xhosa.2819.motoring
NGO-1997 iDaihatsu Terios yaba yimoto yokuqala encinane eyi-4x4 eyayithengiswa eMzantsi Afrika kwaye ixabiso layo le-R99 999 laliyenza ifikeleleke.
Ngelo xesha inkoliso yabantu abazange bayinike ngqalelo ingako le moto incinane nentle. Ubuncinane bayo nokuba nenjini eyi-1,3 litre kwakuyenza ingabonwa njengezinye ii- 4x4, nto leyo ndiyibona ngathi yayikukuyidlel' indlala.
ITerios yayingakhelwanga ukukhuphisana neeLand Rover neeToyota Land Cruisers. Yayingakhelwanga nokuba iqhutywe kwiindlela zegrabile zasemaphandleni aseMpuma Koloni, eKZN okanye eLimpompo.
Yayakhelwe ukuqhutywa kwiindlela zasezidolophini nasezilokishini. Kodwa yathengwa kakuhle nangona kunjalo.
Kulo nyaka abakwaDaihatsu bakhuphe uhlobo lwayo oluphuculiweyo: iTerios II.
Yohluke ngantoni yona" Le intsha inomzimba omde, inesithuba esikhulu ngaphakathi kwaye inenjini enkulu. Zihlanu izizathu eziza kukwenza uyithande.
1Inesithuba esikhulu. Ubukhulu bayo benza ibenesithuba sesitulo sesithathu, nto leyo iyenza ilayishe umqhubi nabantu abathandathu. Ukulalisa izitulo ezingasemva kuvula isithuba sokulayisha impahla.
Ivili elililalela libekwe kucango olungasemva ukuze livule isithuba. Oko kuyenza ibenomtsalane kuba abantu bayazithanda iimoto ezibeleke amavili.
2Ikhuselekile yaye itofo-tofo. Zonke iindidi zayo zine-air conditioner, ii-airbags ezimbini, iziqhobhoshi ze-ABS, iifestile ezisebenza ngombane nesidlali-mculo esiphambili.
Xa uyitshixa ngesitshixo kutshixeka zonke iingcango - kodwa ayitshixwa ngerimowuthi.
3Ilula yaye akuzondleko ukuyilungisa. Ungakubona okuninzi kuyiplastikhi kule moto, kodwa ezo ziindawo ezingaphezulu ngaphantsi iziintsimbi ezomeleleyo. Kulula ukuzicoca ezo ndawo zeplastikhi xa unabantwana abayingcolisayo imoto.
Njengoko abakwaDaihatsu bethand' ukwakha iimoto ezincinane, bazama ukuzenza zingabinzima ukuze zingeva mthwalo iinjini zazo ezincinane.
4Iyayonga ipetroli. Inkoliso yee-4x4 ezinkulu zisebenzisa iilitha ezili-16 kumgama we-100km. Iitanki zazo zizala malunga nge-R800. Kodwa iTerios yona ingcathu kwipetroli kuba itya iilitha ezili-10 kumgama we-100km.
5Ihamba kamnandi.
Ihamba kamnandi endleleni. Injini yayo ifun' umcephe ukuze inyuse isantya, kodwa ukunyusa kwayo isantya nokufikelela kwisantya esikhulu kuyaxolisa.
Ihamba kakuhle nasezindleleni ezimbi, nangona ingakulungelanga ukuhamba ezindleleni ezimbi kakhulu.
6Iyi-4x4 efikelelekayo.
Imoto esiyivavanyileyo ixabisa malunga ne-R220 000, kuxhomekeke nakweziny' izinto enazo.
Ine-service plan yeminyak'
emi-3 okanye umgama
we-75 000km, ukanti imaintenance plan uyayithenga, kunye newaranti yeminyak' emi-3 okanye umgama we-100 000km.
ITerios ifanele usapho kwaye iyafumaneka etshintshwayo nezitshintshayo etsala ngamavili angaphambili kuphela. Ixabiso layo liqala kwi-R190 000. [x]
Umbhali nomfoti: Gavin Foster
EZEEMOTO
I-4x4 encinci eyomeleleyo
Inomzi-mba omde, inesi-thuba esikhulu nenjini enkulu
IDiahatsu Terios II entsha isukile egadeni, inomtsalane ukanti inesiqwana njengoNaomi Campbell. Umohluko kuyo nale modeli kukuba iDaihatsu ayinazindleko kakhulu kanti ikuphatha kakuhle nasendleleni...
INKULU KWAYE IBHETELE KUNOKUBA UCINGA
Ingxaki yeDaihatsu eMzantsi Afrika kukuba abantu abaninzi bacinga ukuba le nkampani ayaziwa kwaye nezinto zayo azikho mgangathweni.
IDaihatsu yinkampani eyakha iimoto emileyo yaseJapan enemininyaka emininzi ikhona, kwaye uToyota unesabelo se-51% kuyo.
Zininzi iimoto zakwaDaihatsu ezibizwa ngeToyota kwamany' amazwe - umzekelo iTerios, ibizwa ngeToyota Rush eJapan naseMalaysia.
