XHOSA.2808.yourceleb_township
UZuluboy oyimvumi yomculo wehip-hop osazingcayo ngemvelaphi yakhe, uhambe nathi wasisa kwikhaya lakhe eliseNtuzuma apho baqala khona ubomi bakhe
INDUMASI NEKASI LAYO
UZuluboy WOKWENENE
Igama lakhe lokwenene nguMxolisi Majozi, kodwa abalandeli bakhe bathi nguZuluboy. Usapho nabahlobo kwilokishi yaseNtuzuma KwaZulu-Natal bathi nguMgi, benqumlela igama elithi Mgingqeni.
Oomakazi bakhe uMaureen noZandile Majozi bamkhumbula engumntwana owayethanda unina.
"Sasihlala sibaninzi ekhaya ngoko ebusuku rhoqo sasilungisa ukuze wonke umntu alale kakuhle. UMgi wayeqiniseka ukuba ulala ecaleni kukanina. Uqale ukulala yedwa xa esenza ibanga lesihlanu! Akuqhelekanga oku enkwenkweni, kodwa wayemthanda ngenene unina," utsho uMaureen.
Umhlobo wasebumelwaneni, uThula Ndongo yena umkhumbula ngokuthanda kakhulu umculo wayede amis' umdlalo kuba efuna abahlobo bakhe bamamele ingoma entsha ayiqambileyo.
"Ndiyavuya ukumbona efezekisa iphupha lakhe," utshilo uThula.
UTHANDA inkcubeko
Njengomntu okhulele eNtuzuma ekhuliswa ngunina uNonhlanhla Majozi, uninakhulu, oomakazi noomalume, le mvumi kuninzi ekufundileyo ngentlonipho izithethe namasiko kwikhaya layo elizingcayo ngokuba ngamaZulu.
Umakazi wakhe uZandile uthi: "UMgi uzalelwe apha kwaye wakhuliswa ngokwezithethe zakwaZulu. Nangona efunde kwisikolo esinabamhlophe siye saqiniseka ukuba uyakufunda ukuthetha isiZulu kwaye uyazazi ukuba ungubani."
Sixelelwe nokuba le mvumi ihlala eJoburg iyakwazi ukulwa ngeentonga, iyakwazi ukuxhentsa kwaye iyakwazi nokuxhela.
THINA SOBABINI
Ngo-1997 uZuluboy nonina baphuma kwindlu kaninakhulu baya kuhlala bodwa.
Ubuso bakhe buye banxunguphala xa bekufotwa indlu awayehlala kuyo nonina obemthanda kakhulu nosweleke ngo-2005.
"Umama wayesebenzela inkampani ye-inshorensi phambi kokuba adendwe.
"Wavula ishishini lakhe elingazange liphumelele kodwa wayesoloko ezama. Ndandingalali ndingatyanga kwaye ndandingenangxaki nendawo endihlala kuyo," utshilo encumile.
UKUHLALA ELOKISHINI
"ISydenham ibizwa ngendawo yeengcungcu kodwa le ndawo yilokishi egqibeleleyo," utshilo xa besihamba-hamba kufutshane neeflethi ake wahlala kuzo.
Abantu bale ndawo babejongene neengxaki ezifana nezayo nayiphi na ilokishi, mhlawumbi ezinkulu kunazo: "Kwakukho abashishina ngeziyobisi ababesebenzela kanye kulaa kona ingakuthi, kwakukho nezihange, loo nto uyibona ngemizobo ezindongeni."
Ezona nkumbulo ezihlekisayo anazo kuxa yena nabahlobo bakhe babesiya eklabhini ebusuku, babuye kwintsasa elandelayo bebaliselana amabali ngeentombi abazincamisileyo, baze bayalwe ngabathengisi beziyobisi ukuba mabaziphathe kakuhle, bafunde.
"Babesinika imali yeeswiti kwaye sasingaboni nto imbi apho."
Njengomntwana ekukuphela kwakhe uZuluboy wayengumhlobo phantse nabo bonke abamelwane kwaye sifumanise ukuba abaninzi kubo basahlala apho kwaye bonke bebelangazelela ukuxhawula umhlobo wabo waseJoburg ophumeleleyo. [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Solomon Mashakeni
Ubusazi?
Ukuba ngo-2004 isizwe samaNgobese, safumana imiqolomba apho oobawomkhulu babo babehlala khona kwiminyaka engama-200 eyadlulayo eThaba Ntuzuma. Kucetywa ukuba le miqolomba ibeyeyokutsala abakhenkethi.
Ukuba iNtuzuma - yilokishi yeli xesha eyakhiwa yidolophu yaseThekwini ngeminyaka yoo-1970.
Ukuba yilokishi ephucukileyo enezikolo ezisibhozo zamabanga aphezulu, nezamabanga aphantsi ezili-12, itechnical college neteachers centre. Kukho nesikhululo samapolisa, igaraji, iklinikhi, iiholo zoluntu ezimbini, isikhululo sezicima-mlilo, ithala leencwadi, inkudla yamabango amancinane, isikhululo seebhasi, iindawo zokonwaba njengedama lokudada, ibala lebhola nelentenetya.
1. UZuluboy nommelwane wakhe waseNtuzuma, uThula Ndongo.
2. Iinkumbulo ezibuhlungu zokushiywa ngunina ziye zabuya.
3. Iiflethi awayesaya kuzibiza ngekhaya.
4. Oomakazi bakhe, uMaureen noZandile baseNtuzuma bevuyela ukumbona.
5. Naphi na apho ahamba khona kwindawo yakokwabo, abantu bayamazi.
Ijelo: www.madeinntuzuma.co.za; www.amafa.co.za
