xhosa.146.career
Imisebenzi
I-Occupational Therapist
ABANTU abanyang' abantu ngokubenzisa imisebenzi (iOccupational Therapist) badlal' indim' enkulu kunyango lwabantu. Kaloku unyango lwabo lunceda abantu abenzakele emsebenzini, ababethwe sistrowukhu, abanesifo samathambo, abagula ngengqondo, abenzakele ezingozini, abatshileyo, abenzakele emidlalweni, abazalwe beneziphene emzimbeni, abangxwelerheke bumini nabaneengxaki zokufunda.
U-Andiswa Gowa owenza lo msebenzi waqal' ukuphangela kwisibhedlele sephondo, enceda izigulana ezineengxaki ezohlukeneyo. Ethubeni wavula eyakhe indawo yokunyangel' abantu kumbindi wesixeko saseThekwini...
n Sichazele ngokuthe vetshe ngomsebenzi wakho. Ndigxininise ekunyangeni abantu abaneziphene emzimbeni. Ndikwasebenzisana nabantu bomthetho, ndivavanya abaxumi beenkampani ze-inshorensi, amasebe ezemisebenzi, abeRoad Accident Fund, ukuze ndinike ingxelo yokuba bangakwazi na ukuphangela kwakhona.
Umsebenzi wam uquka nokunceda abantu ebebenzakele okanye ebebegula ukuze bakwazi ukubuyela empangelweni.
n Yintoni eyona ingumceli-mngeni omkhulu emsebenzini wakho" Nangona kunomdla ukunceda abantu abaneziphene emzimbeni, andiqhubeki nokuqhagamshelana nabo emva kokubanika unyango, andilifumani ithuba lokwakha ubuhlobo nabo, okanye elokulandela inkqubo yokuchacha kwabo.
n Ngaba uyakwanelisa lo msebenzi" Abantu endibanyangayo baquka nabantwana abaneengxaki zokukhula. Ukubanceda kuyandanelisa xa befunde ukwenza izinto ebebengacingi ukuba bangakwazi ukuzenza.
AMATHUB' OMSEBENZI
Ungaphangela ezibhedlele, kumaziko okubuyisela abantu kubomi besiqhelo, emajonini, kwimigodi yezimbiwa, kwimibutho yentlalontle, kumakhaya abantu abalupheleyo, kwiiklinikhi, kwimibutho yoluntu nasezikolweni zabantwana abaneziphene emzimbeni.
Amathuba kwiinkampani zabucala aquka ukuphangela kwiinkampani ze-inshorensi okanye ubenendawo yakho onyangela kuyo abantu, apho uya kunyanga abantu abadala nabantwana.
UQEQESHO
Ngaphandle kwemfundo kufuneka ubengumntu okwaziyo ukusebenzisana nabantu. Kufuneka wenze izifundo zesayensi, uphile emzimbeni yaye uzinze emphefumlweni, ukwazi ukwenza izigqibo ezizizo zomsebenzi, ubenomonde nothando lokuphucula umgangatho woluntu osebenza kulo, ubenothando novelwano, ukhuthale yaye ubenomdla wokwazi indlela abantu abaziphatha ngayo.
Izifundo zesidanga seOccupational Therapy zithabath' iminyak' emine. Iimfuno zeeyunivesithi ukuze uzenze ziyashiyana, kodwa kufuneka ubenayo imatric exemption.
UMVUZO
Imivuzo iyashiya-shiyana ngokuba uphangelaphi njengemisebenzi emininzi.
Imivuzo ingasukela kwi-R7 000 ukuya kwi-R8 000 ngenyanga xa usaqala. Abantu abazenzela bona lo msebenzi bangamkela imali ephakathi kwe-R10 000 ukuya kwi-R20 000 ngenyanga. [x]
Ngumsebenzi onzima kodwa onomvuzo ukunceda abantu abanengxaki engqondweni okanye abenzakeleyo ukuze bangaxhomekeki mntwini yaye uphucule nobomi babo
BONA XHOSA - June 2007
Umsebenzi weOccupational Therapist uquka nokunceda abantwana abaneengxaki zokufunda.
Ngezinye iinkcukacha
Qhagamshelana: OTASA: 012 644-0312
okanye uvule iwebsite ethi:
www.otasa.org.za
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
BONA - August 2005
