XHOSA.283.sisarah
BONA XHOSA - March 2006
Buza uSis Sarah
Ndiphoxwe yindoda
Ndinama-25 yaye ndithandana nendoda enama-28 eminyaka. Emva kokuba ndifumene umntwana wayo yandishiya yathandana neny' intombi.
Qho xa indibona iyandithuka.
Andikwazi kuyilibala kuba ndiyayithanda kakhulu.
Andifuni kuthandana nomny' umntu kuba ndoyik' ukuphoxeka kwakhona. Ndithini"
Okhathazekileyo
lKufuneka uzame ukulibala ngento eyenzekileyo. Le ndoda ayikuhloniphi yaye ayikufanelanga.
Kuza kukuthabath' ixesha elide ukulibala ngayo njengoko ikushiye usayithanda kodwa ke kufuneka ukhulis' umntwana wakho uzikhathalele nawe.
Yinto eqhelekileyo ukungabi namdla wokuthandana kwakhona kuba yindlela ozama ngayo ukulibala ngento ekuhleleyo.
Ngokuhamba kwexesha uza kulibala. Ingaba ziinyanga okanye iminyaka kodwa ngeny' imini uza kudibana nomntu oza kumthanda.
Zinik' ixesha uza kumfuman' umntu omthandayo.
Umama olahlekileyo
Ndingumama wabantwana aba-3 otshatileyo onama-33 eminyaka. Ndaxabana nomyeni wam waza wagoduka waya kunina.
Wamxelela ngengxabano yakhe waza unina wathi makohlukane nam.
wathi xa ebon' ukuba unina akayisombululi ingxaki yakhe wamzimela wabuyela kum. Ndamamkela sahlala ngolonwabo.
Wathi esakuyiva loo nto unina washiya' umzi wakhe waphel' emehlweni - asimazi kwakuba watshona phi.
Ndithini" Ndimshiye bethu umyeni wam ndiphindele ekhaya okanye ndilinde de zilunge izinto"
nguTM Mnukwa
lIyothusa le yokunyamalala kukanyokozala kodwa ngokuqinisekileyo ukho umntu omaziyo apho akhoyo. Bathini abamelwane, abahlobo bakhe kunye nezalamane ngokubanzi"
Nokuba yena ulishiyil' ikhaya lakhe, wena utshatile yaye kufuneka uhlale ekhaya nomyeni wakho nikhulis' abantwana benu. Ayikho imfuneko yokuba umshiy' umyeni wakho.
Zamani kangangoko ninako ukumfumana.
Iqhelekile into yokokuba oomazala bangabathandi abafazi boonyana babo baze bababangise. Kungenzeka ukuba ubona ngathi awumfanelang' unyana wakhe.
Xa ngaba enale ngxaki ke unyokozala kusafuneka akhule. Kungenzeka ukuba apho akhoyo uzimele ngenjongo yokwenz' unyana wakhe abe nesazela.
Kodwa nokuba kwenzekani na wena ungohlukani nomyeni wakho.
Ndaswelekelwa sisithandwa sam
Ndatshata ngo-2002 saza salizwa ngomntwana omnye. Ngo-2003 umfazi wam nomntwana bemka nomlambo owawuzele. Wafunyanwa umfazi wam sele eswelekile kodwa umntwana yena akakafunyanwa nangoku.
Ngo-2004 umhlobo wam wandidibanisa neny' intombi kuba ndimxelele ukuba ndifun' umfazi.
Sathandana nale ntombi kumnandi kodwa ndathi ndisakulala nayo zonakal' izinto. Waphela tu umdla wayo - nto leyo ndingazange ndaba nayo kwiintombi endandincuma nazo ngaphambili.
Okoko ndaswelekelwa ngumfazi andimfumani umntu endiza kumthanda. Ndifun' ibhinqa endiza kulithanda njengomfazi wam. Ndicel' undincede!
nguST, eKapa
lKubuhlungu ukushiywa ngumfazi nomntwana ngolu hlobo.
Kubuhlungu kakhulu njengokuba umntwana engekafumaneki yaye lo nto ikwenza ungakwazi ukusilibala esi sihelegu sakuhlelayo.
Ayothusi indlela ovakalelwa ngayo ngamabhinqa ngenxa yento ekuhleleyo.
Ingqondo yakho ikuxelel' ukuba ufun' umfazi, umntu oza kuthetha naye, ube naye, uthandane naye kodwa intliziyo yakho ayikakulungeli oko.
Uthelekisa amabhinqa odibana nawo nomfazi wakho ongasekhoyo. Ufuna ukufumana umntu ofana nomfazi wakho ngento yonke. Ufun' umfazi wakho - zonke ezi zinto ziqhelekile.
Kuyacaca ukuba wawumthanda kakhulu umfazi wakho yaye uza kumlibala kudala.
Akazubuya yaye xa unokwamkela loo nto nokuba alikho ibhinqa elinokufana naye uza kukwazi ukulibala ngaye wamkele amany' amabhinqa njengoko enjalo.
Unethamsanqa ukuba seluthandweni olunjengolu wawukulo nomfazi wakho yaye iinkumbulo zalo ziya kuhlala zihleli.
Kodwa ezi nkumbulo ziphakathi kwakho nomfazi wakho kuphela. Ungazivumeli zonakalis' uthando lwakho olutsha.
Ndilahlekelwe yinto yonke
Ndinama-23 yaye mna nomyeni wam sasitshate umtshato wesintu ngo-2001.
Ekupheleni kuka-2003 saxabana waza wanogonyamelo olungamandla. Ndabon' ukuba mandigoduke ndiye eMpuma Koloni ukuze ndiphumle kwiingxaki zomtshato.
Ndathi xa ndiphindela eJoburg emva kwenyanga ndafika ehlala neliny' ibhinqa.
Ndafumanisa nokuba batshate ngokusemthethweni yaye akukho nto ndingayenza ngaloo nto.
Wayesele ethathe nefanitshala yonke esasiyithenge kunye njengoko iimpahla zazibhalwe ngegama lakhe.
Ndalahlekelwa yinto yonke ngenyanga enye - umyeni endimthandayo, ikhaya, isidima, ukuzithemba...
Kwafuneka ukuba ndihlale nabazali bam kwakhona ndibachazele ukuba umtshato wam uphelile. Ndaziva ndisisibhanxa esingenaxabiso.
Ndidandathekile.
Nyakenye ubuyile eMpuma Koloni esithi ucel' uxolo wenz' impazamo ngokutshata nomny' umntu ndisekho.
Ufuna sibuyelane nangona esatshatile yaye banonyana nomfazi wakhe. Undithembisa ngokundenzela yonk' into.
Ngaba ikho into endingayenza ngento endiyenziwe yile ndoda"
Ndiphume nasekhaya ngoku kuba ndiyaphangela yaye ndisebenza nzima ukuze ndibuyis' isidima sam.
Idlale ngexesha lam le ndoda yadlala ngam yandenz' intlekisa kuba abantu basandihleka nangoku.
nguLL, eMthatha
lIbe sisifundo esinzima kuwe esi kodwa ndiyakuva ukuba uzimisele ukungayivumeli le ndoda ime endleleni yakho eya empumelelweni. Intle loo nto!
Kuza kufuneka ufumane ingcebiso yasemthethweni emalunga nomtshato wesintu nento omawuyenze.
Usemtsha kakhulu yaye sel' uqalile ukuzakhel' ikamva lakho ngokutsha ngoko andiqondi ukuba usayifuna le ndoda ebomini bakho.
Ubonile ukuba ikuchithele ixesha yadlala ngawe yaye ndiyacinga ukuba ayizimiselanga kukwenzela yonk' into njengoko ikuthembisa. Yahlukana nje tu nayo.
Nokuba bekuhleka abantu yazi into yokokuba nale iza kugqitha bayilibale.
Into ebalulekileyo kukuba ujongane nesiqu sakho nokwakha ngokutsha ikamva lakho oza kuzingca ngalo.
Aba bantu bakuhlekayo baseza kuhlek' umyeni wakho ngeny' imini ngendlela akuphatha ngayo...
Kuba kutheni" Kuba elahle umntu ongafanelanga kulahlwa!
Umntu othandana nabantu besini esifanayo
Ndiyindoda enama-30 eminyaka ethandana namany' amadoda. Ingxaki yam kukuba andifumani mntu ndiza kumthanda kuba kwindawo endihlala kuyo abafunwa abantu abafana nam.
Bathi sisono ukulalana kwabantu besini esinye.
Ndiyawathanda amadoda yaye andazi ukuba ndingayifumana phi endiza kuthandana nayo.
Ndicel' uncedo!
nguTSM, eSite C
lAndiqinisekanga ukuba bangaphi abantu abafana nawe kwindawo ohlala kuyo kodwa ngathi yindawo encinane le uhlala kuyo yaye niyazana nonke.
Mhlawumbi uyazi ukuba kule ndawo akekh' umntu ofana nawe.
Xa kunjalo kubhetele uyohlala kweny' indawo.
Uza kudibana nabantu abaza kuyamkel' indlel' ophila
ngayo. [x]
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - March 2006
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
