xhosa.288.zola
Abadlalayo bangazi- khathazi!
kubhale uDOUG GORDON
BONA XHOSA - August 2006
Kudala edlala iindawo zezikrelemnqa emidlalweni yeTV, kodwa ukudlala kwiYizo Yizo okanye iTsotsi akukhange uZola kumlungiselele ukuthandwa kwenkqubo yakhe ethi Zola 7...
XA ufun' ukuncedwa nguZola akukho mfuneko yokuba ude umgrogrise ngompu okanye ngemela. Zombini ezo zinto zenzekile kuZola. Ngaphandle kwamakhulu-khulu eminxeba neeSMS ezivela ebantwini angabaziyo abafuna ukuncedwa yiZola 7, ukhe wahlatywa ngemela ngabalandeli bakhe abafuna imisebenzi okanye imali.
UBonginkosi Dlamini (29) ukhe wacul' eqongeni noSnoop Dogg oyimvumi yerephu ephambili ehlabathini ukanti ukhe wadlala nendawo yomgulukudu onguPapa Action kwiTV - kodwa yena ungathi wazalelwa ukusasaza iZola 7!
Le nkqubo yaqala kwiminyaka emithathu edlulileyo injongo yayo ikukunceda iinkedama nabantu abangenamakhaya bazalisekise amaphupha abo.
UNthabiseng Mokoena oyiprodyusa yayo uthi xa befota le nkqubo kuzala abantu abaninzi.
"UZola uyimvumi eyonwabis' abantu ngomculo wayo kodwa kwiZola 7 ufikelela nasebantwini abangengobalandeli bomculo neefilim adlala kuzo," utshilo.
"Asinako ukusabela kuzo zonke iileta esizifumanayo zabantu abalufaneleyo uncedo, ngoko siqalise iZola 'Dream Team' eyenziwa ngabantu abazenzela ngokwabo izinto abafun' ukuncedwa ngazo."
B AFANELE ke nokwenza ngolo hlobo kuba ngoku umsebenzi kaZola sele ufikelela nasemazweni ehlabathi uqhutywa kukuthandwa kwefilim adlala kuyo ethi Tsotsi nezuze imbasa yeOscar kutshanje.
Le filim ungathi yividiyo yomculo kaZola kuba udlal' indawo ephambili kuyo ukanti igwijo layo lenziwe ngeengoma ezintandathu zakhe.
NgoJulayi ukhenkethe eSpain, eFrance naseGermany kwaye uza kucula kwiikhonsathi ezingama-20 eUnited States kunyaka ozayo.
Ingoma yakhe ethandwayo ethi Don't Cry iza kukhutshwa eJamani ngoOktobha nalapho kuza kuba kuqaliswa iphulo lokuqokelel' imali yokunced' abantwana baseAfrika.
"Kunzima ukwanelisa zonke iimfuno zabantu. Kulula ukumelana nabalandeli bakaZola oyimvumi kuba okuninzi okutshiwo ngamajelo eendaba ngam kububuvuvu nje. Uninzi lweentombi endithetha nazo zifuna nje ukuwolwa, ukuncanyiswa nokusayinelwa izinto zazo," utshilo uZola.
"Abubuvuvu nje bodwa amanqaku abhalwa ngam okuba ndineentombi ezingaphi, nawokuba zingaphi ezikhulelweyo nangeepati endiza kuzenza zokuthembisa iintombi umtshato."
Nangona kunjalo ababukeli beZola 7 balindel' izinto ezinkulu kuye!
UTHI abany' abantu bafika kwakhe bethwel' iimpahla zabo. "Bafika besithi abanangxaki baza kuhlala ngaphandle komzi wam de ndibancede. Ndibaxelela ukuba mababhalele kwinkqubo yam kodwa bangandihoyi.
"Abany' abantu bade bandigrogrise ngompu, abanye bandihlabe ngemela kuba befuna uncedo lwam.
"Ngemini ndifowunelwa ngamakhulu ngamakhulu abantu - ndifumana namakhulu eeSMS zabantu abafuna ndibafowunele.
"Ndiyazi baninzi abantu abakufaneleyo ukuncedwa yiZola 7 - ndingabona njani ke ukuba abantu balufuna nyhani uncedo xa kukho nabafuna ndibathengele ibhiya necuba""
Eyona nto imcaphukisa kakhulu uZola ngabantu abafuna ukusebenzisa ukwazi kwabo ukuba naye wakhuliswa ngunina kuphela.
"Kukho amadoda afika kum esithi angutata. Acinga ukuba ndiza kuyamkela nje lula loo nto kuba ndifun' ukuba notata. Kanti bayaphazama.
"Kaloku abantu badla ngokundiva ndisithi andinatata, kodwa andizange nditsho ukuba andimazi!
"Ndiyazi ukuba andifanelanga ndibe nomsindo ebantwini abafun' uncedo - kodwa andinako ukuvuma ukudlal' abantu abafuna ukuphiwa izinto."
UZOLA uzibona ephala phambili ekuthandweni komculo neefilim zeli lizwekazi ehlabathini liphela.
Emva kokuba umculo wakhe wenziwe igwijo leTsotsi, uza kuphinda ube ligwijo lefilim engeAfrika ethi The Blood Diamond ekudlala kuyo intandane yaseHollywood uLeonardo di Caprio.
UZola wayenikwa ithuba lokudlala indawo ephambili kule filim kodwa akazange avume ngenxa yokuxakeka kwinkqubo yeZola 7.
"Ukudlala kwam kwiifilim zehlabathi kuza kuxhomekeka emsebenzini wam weZola 7," utshilo uZola.
Igalelo likaZola kwimpumelelo yeTsotsi ehlabathini ingaphezulu kweyomlinganiswa onguFela adlala indawo yakhe.
Iprodyusa yaseBritane uPeter Fudowski waqal' ukuva ngomculo wakhe wekwaito ngo-2003 xa wayeze eJoburg ukuza kuphanda ngeli bali. Wazithanda iingoma zikaZola ezinjengeGhetto Fabulous, kangangokuba ngoko nangoko wathi makenze igwijo leTsotsi.
Njengoko sele ethengise iiCD eziphantse zibe ngama-500 000 kweli, uZola ubona le filim nokukhutshwa kwengoma yakhe eJamani kuza kwenza umculo wakhe wekwaito waziwe kumazwe ngamazwe ehlabathi.
"Ukusoloko ndisezindabeni kweli nakwamany' amazwe ehlabathi kwenza izinto zam zenzeke ngokukhawuleza," utshilo uZola. [x]
"Iintombi endithetha nazo zifuna nje ukuncanyiswa nokusayinelwa izinto zazo," utsho uZola.
BONA XHOSA - August 2006
UZola usenokuba namaxesha okuzenza umntu okhohlakeleyo, kodwa abantu bayamazi ukuba unobubele.
