xhosa.2789.sculptor
Uqingqa ngemithi
Uziqingqela indawo yakhe eyodwa kwinkcubeko yethu...
UJOHN MABASA ungathi yimvumi yehip-hop, uneenwele ezolukiweyo, unxib' amacici, isacholo somqala segolide esikhulu, neempahla ezinkulu. Ufake namazinyo egolide. "Ndiyayithand' ihip hop," utshilo.
Zikho izinto azithanda kakhulu. Nazi ezinye zazo...
Imifanekiso emihle eqingqiweyo yemithi...
Kunyaka ophelileyo wamenywa ukuba angenel' iimbasa eziphambili zaseMzantsi Afrika.
"Kodwa kwaye kwacaca ukuba imifanekiso ababefuna ndingenele ngayo andikayigqibi ukuyiqingqa," utsho uMabasa.
Lo mchweli ngowelali iThomu ngaphandle kwaseGiyani eLimpopo yaye uthi wayithanda imifanekiso eqingqiweyo engekayazi kwakuba yenziwa njani na.
"Ndandizoba kakuhle ndisekuGrade 3," utshilo.
Walifuman' ithuba lokungenel' ukhuphiswano xa wayefunda kumabanga aphakamileyo xa kwakuyilwa uphawu lwesikolo. Wazuza i-R10 000 apho..
Wabona ngoko ukuba angaziphilisa ngobuchule bakhe.
"Ndazifundisa ngayo loo mali ndisakuphumelela imatriki," utshilo.
Yakhawuleza yaphela loo mali wabuyel' ekhaya. Akazange aphel' amandla. Wacel' ukwenzel' izikolo namashishini iimpawu kwaye zamnika ithuba lokuzibonakalisa.
UMabasa onama-24 eminyaka uzithemba kakhulu ngomsebenzi wakhe kwaye nawo uyabonakala.
Ulibala yonk' into xa esebenza.
Waqala ukuchwela ngo-2001 esenza imifanekiso emincinci eqingqiweyo yeenyoka nezinto zesintu. Wayengenzi nto itheni de kwaba ngu-2004 ngenxa yokungabi nazixhobo zokusebenza.
"Ndandingenazixhobo zokwenz' imifanekiso epheleleyo ndaza ndayeka kuba ndisiva ngathi ndizifunz' ecaleni," utshilo.
Kodwa uthe xa eqala kwakhona wenz' izinto zamehlo yaye ngoku ungumchweli ngokupheleleyo. Umfanekiso wakhe wokuqala yaba ngowophawu lweANC olukhulu alwenza isithuba senyanga. Emva koko waqingqa uphawu lukarhulumente waseMzantsi Afrika.
Kamsinyane emva koko waqingqa umfanekiso awuthanda kunene awuthiya igama elithi Basambilu, elithetha "intliziyo emsulwa."
Lo mfanekiso ngowebhinqa elimnyama elinganxibanga elibeleke usana lithwele nengqayi entloko.
"Ndawuthiya igama likaBasambilu kuba ubonisa ibhinqa endilifunayo, elihlala lonwabile nelenza umsebenzi walo wonke lingakhalazi.
"Alikapheleli eli bhinqa kuba lize. Ndiseza kulenzela iskeyiti ukuze libukeke lilihle kakhulu."
Waqingqa nendoda ayibiza ngokuba nguNovela kunye nejoni lemfazwe.
NgoDisemba nyakenye waqalisa ukuqingqa umfanekiso walowo wayesakuba nguMongameli weli, uNelson Mandela.
Lo mfanekiso ukhangeleka umhle yaye awufuni kuphazanyiswa kodwa umniniwo uthi usaza kulungis' iindawo ezithile.
Mde kunoMabasa lo mfanekiso yaye kufuneka akhwele elelini ukuze afikelele phezulu kuwo.
UMabasa uyaziwa naseGiyani Sports, Arts And Culture Centre (GSACC) apho afika aqingqe khona imifanekiso yakhe emihle.
ULeonorah Mdanisi waseGSACC uthi bonk' abantu abambonayo xa eqingqa bayabon' ukuba ngenene unesiphiwo esingummangaliso.
"Italente yakhe ingummangaliso yaye ihambisana nokusebenza ngokuzinikela. Maxa wambi usebenza ubusuku bonke yaye loo nto iyodwa nje ibonisa ukuzinikela emsebenzini," utshilo.
UMabasa uthi uyawonwabela lo msebenzi.
"Kumnandi ukusebenza kungekho ngxolo indiphazamisayo, ndizimamelele umculo wam endiwuthandayo. Maxa wambi andilali ubusuku obubini bulandelelana."
Uthi ubugcisa busegazini kuye kuba noyise uligcisa nangona engazange amfundise nto unyana wakhe kwaye nonina ubumb' iingqayi.
"Abazali bam bayothuka xa bebon' imifanekiso yam kuba yahluke kwaphela kwizinto abaziqhelileyo."
Umsakwabo omdala uthe: "Unesiphiwo esivela kuThixo. Singayichaza ngolo hlobo le nto ayenzayo kuba siyaqal' ukuyibona."
UMabasa ufun' ukwaziwa ihlabathi liphela ngomsebenzi wakhe.
"Ndifun' ukwaziwa lihlabathi liphela yaye ndiyathemba ukuba ngeny' imini ndiza kubon' iindumasi zisiza kundicel' ukuba ndiqingqe imifanekiso yazo. Okwangoku ndisakonwabel' ukwenz' umsebenzi wam," utshilo. [x]
African Eye News Service
BONA XHOSA - May 2006
EKHOHLO: UJohn nomfanekiso wakhe kaMadiba. Lo mchweli unesiphiwo ungene ngokupheleleyo kulo msebenzi ngo-2004.
kubhale kwafota uTHANDEE N'WA MHANGWANA/AENS
Uza kuba yindumasi yehlabathi
NGASENTLA: Umchweli ekunye nomfanekiso awuqingqileyo wophawu lweANC.
BONA XHOSA - May 2006
EKUNENE: UBasambilu ubonis' ibhinqa lamaphupha likaJohn.
