umntwana wesithathu. Abany' oogqirha bayakuvumela uzibelekele nokuba wawubeleke ngoqhaqho ngaphambili.
Ukubeleka ngoqhaqho kuyenzeka kube neengxaki yaye nako kunobungozi bako njengalo naluphi na uqhaqho.
INGABA uhlangabezana nobunzima bokukhulelwa" Ubusazi na ukuba ukusel' ubisi olutyebileyo oluninzi nokutya i-ice-cream kungakunceda"
Iingcali zophando zaseHarvard University zifumanise ukuba amabhinqa asela ubisi olutyebileyo kanye ngemini akabinangxaki kangako zakungafumani bantwana. Ubisi olungatyebanga luneziphumo eziphikisana nezobisi olutyebileyo.
Xa usitya ukutya okunempilo, ubisi olutyebileyo alukutyebisi.
Lwandisa amathuba akho enzalo yaye lunik' umzimba wakho icalcium enceda amathambo namazinyo akho omelele. Icalcium iyakunceda uhlale unobunzima bomzimba obusempilweni.[x]
Ubisi olutyebileyo olwandis' inzala
