XHOSA.2837.yourstories_maintenance
OKWENZA OOTATA
BANGAHLAWULI
IMALI YESONDLO
Umthetho uyibeka icace into yokuba ngabazali bobabini abafanel' ukukhulisa abantwana babo, kodwa ixesha elininzi ooyise babantwana bayayibaleka loo nto. Kutheni kunjalo? Kwaye kungenziwa ntoni ukunyanzela ootata ukuba bahlawule ?
W ONKE umntwana unelungelo lokondliwa imfundo nendawo yokukuhlala. Olo luxanduva lukayise nonina womntwana, nokuba abasathandani okanye abasatshatanga.
Umthetho kanti nesintu sithi ooyise babantwana kufuneka babaxhase abantwana babo ngemali, kodwa kubonakala ngathi abaninzi abazenzi iimfanelo zabo, bayekela kwisibonelelo sikarhulumente nakwinkamnkam yooninakhulu babantwana.
Malunga nootata abangama-20 000 ekufanele babe bachitha ubusuku entolongweni ngenxa yokungondli abantwana babo - eli linani lamaphepha akhutshiweyo yinkundla yesondlo ayalela ukuba kubanjwe ootata babantwana.
Ingaba bethu kutheni amadoda amangaka ade akhethe ukuleqwa ngumthetho endaweni yokondla?
ULiz Dooley, ongumlawuli weFamily Life Centre - umbutho waseGauteng owomeleza iintsapho ngokuzinika iingcebiso, unyango lwengqondo neendibano zocweyo - uthi ootata abaninzi bathi abahlawuli kuba abavunyelwa ukubona abantwana babo.
"UNina womntwana wenza kubenzima ukuba uyise abonane nomntwana aze ke uyise xa engamboni umntwana, angafuni ukuhlawula," utsho uLiz.
UThabo Mkhwanazi, ongayihlawuliyo imali yesondlo umntwana wakhe, uthi akanakodla umntwana angamaziyo. Waxelelwa ukuba intombi yakhe awahlukana nayo ibikhulelwe umntwana wakhe emva kokuba ibelekile nakhona sele usapho lwakuloo ntombi lunyanzelise ukuba makahlawulele umonanakalo.
"Ndathi ndakuzama ukuza kumbona umntwana, unina womntwana nosapho lwakhe bandalela. Bathi ndihlawule phambi kokubona umntwana.
"Emva kokwala kwafuneka ndivele enkudleni yesondlo," utsho uThabo.
"Ndingamondla njani umntwana endingazange ndambona?" uyabuza uThabo. "Okunye, andinakuqiniseka nokuba ngowam kuba unina wayengathembekanga."
Abanye abayihlawuli imali yesondlo kuba bakholelwa ekubeni oonina babantwana bakhohlakele, imali abayisebenzisi emntwaneni.
Utata othethe neBONA ocele ukungaxelwa igama lakhe uthi eyakhe imali awayeyihlawulela isondlo yayisetyenziswa ukulungisa iinwele neenzipho endaweni yokondla umntwana.
Lo tata, olwela ukuba umntwana eze ngakuye ngalo mzuzu kwinkudla yabantwana, uthi ne-akhawunti yakhe yakwaWoolworths yayisetyenziswa ukuthenga "iibhulukhwe ezingoosayizi 38" endaweni yeempahla zabantwana okanye ukutya.
"Umthetho usoloko ucingela ukuba oomama ngabona bazali balungileyo ngoko kufanele ibengabo abaphatha imali. Kodwa akusoloko kunjalo. "
USibusiso Mthethwa naye ungomnye utata ongafuniyo ukuhlawula imali yesondlo yomnye wabantwana bakhe kwabathathu.
"Andithandabuzi ukuba umntwana ngowam, kodwa andiqondi ukuba unina ngumzali olungileyo," utsho uSibusiso.
"Inkundla indiyalele ukuba ndifake imali kwi-akhawunti kanina womntwana mna andizukuyenza loo nto kuba ndiyamazi uyangcakaza. Ndiyazi uza kuyimosha loo mali angcakaze."
Endaweni yokunika eli bhinqa imali, uSibusiso ufuna umntwana eze ngakuye.
Omnye utata othethe neBONA nguThomas Mkhandawiri uyise wabantwana ababini owehlukene nenkosikazi yakhe. Noxa ekholelwa ekubeni akukho kuliphepha uxanduva lokuhlawula isondlo kootata ngaphandle kwaxa bengaphangeli, uthi amanye amabhinqa anenzondo asebenzisa inkundla ukuziphindezela.
"Namabhinqa anenzondo," utsho. "Ngamanye amaxesha babiza imali eninzi kuba befuna ukuziphindezela kooyise babantwana."
Ngalo mzuzu, inkundla yesondlo inamalunga ne-110 000 lezimangalo. Kwale nkundla sele ikhuphe imiyalelo engama-76 000 yokuhlawulwa kwezondlo.
IFamily Life Centre inika abazali enye indlela yokwenza endaweni yokuya kwimikrozo ekwiinkundla zesondlo. Ngoncedo lomxolelanisi ozimeleyo, abazali banikwa ithuba lokubeka ecaleni intlungu zomphefumlo nomsindo beze necebo lokondla abantwana babo.
Bathi bakuvumelana eso sivumelwano senziwe esisemthethweni yinkundla.
Ukukhawulezisa izinto nokwehlisa inani lamatyala esondlo, urhulumente unephulo ekuthiwa Sisondlo Campaign.
Ngokwamanani akhutshwe liSebe le zobuLungisa nokuPhuhliso lomgaqo-siseko, eli phulo libe yimpumelelelo.
Kodwa ke, abanye oomama bayibona iyinkqubo ethatha kade. Omnye usixelele ukuba kwafuneka athathe usuku emsebenzini elingazukuhlawulelwa ukuze avele enkundleni - uyise womntwana akavelanga nangetshengele.
Kodwa ekugqibeleni abona bantu bachanekayo ngabantwana. Njengoko uThomas Mkhandawiri esitsho: "Xa kusilwa iinkunzi zenkomo, umgangatho ngezantsi uyangcungcutheka, kanye njengabantwana." [x]
Umbhali: Nomusa Ncembe
IZINTO EZI-6 ONGAZAZIYO NGESONDLO
Nokuba unina womntwana uphinde watshata, uyise womntwana makaqhube nokondla.
Ukuba uyise akasebenzi kwaye akanako ukuhlawula imali yesondlo kodwa unabazali abanako ukondla umntwana, basenokuhlawuliswa.
Ukuhlawula imali yesondlo nokuchitha ixesha nomntwana wakho zizinto ezohlukeneyo. Nokuba unina uyamalela utata ukuba abone umntwana umel' ukuyihlawula imali yesondlo. Utata yena makaye enkundleni afune imvume yokubona umntwana.
Ukuba utata ucinga ukuba umntwana asingowakhe unelungelo lokwenza uvavanyo lwegazi.
Izicelo zokufuna imali yesondlo zimel' ukwenziwa apho umntwana ehlala khona (hayi uyise womntwana). Umzekelo, ukuba umntwana uhlala eThekwini uyise yena uhlala eRhawutini nguye omel' ukuhamba aye eThekwini ngemali yakhe ukuza kuvela enkundlelni.
Ukuba ziyanda iimfuno zomntwana, unina unako ukucela inkundla ukuba yonyuse imali efanelwe ihlawulwe nguyise womntwana.
Isuka: A Simple Guide To South African Family Law, ebhalwe nguNthabiseng Monareng (SiberInk)
UMBA OTSHIS' IBUNZI
IINDLELA YOKUFUMANA IMALI YESONDLO
Ukuze ufumane imali yesondlo enkudleni, kufuneka uthathe la manyathelo, uyacacisa uNthabiseng Monareng kwincwadi yakhe ethi, A Simple Guide To Family Law:
1. Unina umangalela uyise womntwana kwinkundla yesondlo sabantwana, kumantyi okufutshane. Apho kukho amagosa enkundla yesondlo aza kumnceda ukugcwalisa iifom ezifanelekileyo.
2. Emva koko kuthunyelelwa ileta uyise womntwana emyalela ukuba aze enkundleni.
3. Ngalo mini kubakho"intlanganiso yabucala" . Apha kudibana igosa nabazali bazame ukufikelela kwisivumelwano ngemali emayihlawulwe ngutata womntwana.
4. Ukuba abade bavumelane kuyiwa "enkundleni". Inkundla ibala imali efunekayo yomntwana - oko kuquka irenti apho umama nomntwana behlala khona - ize inkundla ijonge abazali bobabini ukuba barhola malini. IMali eza kuhlawulwa ngutata ixhomekeke kwimali ayirholayo. Okuthetha ukuthi, angakwazi ukuhlawula malini na ukuze naye akwazi ukuziphilisa.
Ukuba utata akafuni ukondla, unina womntwana angaphinda axelele inkundla. Uza kuyalelwa ukuba avele enkundleni kwakhona. Ukuba akezi enkundleni, uza kuthathelwa la manyathelo:
Le mali ingatsalwa emvuzweni wakhe ngaphandle kwemvume yakhe.
Kungathengiswa indlu yakhe - kodwa yinkundla kuphela enokwenza oku.
UYise womntwana angabanjwa.
