xhosa.2850.parenting
ubuzali
Buyisa amandla
BONA XHOSA - July 2007
UMZIMBA uthwala nzima xa ukhulelwe ingakumbi xa uphangela. Ininzi into ongayenza ukukunceda ube namandla xa usoloko uziva udiniwe.
Usebenza nzima umzimba wakho kwiinyanga ezintathu zokuqala kuba uziqhelanisa naloo mthwalo. Yiyo loo nto ekwenza udinwe. Kwiinyanga zokugqibela ezintathu ufuna amandla kakhulu kuba usana sele lukhulile.
Kufuneka wenze iinguqu empilweni yakho ukuze ubenamandla...
n Imithambo yamandla Hamba-hamba ukuze udlamke. Ungenzi imisebenzi enzima xa ukhulelwe ingakumbi xa ukhulelwe unengxaki yempilo.
Ukuhamba kuhambisa igazi yaye ufumana nomoya opholileyo. Ukuthamba kukhuthaza umzimba ukuba ukhuphe iihomoni eziphelisa uxinzelelo.
n Lala ngokwaneleyo
Xa ungalali kakuhle ebusuku awubinawo amandla ngemini elandelayo. Lala iiyure ezisibhozo ukuze uphumle ukuze ube nengqondo nomzimba odlamkileyo. Lala kwangoko kunesiqhelo xa ungalali ngokwaneleyo.
n Funda ukuphefumla
Yiqwalasele indlela ophefumla ngayo. Xa usebenza e-ofisini phumela ngaphandle ufumane amandla uphefumle kakhulu.
n Phumla
Ungasebenzi ngokugqithisileyo. Yithobele imiyalelo kagqirha xa esithi phumla. Bek' iinyawo zakho phezu kwento uphumle. Xa umninzi umsebenzi ekhaya cela izihlobo zincedise.
n Ukutya okunika amandla
Ukutya kunika amandla. Iikhabhohidrate zinik' umzimba amandla. Ezinye iikhabhohidrate zikhupha amandla ngokukhawuleza ukanti ezinye ziwakhupha ngokucotha.
Iikhabhohidrate ezifumaneka kwiiswiti neetshipsi zikunika amandla akhawulezayo athi akuphela akushiye udiniwe.
Ukuze ube namandla imini yonke yitya ukutya okukhupha amandla kancinci njengemifuno, iwholegrains, iilentils neziqhamo.
Yitya kancinci izihlandlo eziliqela uze utye ukutya okunempilo xa ufuna izimuncu-muncu.
Sela amanzi kakhulu kuba xa ungenamanzi emzimbeni ulala kakubi uze uvuke udiniwe.
Uya nini kugqirha"
Ukudinwa xa ukhulelwe kuxhaphakile kodwa zithi iingcali kufuneka uye kugqirha xa unengxaki yokudinwa okukuchaphazela emsebenzini nasekhaya. Kungenzeka ukuba umzimba wakho ufuna i-ayoni.
Xelela ugqirha kuqala ngaphambi kokuba usebenzise amayeza athengwayo.
Ukhulelwe yaye uhlala udiniwe" Nanga amacebiso okuzigcina unamandla ukuze ukonwabele ukukhulelwa kwakho
Okoomama nootata...
XA lukhula usana lwakho lwenza iintshukumo ezahlukeneyo ngomzimba walo.
Usana luqala ngokulawula intloko, luhlale luze lukwazi ukuguquka. Emva koko luyakhasa. Eli linyathelo elikhulu kuba limnika inkululeko. Kaloku ngeli xesha usana lwakho luyakwazi ukuzithathela izinto ezikude. Xa sele lukwazi ukuma sele lukulungele ukuhamba.
Luncede usana lwakho ngokwenza indawo ikhuseleke. Luvulel' indawo oluza kuhamba kuyo lungaphazamiseki. Lukhuthaze luhambe luze kuwe.
Iingcali azizifuni izinto ezikhweliswa kuzo iintsana ukuze zihambe kuba zithi zithintela ukukhula kwezihlunu zomlenze eziphezulu.
Ezinye izixhobo ezisetyenziswayo ukuncedisa iintsana ukuze zihambe ziipush walkers, kuxhomekeka kwixabiso lemveliso leyo. Xa ufuna ukuthengela usana lwakho yijonge ukuba izinzile na kwanokuba ayibaleki kakhulu kuba ezi zinto zombini zizo eziyenza ibe nobungozi kakhulu.
BONA XHOSA - July 2007
Inyathelo lokuqala
u
t
ubuzali
Iingxaki zomntwana oncanca idami neminwe
IINTSANA ziyazithanda iidami kuba ziyazinceda zipholise ukuluma kweentsini zazo. Iintsana ezingenazo iidami zincanca iminwe.
Kunengxaki ukuncanca ezi zinto.
Abadlezana bayalibala ukuhoya eziny' iimfuno zeentsana zabo xa bencanca iidami ukanti iidami nokuncanca iminwe kubangela iingxaki ezithile zempilo...
Ukukhula kwamazinyo. Ukuncanca idami okanye iminwe kuyakuphazamisa ukukhula kwamazinyo osana lwakho. Loo nto ithetha ukuba amazinyo omntwana angakhula emile kakubi de kufuneke ukuba ayolungiswa ziingcali zoogqirha xa sele emdala.
Iingxaki zempilo. Iidami zenza iingxaki zempilo kuba akukho lula ukuzigcina zicocekile lonk' ixesha. Usana luyayiwisa lula luyichole kwakhona luyifake emlonyeni ingakhange ihlanjwe.
Nangona iidami zelatex zithambile emazinyweni nakwiintsini zeentsana, xa usana luzincanca ixesha elide zifaka iintsholongwane emlonyeni wosana lwakho.
Ukulala. Lufunda ukulala kakubi usana lwakho xa luncanca iidami. Kaloku alukwazi ukulala xa ingekho idami emlonyeni.
Ungalunceda njani usana lwakho"
Qinisekisa ukuba idami yosana isoloko icocekile ibulawe neentsholongwane kwanokuba usana aluyincanci lonk' ixesha.
Kulula ukulumla usana kwidami kunokululumla ekuncanceni umnwe.
Xa ululumla luthuthuzele ngeziny' iindlela de luqhele luyilibale nedami.
Xa usana lwakho luncanca umnwe, luqhelise ukuwukhupha umnwe uze uluphazamise ngezinto zokudlala okanye uludlalise uncokole nalo.
Kunzima ukuyekisa umntwana osele ethe dlundlu ukuncanca umnwe ngoko kufuneka umbonise umzekelo wabanye abantwana abangayincanciyo iminwe umyeke adlale nabo.
Abantwana bayakuthand' ukufunda ebantwini ababangqongileyo ngoko xa bedlala nabanye abantwana abangayincanciyo iminwe baza kuyeka nabo.
Phuhlis' ukusebenza kwengqondo
BONA XHOSA - July 2007
AKUFANELANGA ukufunda kudike. Abantwana bafunda kwinto yonke. Ukuhamba epaki kuyamnceda umntwana afunde ngokusingqongileyo aze aphucule ulwazi lwakhe lwesayensi, kuncwadi nakwizibalo.
Xa nidlala umdlalo wokubala umkhuthaza ukuba afunde ukubala. Xa ungazi nokuba uqale ngaphi na, qala ngezi ncwadi zimbini ezinemidlalo yokuphucul' ukusebenza kwengqondo ongayidlala nomntwana wakho.
t Brain Games For Preschoolers (Hamlyn; R120)
Ilungele abantwana abaneminyaka emi-2 ukusa kwemi-5. Inemidlalo engaphaya kwama-200 emenza krele-krele umntwana wakho imfundise amagama nokubala. Le midlalo inceda uvavanye isakhono somntwana wakho njengokukhumbul' izinto nokusombulul' iingxaki.
t Pencil And Paper Games For Kids (Hamlyn; R120)
Yeyabantwana abakwiminyaka emi-3 ne-11 yaye inemidlalo efundisayo. Angayifunda yedwa okanye nabahlobo. Inceda ukumgcina exakekile ngeempela-veki okanye xa nityelela.
u
BONA - July 2007
t
ubuzali
Ukugcina umntwana
Mfunele indlela yokumgcina eza kunonelisa nobabini...
1 Umncedisi wasekhaya
Umncedisi wasekhaya angamgcina umntwana wakho. Qiniseka ukuba unamava okugcin' umntwana. Xa nihlala kunye akukho ngxaki itheni yaye akazuchaphazeleka xa ubuya emva kwexesha emsebenzini. Kunzima ukwenz' umsebenzi wasekhaya nokugcina umntwana ngaxeshanye ingakumbi xa bebaninzi abantwana.
2 Umgcini womntwana
Abagcini babantwana bayawuqeqeshelwa lo msebenzi. Angahlala nawe okanye ahlale endaweni yakhe. Abagcini babantwana bayakwazi ukukhathalela abantwana baqinisekise ukuba banezinto zokudlala, balala yaye batya ngokwaneleyo.
3 Izalamane
Xa kukho amalungu osapho akwaziyo ukugcina abantwana cela wona. Xa ufuna ukuhamba kusasa kakhulu okanye ubuya ngokuhlwa awukhathazeki kuba basoloko bekho yaye bona bathembekile.
Izalamane zakho zingaphikisana nendlel aomkhulis angayo umntwana nto leyo ingakhokelela kwingxabano.
4 Iziko eligcina abantwana
Amaziko agcina abantwana
emini agcina ukususela kwiintsana ukusa kubantwana abaneminyaka emine ubudala. Anemigwaqo emiselweyo yokugcina abantwana neqinisekisa ukuba bayadlala, bafunde, batye balale.Iititshala ezikula maziko ziqeqeshelwe ukufundisa nokunonophela abantwana. Xa efunda nabany'
abantwana umntwana wakho ufumana abahlobo afunde nokunxibelelana nabantu.
Maninzi amaziko angalunganga ngoko qinisekis aukuba umntwana wakho
umthumela kwiziko elihloniphekileyo.[x]
BONA XHOSA - July 2007
BONA - July 2007
