xhosa.2861.name
Umdlalo wamagama
BONA XHOSA - February 2008
Liyintoni igama"
(Kanti ke, liqulathe lukhulu)
Anomdla amagama ama-Afrika, kodwa ingaba ayayichaphazela indlela abantu abakubona ngayo" Umzekelo, ingaba uMatlakala ulindele ukuba aphathwe njengenkunkuma" Ingaba umntu uyalilandela igama lakhe"
ibali libhalwe nguTEDDY GOMBA
INGABA amagama abalulekile" Khawubuze abasele begqibe kwelokuwatshintsha kuba befuna ukuba nethamsanqa. Cinga xa ungabizwa ngoMatlakala! Kubi ukubizwa nge-"nkunkuma," andithi" Ingaba awufuni litshintshwe elakho igama"
Irowuzi iyakuhlala inevumba elimnandi nokuba uyibiza ngaliphi igama, utsho uShakespeare, ngoko ke ungathi "irowuzi" "yitapile", kodwa ayisokuze itshintshe. Kodwa ingaba kuyenzeka emagameni ethu"
Isiganeko ebesisandula kwenzeka malunga nale nyewe yintetho kaMongameli uThabo Mbeki okhe wabuza ukuba: "Ngubani owaziyo ukuba igama elithi Bafana Bafana lithetha ntoni""
Eneneni ke abachaphazelekayo bona bayazi - ukutsho ke abalandeli boMzantsi Afrika.
Ngelo xesha ke, abalandeli bebhola bayazithanda iziteketiso zabo, akunjalo na" Ezinye ziyothusa. NjengoSiyangaphi owayedlalel' iJomo Cosmos owaye nguSister Monica. Uthini ngoHerold Legodi owayedlalel' iSundowns ebizwa ngoJazzi Queen"
Ingaba siba yinto ethethwa ngamagama ethu" IBONA incokole noGqr. Stephen Martin osuka e-Ireland ngokuzalwa noyingcaphephe kwezentlalo ngalo mbandela.
"Kwixesha endilihleliyo apha e- Afrika, ndifunde ukubaluleka kwamagama.
"Xa sithiya umntwana, simnika ubunjani bakhe, sivakalisa amaphupha neminqweno ngaye, kungenjalo intlungu esikuyo.
"Igama liyasahlula omnye komnye," ucacise watsho.
Ukulitshintsha
Ingaba ukutshintsha igama kuyamtshintsha umntu okanye into" Ingaba ukulithiya ngokutsha iqela lesizwe lebhola ekhatywayo kuza kuphucula indlela abadlala ngayo" (kona ke, ingaba esi sesona sizathu sentetho kaMongameli")
Ukuba bekulula ngolo hlobo, bonke abalandeli bebeya kucinga ngokutshintsha igama!
Ingaba nyhani ligama eli lenza iqela lesizwe libhatyaze ngolu hlobo"
Okanye masike siyijonge ngolu hlobo le ngxaki, uthini xa unyana wakho onguJabulani engazisi lonwabo kuwe okanye nakuwuphi na umntu"
Ingaba ukutshintsha igama lakhe kungamtshintsha naye"
Siyakuvuyela ukutshintshwa kwamagama ezitalato "ukuphucula izinto," kutheni ke ngoku singenzi njalo nakumagama abantu"
Ukukhetha
UCharlene Smith obhale incwadi ethi Baby Names For South African Babies, uthi ukukhethela umntwana wakho igama elilungileyo kubalulekile, kuba amaxesha amaninzi abantwana bayawalandela amagama abo.
Khangela uSekela Mongameli weANC uJacob Gedleyihlekisa Zuma, kaloku igama elithi Gedleyihlekisa lithetha "ukuhleka intsini-menyo," ungabuza nabani owakhe wasebenza naye bangakuxelela ungafunga uthi uncumile - uthi umoyisile kanti usaqwalasele, sisilumko sokwenene sezopolitiko.
Elinye igama eliyingxaki lelithanda ukunikwa amantombazana - ooMatlakala. Bakhona abathi kukhona ooMatlakala ababebazi beselula abasele beziindlavini ezaziwayo ekuhlaleni.
Kwelinye icala siyamnika umntwana igama elimenza azive amkelekile.
USmith uthi nkqu nangaphambili kuka-1994 lalisanda inani labamhlophe nabebala ababethiya abantwana babo ngamagama esintu, ooThandi, ooLindiwe, ooZinzi, ooThabo nooSipho.
Imidlalo kamabonakude
Ayingabo bonke abazali abathiya ngokweminqweno yabo, abanye baziqwebela amagama besusela kumagama abazali nooyisemkhulu.
Kubekho nemidlalo kamabonakude eyintsusa yamagama amaninzi. Cinga ngoKarabo noQueen, abadlali abaphambili basetyhini beGenerations.
Uthini ke ngamakhulu-khulu ooBrooke nooRidge abahamba kwizitalato zeelokishi zeli lizwe abafumene amagama abo kwiThe Bold And The Beautiful.
Jonga ngaphaya
"Sike sixolele nokufa ngenxa yegama. Siyalwa egameni lento ethile. Maxa wambi silwele ilungelo lokuzibiza ngendlela ethile..." utsho uGqr Martin.
Ngenene elo lelinye inqanana, kaloku umzabalazo weli wawu ngowa lonto kanye - ukuba wonke ubani abenelungelo lokuzibiza njengommi weli "loMzantsi Africa."
"Amagama abantu ayingomagama nje. Asinakuthi bubudenge ukuwalwela," utsho uGqr Martin.
Ekugqibeleni nokuba abezopolitiko bathini na, kubalulekile ukucinga nzulu, sijonge ngaphaya kwamagama ethu sijonge igama elilelethu sonke - ubuntu. [x]
BONA XHOSA - February 2008
