xhosa.1468.famous
Balandela amaphupha
UWALTERIQUE Sandows uneminyaka eli-12, ufunda uGrade 6, udumile kodwa akafuni ukuluthathela phezulu udumo. Ungomnye wabantwana abakwinkqubo ekuSABC 2 ethi Famous!, akabukhathalelanga ubukhazi-khazi beembalasane, ukuhamba ngeemoto zohlobo oluphambili nokutheng' iimpahla zakwanokutsho. Uzimisele ukufunda abhale iimviwo zakhe aze azithengele ooTeddy Bear.
"Ndiyabakhumbula abahlobo bam nokudlala umnyazi kodwa ndonwabile kwiTV.
"Ndaqala ndineminyaka elithoba ukutyelela iindawo ndidlala eqongeni. Ndifuna ukwenza loo nto kanye ndisakugqiba ukufunda."
UWalterique, onkaba yakhe iseFlorida eJoburg, wazuza imbasa yesilivere neyebronze eLos Angeles kwiWorld Championships For Performing Arts nyakenye waza esakubuya apha ekhaya wafumana indawo yokuba ngomnye wabantwana abathandathu beFamous!
Umvelisi wale nkqubo uNina Sabbagha uthi le nkqubo ayingomdlalo koko kufuneka kusetyenzwe nzima ukuze kwaziswe aba bantwana ukuze babe ziimbalasane.
Ababukeli baqhele iinkqubo zokuzingelwa kwetalente ezifana neIdols, ukanti inkqubo yeFamous! yahlukile kuba ithatha abantwana abathandathu ibalandele iinyanga ezintandathu xa befunda ukuphila njengeembalasane, beziqhelisa eqongeni, beshicilela amacwecwe abo naxa befota iividiyo zomculo.
Ukuzilungiselela
"Ngabantwana abaneemvelaphi ezahlukeneyo aba nabanenjongo yokuphumelela kwezolonwabo.
"Babukelwa zizigidi zabanye abantwana abaneenjongo ezifana nezabo kwaye sibabonisa indlela eya empumelelweni," kutsho uNina.
Bashicilela iziqendu zeTV kwiteyiphu ngeMigqibelo kwaye baza kutyelela ilizwe lonke ngeeholide zehlobo.
UKatleho Sinivasan oneminyaka eli-16 ongumfundi eNational School Of Arts eJozi nokwangumza kaPabi Moloi uthi, "Ndixakwe nokuba side siqalise nini."
UKatleho ubesoloko engenela uvavanyo lweentengiso zeTV ngaphambi kokufika kweFamous! - ngoku xa ephuma esikolweni uziqhelisa ukucula nokujuxuza.
"Andifuni kudlalisa ngeli thuba. Baninzi abantu abanetalente kwaye kufuneka uyithande into oyenzayo ukuze ubalasele.
"Andikoyiki ukuba yimbalasane. Ndenza izifundo zedrama nomculo nomdaniso ndize estudiyo ndizofunda ukwenza ezo zinto kwiTV.
"Ndinqwenela ukushicilela icwecwe kwiminyaka emibini ngaphambi kokuba ndenze imatriki."
Usethubeni elihle lokufezekisa loo mnqweno. I-CD yeli qela leTV iyenziwa ngoku kwaye iza kukhutshwa yinkampani enkulu eshicilela amacwecwe iEMI-CCP eshicilela amacwecwe eemvumi ezifana noRebecca, uNtando, uMandoza noRingo.
Isinxibo
Kule mihla sibaluleke kakhulu isinxibo kwaye abazali bachitha malunga ne-R20 bhiliyoni bethenga iimpahla, amacwecwe omculo neefilim, ngokutsho kophando olwenziwe ebantwaneni abaphakathi kweminyaka eli-10 neli-18.
Yinto eyenzeka kwihlabathi liphela le. Ifilim yolutsha ephambili eMelika ngoku yiHigh School Musical, ekudlala kuyo ulutsha olungezizo iimbalasane.
Injongo yeFamous! kukukhuthaza ulutsha lweli ukuba luthande ifashoni yeli njengokuba olwaseMelika luyithanda eyelizwe lalo.
Ukubalasela
UKamogelo Nche oneminyaka eli-12 ungumdanisi kwaye usebenzise umdaniso kaChris Brown kwifilim yaseHollywood ethi Stomp The Yard xa ebengenele uvavanyo lweFamous! waza wacula ingoma kaMario ethi Let Me Love You.
"Ndandisothukile. Ndandifuna ukubalasela kuba babebaninzi kakhulu abantwana abebengenele kolu vavanyo," utshilo.
UKamo uthi eli qela litsha kwiTV liyazi ukuba impumelelo yalo iza kulenzela ikamva eliqaqambileyo.
"Ukuqala kwethu kusebenza kunye sasingazani kodwa ngoku sisebenza kakuhle siliqela elimanyeneyo. Sibukelwa yiAfrika ngokubanzi," kutsho yena.
"Ewe siselula kwaye nababukeli bethu ziintanga zethu - balindele ukuba sisebenze njengezinye iimbalasane abasoloko bezibukela kwiTV nakwiifilim ngoko kufuneka sizimisele." [x]
BONA XHOSA - November 2007
Abantwana abathandathu abanenjongo yokuphumelela kwiTV...
Badumile" Kuzocaca...
EKHOHLO: UWalterique Sandows.
NGASENTLA: UKatleho Sinivasan.
kubhale uDOUG GORDON
Ngubani odumileyo"
Naba abantwana abathandathu abakwiFamous!...
UPaige Stroobach (14)
Iinjongo: Unqwenela ukuba neCD yakhe, ingoma ephambili nokuba yingcali yotyando.
Uthi: "Ndithanda ukuhlala nabahlobo bam."
UZelda van Staden (16)
Iinjongo: Ufuna ukuba yimvumikazi ephumelelayo.
Uthi: "Ndiluthanda kakhulu usapho lwam. Siyavana kakhulu kwaye ndiyaluthanda gqitha!"
UKamogelo Nche (12)
Iinjongo: Ufuna ukuba ngumqeqeshi womdaniso ovunyiweyo, umlinganiswa emabalini nokuba ngumdlali webasketball.
Uthi: "Ndinamandla kwaye ndiyakuthanda ukuqhula."
UWalterique Sandows (12)
Iinjongo: Ufuna ukuba yimvumikazi.
Uthi: "Ndithetha gqitha kwaye ndithanda ukuzonwabisa."
UZara Ally (14)
Iinjongo: Ufuna ukuphumelela kwinto yonke ayenzayo.
Uthi: "Ndizimele kwaye yonke into ndiyazenzela.
UKatleho Sinivasan (16)
Iinjongo: Ufuna ukuzenzela igama kwiTV.
Uthi: "Ndinengxolo kwaye ndiliyolisa. Ndithanda ukuhlala nabahlobo bam kwaye andifuni ukuhlala ekhaya ngobusuku bangoLwesihlanu."
EKHOHLO: UKamogelo Nche.
