Xhosa.2890.yourceleb_10ques
IMIBUZO
Doris Msibi
UMSASAZI WEFORGIVE AND FORGET USIXELELA INTO ANGAYENZA NGEEYURE ZAKHE ZOKUGQIBELA EZIINGAMA-24 NANGENTSIKELELO ENKULU EBOMINI BAKHE
1. Kuphi ekhaya"
Ndazalelwa eRustenberg, ndaya eJoburg ndiseneenyanga ezimbalwa. Ndakhulela ePimville, eSoweto.
2. Sekulithuba elingakanani ukwiForgive And Forget"
Yiminyaka emibini.
3. Yintoni ongenako ukuyixolela"
Buhle gqitha ubomi ukuba ungade ungaxoleli. Kodwa ke kunzima ukulibala, kaloku ukubona kanye kukubona kabini.
4. Liliphi ibali elakhe lakuchukumisa kakhulu kwiForgive And Forget"
Lelomhlolokazi owakwazi ukuxolela umntu owabulala umyeni wakhe besandul'ukutshata kwaye besaqala usapho. Hayi ngamandla lawo!
5. Ingaba wawukunqwenela ukusebenza kwiTV"
Ndandingakucingi nakancinci! Ndakhula ndineentloni. Ndandifuna ukutitsha njengomama, phofu nelo phupha lifezekile ngoba ndititsha iLife Skills ePhafogang High School nokuyinxalenye yephulo lenkampani yam.
6. Yayingowuphi umsebenzi wakho wokuqala ocacileyo"
Ndasebenza iveki yanye njengeData capturer, emva koko ndaba ngumlungiseleli-micimbi kukhuphiswano loonobuhle lokuqala lukaMiss Malaika. Ndakhe ndalungiselela neKORA All Africa Music Awards.
7. Ubukhe wangunobuhle. Yintoni eyakwenza wangenelela olo khuphiswano"
Kungenxa yokuba ndikhule ukhuphiswano loonobuhle luyinxalenye yobomi bam. Ndathi ndineminyaka esibhozo umama wandifaka kukhuphiswano lukaMiss Pimville Junior. Ndaphumelela ndabanguMiss Eldorado Park ngo-1998, ndabanguMiss Teen Gauteng ngo-1999, ndabanguMiss Soweto ngo-2000 noMrs SA Globe ngo-2006.
8. Utshatile" Unabo abantwana"
Ewe. Ndineminyaka emihlanu ngoku nditshatile kwaye ndinabantwana ababini. Ndinonyana, uNjabulo oneminyaka emine, nentombi enonyaka, uMasego.
9. Ukuba ubunganeeyure eziingama-24 zokuphila. Ubungenza ntoni ngazo"
Ndingayeka ukusebenza. Kaloku yeyona nto ndiyenzayo leyo. Ndingazichitha nosapho lwam ndithetha ngezakudala, ndisitya, ndihleka.
10. Yintoni oyibona njengentsikelelo kuwe"
Luthando. UThixo, umama, umyeni wam kunye nosapho luphela
lundinika uthando oluninzi" Ndiluxabisile kakhulu uthando
lwabo nangaphezu kwayo yonke into endinayo ebomini. [x]
Umbhali ngu: Ntokozo Maseko
INCOKO NENDWALUTHO
