xhosa.2866.gogo
USOPHIE Masinge unama-74 eminyaka. Uhlala kwilali yaseMafarana ngaseTzaneen eLimpopo nonyana wakhe, umolokazana wakhe nabazukulwana abahlanu. Uyayithanda kakhulu ibhol' ekhatywayo.
Apha asithethi ngokuthi uthanda ukubukela iqela alithandayo xa lidlala.
Noxa sele aluphele nje lo makhulu kodwa udlala ibhol' ekhatywayo yaye udlala kakuhle kangangokuba ubizwa ngokuba ngu-"Jomo Sono."
Ungomnye woomakhulu abangama-30 abadlala ibhol' ekhatywayo kule ngingqi ukususela ngo-2005.
Baprekthiza kanye ngeveki yaye siwatyelele la mabhinqa amangalisayo.
Ngethuba ifika iBONA ifike umqeqeshi uSam Rikhotso ebaqeqesha.
Ubahlule bangamaqela amabini akhuphisanayo.
Kusekusasa kodwa bakho abantu abazobukela. Uninzi lwabo ngoomakhulu nabazukulwana babo.
Bayahleka xa bebona oomakhulu bekhab' ibhola okanye beyiphosa.
Badlala benganxibanga zihlangu, maxa wambi bayawa. Bayakonwabela ukudlal' ibhola ekhatywayo. Lo mdlalo wokuprekthiza uphele amaqela elingana ngamanqaku amabini macala.
"Abantu babecinga ukuba siyaqhula xa sasibhengeza injongo yethu yokusungula iqela lebhol' ekhatywayo lamabhinqa asele ekhulile," utsho uRikhotso.
"Ibhol' ekhatywayo yamabhinqa alupheleyo eLimpopo liphulo leSebe lezeMpilo noPhuhliso loLuntu eliyinxalenye yephulo lalo le-"Move For Your Health."
Basempilweni
Eli phulo likhuthaza abantu abadala ingakumbi amabhinqa ukuba adlale ibhola ukuze afumane imithambo. Injongo yalo kukuwagcina esempilweni yaye omelele.
Uphando lubonisa ukuba ibhol' ekhatywayo neminy' imidlalo yokubaleka nokutsiba yenza amathambo nezihlunu ezomeleleyo.
Oomakhulu baseMafarana bayaxilongwa qho ekliniki yaye basempilweni.
U-Elisa Mhlarhi onama-60 eminyaka ubizwa ngokuba ngu-"Jabu Pule Mahlangu". Kaloku lo makhulu unamendu yaye udlala kakuhle njengoJabu wePirates.
"Mhla babeqala ukuliva eli gama ndibizwa ngalo umyeni wam nabantwana bam bandihleka kanobom," utshilo.
UMhlarhi wayegula luxinzelelo lwegazi olumandla kodwa ngoku akasawaseli amayeza kuba luhlile uxinzelelo.
"Ndiyaqala ukuziva ndiphile yaye ndomelele kangaka. Ndiziva ngathi ndineminyaka engama-20!" utshilo.
Uthi uhlala enamandla yaye uyakonwabela ukwenz' umsebenzi wasekhaya, ukupheka, ukuhlamb' iimpahla, ukukha amanzi nokutheza.
Umbilo
UMunene Mushwana onama-76 eminyaka lelona lungu lidala kweli qela. Wayeka nokusimelela ngodondolo.
"Andiyikholwa le nto. Ndiyakwazi ukuya kwindawo ekuhlawulwa kuyo inkam-nkam ndibuye ndingabilanga tu," itsho le nkondekazi.
Uninzi lwabantu abadala bale lali abaphangeli. Iintsapho ezininzi zixhomekeke kwimali yenkam-nkam.
U-Agnes Mushwana onabantwana abane ubenethamsanqa. Ufumene umsebenzi emva kokupasa uvavanyo lwempilo kwinkampani elapho ekuhlaleni.
Uthe, "Ibhol' ekhatywayo ibuguqule ubomi bam. Ndandikade ndingaluphumeleli olu vavanyo ndingekayidlali. Ndiyavuya ngoku kuba ndiyakwazi ukondla usapho lwam."
Uceba wale lali, uPeter Mushwana uthi bonke abantu bale lali bayazixhasa ezi nkondekazi.
"Siyazingca ngazo. Ziyibeke endaweni entle ilali yethu," utshilo.
Ngethuba sibhala eli nqaku ezi nkondekazi bezimanxadanxada zilungiselela uhambo oluya eThohoyandou ekumgama oziikhilomitha ezingama-200. Apho ziyodlala nelinye iqela leenkondekazi.
Ezinye zazo ziyaqala ukuhamba umgama omde ngolo hlobo.
"Siza kulitywatyusha eli qela," utsho uSamaria Mahlo onama-44 eminyaka ubudala. [x]
NewsFirst
Oomakhulu abadlala ibhol' ekhatywayo bayabonisa ukuba ubudala abunakubathintela ekudlaleni ibhola...
Badlala besimelela ngodondolo!
BONA XHOSA - July 2007
kubhale kwafota uNEVILLE MAAKANA/NEWS FIRST
NGASENTLA EKHOHLO: Oomakhulu bedlala.
Ingaba lithemba leBafana Bafana eli"
Oomakhulu aba bayadibana baprekthize kanye ngeveki.
BONA XHOSA - July 2007
