xhosa.284.letters March
Ileta ezuze
i-R100
Amavila agezayo
Isilumkiso...
A MAVILA anamandla okukhalaza nawokusoloko egxeka kuphela. Kwiminyaka elishumi edlulileyo aba bantu akukho nto bayenzileyo ukufundisa abantwana babo ngokuzimisela.
Endaweni yoko bagxeka urhulumente kuba befun' ukufuman' imali lula - babe oonyana babo bephanga abantu abaphangelayo.
Ooyise baba nqalintloko bagcine imipu nangona urhulumente wathi mayibuyiswe. Loo mipu ke baza kuyinika oonyana babo - abazukubafundisa unyamezelwano, ulwazelelo, intlonipho, ukukholelwa ekusebenzeni nzima nokunyamezela!
Kweliny' icala, iintombi zabo ziza kukhulelwa ukuze zifumane imali yesondlo sabantwana karhulumente. Loo mali ke zithenga ngayo utywala neempahla zokunxiba. Kukugeza oko!
Imali yerhafu mayisetyenziselwe izinto ezibalulekileyo njengokuphucul' imfundo nokwakha izibhedlele. Makwandiswe neebhasari zabafundi abathembisayo.
Kubagxeki nabakhalazi ndithi: nokuba ningakhalaza nithini, niya kuhlala ninjalo xa ningeziphuculi nina! Niya kusala kuthi xa sisiya phambili!
nguVictor Mabena, eJoubert Park
Iileta Zenu
Okubuhlungu!
Kubuhlungu ukubona indlela abantu abaneHIV/AIDS abenziwa amakheswa ngayo luluntu lwakowethu. Ufika abantu bebabiza ngamagama behleba nangendlela abosulelwa ngayo sesi sifo.
Masibakhathalele abantu abanogawulayo, sibaphathe njengabany' abantu yaye sibanike uthando. Nabo babengathandi ukuzibona bekwimeko abakuyo.
Umhlobo wakho makahlale engumhlobo wakho nokuba uneHIV.
Baya kuhoywa ngubani xa singabakhathaleli thina"
nguKhumbulani Sibango, eQueenstown
Intlungu!
Ndivakalisa intlungu yam ngamantombazana alahla iintsana ezisandul' ukuzalwa ezithoyilethi. Amanye aqhomfa izisu sele eneenyanga ezintlanu ekhulelwe. La manyala sifunda ngawo rhowo kumaphepha-ndaba.
Amanye akwenza oko kuba efuna ukuqhubeka neziyunguma zobomi angabi namthwalo wokukhulisa umntwana.
Kanti kungenzeka abe abulala iinkokeli zangomso ebeziya kuphucula ubomi babantu beli lizwe. Ndiyawunqanda lo mkhuba.
nguMcebisi Dyantyi, ePalmietfontein
BONA XHOSA - March 2006
Ukuzingisa!
Ndifun' ukuxelel' abany' abafundi beBONA ukuba umzingisi akanatshwa! Ndiyathemba ibali lam liya kubakhuthaza ukuba balwele ukuphumeza amaphupha abo.
Umama owayesikhulisa nomsakwethu wasweleka ndisafunda imatriki. Sashiyeka sigcinwe ngumalume.
Umalume utshatile yaye unabantwana bakhe, ngoko thina sasiza kutsala nzima njengokuba singasenaye umama.
Kwakukho amathuba apho ndandicinga ngokuxhoma esikolweni, kodwa ndanyamezela de ndapas' imatriki.
Ngoku ndiyaphangela yaye ndim endifundisa umsakwethu.
Ndandingenako ukumfundisa ukuba ndandiphelelwe lithemba ndayeka isikolo.
Ndinqwenela ukuba ngumzekelo kwabany' abantu abazifumana bekwimeko efana neyam. Ekunyamezeleni kukho umvuzo.
nguXC, eSoweto
Intlonipho!
Umntu ongumAfrika uyabahlonipha abany' abantu, abakhathalele, ahloniphe izithethe zakowabo yaye uyazingca ngokuba ngumAfrika.
I-Afrika lilizwekazi lamaqhawe alwel' inkululeko. Nam ke ndiyazingca ngokuba ngumAfrika.
nguNM, eLimpopo
Imfundo!
Kule mihla imisebenzi emihle ifunyanwa ngabantu abafundileyo kuphela, ngoko masilwele ukuphucula imfundo yethu.
Nokuba sele uphangela, qhubeka nokufunda ukuze uphucule amathuba okunyuselwa esikhundleni esiphezulu.
nguBV Mphetho, eCape Town
Ukuze uphalaze
izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
kanye i-e-mail:
bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Sibhalele!
BONA XHOSA - March 2006
Ukuvum' ityala!
Ndifuna ukuqonda ukuba yintoni eyenza amakhwenkwe akhuleliswe amantombazana aze awaphike. Kaloku afanele ajongane neziphumo zezenzo zawo. Makabondle abantwana bawo!
nguRR, eThaba Nchu
Ubuxoki!
Kuyandikhathaza ukuva ukuba kukho abantu abaneHIV abangafuni ukuziveza baziwe ukuba banesi sifo. Baninzi abantu abanaso kwingingqi yam kodwa abangafuniyo ukuziveza.
Abanye bade baxoke bathi baphethwe zeziny' izifo. Abantu abaneHIV mabazi ukuba ukuxelela abanye'abantu ngemeko yabo kuya kubanceda bafumane uncedo abalufunayo.
nguMC, eNtambanani
Izaphuli-mthetho!
Kutheni ulutsha ludlala ngeziphiwo zalo nje" Uninzi lwalo lwenza ulwaphulo-mthetho luze luchithe ixesha elininzi lubaleka amapolisa.
Xa lunokusebenzisa kakuhle iziphiwo zalo zokubaleka lungafumana imali ngokuba ziimbaleki.
nguDavid Mahlatsi, eFouriesburg
Ukujola!
Ndineminyaka engama-21 kwaye ndikhathazwa kukuthandana kwabantwana nootata abadala. Cinga nje ngotata onama-49 xa ethandana nemveku ene-14 leminyaka! Linyala elo!
Ndiyayithanda iBONA, ingakumbi Iinkwenkwezi, aMajimbos, Abafunwayo, uSis Sarah, Iph' ibhola" namabali angeenkokeli zethu zangomso.
nguMargaret M, eMokopane
# Unqwenela ukufunda ngabani" Ukususela kubalinganiswa beefilim nabemidlalo yeTV, iimbalasane zemidlalo neemvumi, zalapha naphesheya - sibhalele usixelele.
Iileta Zenu
Izilwanyana zilungile, abantu bakhohlakele
Yekani ukugxeka niqale ukuncoma!
KWIBONA kaAgasti 2005 kukho ibali elandichukumisayo lentombazana eyahlangulwa ziingonyama emadodeni ayeyihlasela. Oko kuyabonisa ukuba izilwanyana zineentliziyo ezintle kunabantu.
Ekupjheleni kukaAgasti sangcwaba inkosikazi yomntakwethu owadutyulwa kubiwa imoto yakhe.
Kwakutheni ezo zikrelemnqa zazingathathi imoto yakhe kuphela" Zazimbulalela ntoni yena"
nguThandi Kubheka, Kanyamazane
lAbantu bagxeka urhulumente ngokunqongophala kwemisebenzi. Urhulumente wenza kangangoko enako ukusombulula le ngxaki, kodwa ke nabantu mabafunde ukuvuka bazenzele.
nguDoctor Msibi, eMpumalanga
lSiya kuyeka nini ukujonga urhulumente ukuba asenzele yonk' into echaphazela ubomi bethu" Kufuneka siqale ukuzenzela ngokwethu izinto. UThixo wasinika iingqondo emasizisebenzise...
nguVanity Phakathi, eVerulam
lMasimbulele uThixo ngento yonke asenzele yona. Masiyeke ukukhalaza. Masimbulele ngeminyaka yobomi asiphe yona.
Izinto ezimbi ezenzeka ehlabathini zenziwa kukungamameli uThixo.
Namhlanje zinike ithuba lokubulela uThixo ngakwenzele kona.
nguZN, eSalt Rock [x]
Ungalisebenzisa igama
ozithiye lona xa usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo siza kuzipapasha.
