xhosa.2805.security
Iimpawu ezinobungozi
Wabone amasela xa ezingel' ukukuqhekezela
XA ubona uphawu oluthi "For Sale" ngaphandle komzi wakho, lumka. Kungenzeka ukuba amasela azingela ukuwuqhekeza. Amfumana ngolo hlobo uNonhlanhla la masela. Uhlala nomyeni wakhe nabantwana babo ababini emazantsi eJohannesburg.
"Ngeny' injikalanga ndathi xa ndibuya emsebenzini ndafika kukho uphawu oluthi 'For Sale' ngaphandle komzi wam.
"Ndaluthatha ndalulahla kuba asiwuthengisi umzi wethu," utshilo.
Waphinda wafumana olu phawu kwakulaa ndawo inye ngemin' elandelayo. Yayilolwenye inkampani waza nalo walulahla phaya ecinga ukuba kukh' umntu owenze impazamo.
Nangemin' elandelayo wabuya lukho olu phawu kodwa kulolweny' inkampani ethengis' imizi. Nalo walulahla.
Kamva waqhekezwa umzi wakhe. Kwabiwa iimpahla eziliqela kuquka nerediyo yexabiso eliphezulu nezpikha zayo.
"Kwasicacela ukuba ezaa bhodi besizifumana zibekwe ngaphandle komzi wethu beziluphawu lokuba amasela asijongile," utshilo.
Uthi wafunda isifundo yaye ulumkisa abanye abanini-mzi ukuba balumke xa bebona izinto ezibekwe ngaphandle kwemizi yabo. "Kwezo zinto kuquka namaphepha entengiso owafumana ebaleni," utshilo uNonhlanhla.
Umsebenzi kwinkampani ethengisa imizi uthe ziyabiwa iibhodi zabo zeempawu. "Sele sisazi ke ngoku ukuba zibelwa ntoni," utshilo.
Kaloku iinkampani ezithengis' imizi azivumelekanga ukuba zibeke iimpawu ezibhalwe "For Sale" ngaphandle kwemizi yabantu zingayifumananga imvume kumnini-mzi kuqala.
Xa uthengisa umzi wakho musa ukuvumela nabani na angene emzini wakho engadibananga nomthengisi wemizi kuqala!
Imizi emininzi ineintercom yaye uFayzel Kader oyimanejala eyongameleyo kwinkampani yoonogada esebenza kwiindawo ezihlala abantu uthi amasela ayazisebenzisa ii-intercom ukujonga ukuba kukho abantu na.
"Afika acinezele iqhosha ukuze kukhale intsimbi bazophendulwa. Bakungaphendulwa ke iintsuku de zibe liqela, bayawuzingela loo mzi."
Uthe neposi eshiywa ebhokisini yayo ayayisebenzisa amasela.
Eliny' iqhinga kukubeka iibhotile ezingenanto endleleni engena endlwini uze ubeke ibhotile eluhlaza exela ukuba abanini-mzi bahambe ngentsimbi yesi-8 kusasa besiya emsebenzini. [x]
BONA XHOSA - May 2007
Amaqhinga asetyenziswa ngamasela ukuze afumane imizi aza kuyiqhekeza...
kubhale uFORCE KHASHANE
kufote uPAPI MORAKE
Zijong' izinto ezibekwe ngaphandle komzi wakho...zixela ukuba amasela ayawuzingela!
