xhosa.2778.teensep
BONA - August 2007
KUSHICILELO lwethu oludlulileyo besithetha ngokuba kuthetha ntoni ukuba ngumntu omtsha nangokuba ulutsha lungamaxhoba eenkampani ezithengisa iimpahla nezibavulela amatyala okuthenga iiselfowuni, iimpahla zokunxiba neeCD zomculo.
Igama elithi umntu omtsha lihambisana neenguqu ezithile emzimbeni kodwa iyaxaka into yokokuba kuthiwe ezi nguqu kufanele zenzeke phakathi kweminyaka eli-13 neli-19.
Akunjalo mlisela nomthinjana wakuthi - umzekelo xa uyintombazana angantshula amabele uneminyaka eli-11 kwaye akukho ngxaki apho ngoko ke ungaxhalabi.
Xa sithetha ngeenguqu ezitshintsha umzimba womntwana ube ngowomntu omdala sithetha ngokufikisa. Iminyaka yokufikisa iqala phakathi kweminyaka eli-10 de ube neminyaka engama-20 kodwa ezi nguqu zenzeka kwiminyaka ephakathi kwe-13 ne-19 kubantu abaninzi.
Yonke le nto iqala engqondweni. Idlala elincinane elilingana ne-ertyisi elibizwa ngepituitary gland nelifumaneka engqondweni lithumela iihomoni kwimithambo yegazi.
Ihomoni (eli gama lithatyathwe kwisiGrike kwaye lithetha "ukushukumisa") sisithunywa esiyikhemikhali esityhutyha iiseli ezisemzimbeni.
Iihomoni zityhutyha umzimba ziwulumkisa; zizo ezisusa ukusebenza kwamajoni okanye zikhuphe ezinye iihomoni. Xa ufikisa ke iihomoni zisebenza kumalungu ahambisana nobuni.
La malungu ahambisana nobuni ngamatapile emakhwenkweni ukanti emantombazaneni ziziyilelo-maqanda (ii-ovari). Iihomoni zishukumisa la malungu ukuze akhule.
Akhupha ezawo iihomoni la malungu ezibizwa ngee-androgens. Ihomoni enamandla kakhulu emadodeni yitestosterone ukanti emantombazaneni yi-oestrogen neprogesterone.
Le nkqubo yangaphakathi ikhokelela ekuphumeni kwezinto ezibizwa "ngeempawu ezibonakalayo zobuni" eziguqula inkangeleko yethu (namazwi).
Nazi ezinye zeenguqu ezenzekayo emzimbeni - ezi nguqu ziyatshintsha, ezinye zazo zenzeka ngaphambi kwezinye...
AMANTOMBAZANA
1) Ukuntshula kwamabele: Olu luphawu lokuqala olubonakalayo oluxela ukuba intombazana iyafikisa. Kuqala kuntshule amagaqa aqinileyo emabeleni kuze kuthi kwiminyaka emibini okanye emithathu kukhule amabele.
Omnye ugqirha usikhumbuze ukuba amabele ahlukile ngobungakanani nangokumila kwaye uthi akantami ukuba sele ukhule kangakanani.
2) Izinza: Ziqala ukubonakala kwimilebe yelungu lobuntombi ngaphandle. Emva konyaka okanye emibini zizala ilungu lobuntombi lonke. Kwamanye amantombazana izinza zivela ngaphambi kokuntshula kwamabele.
3) Ilungu lobuntombi, isizalo neziyilelo-maqanda: Ilungu lobuntombi liyatshintsha ibala lize likhule. Maxa wambi likhupha into emhlophe. Isizalo neziyilelo-maqanda nazo ziyakhula.
4) Ukuya exesheni nokuchuma: Amantombazana aqalisa ukuya exesheni xa eneminyaka eli-12.
Kwiminyaka emibini yokuqala uqalile ukuya exesheni awuhlambi qho ngenyanga kwaye awukwazi ukuchana imihla oqala ngayo ukuhlamba.
Ukuphuma kwamaqanda kwii-ovari kubalulekile kwaye akwenzeki qho xa usexesheni. Emva kweminyaka emibini eqalile ukuya exesheni amantombazana amaqanda aphuma kwii-ovari izihlandlo eziliqela ngonyaka.
5) Iinguqu zomzimba: Xa ufikisa umzimba ongezantsi uyakhula ngenxa yehomoni ebizwa nge-oestrogen ukuze kuvuleke indlela yesizalo.
Amantombazana anamafutha amaninzi kunamadoda ingakumbi kwiindawo ezifana namabele, iihipsi, amathanga, iimpundu, neengalo - ukuze ube libhinqa elinomkhitha wamabhinqa.
6) Amaqhakuva, ivumba neenguqu zolusu: Amantombazana aba nevumba labantu abadala ukanti namafutha amaninzi ayaphuma emzimbeni aze enze amaqhakuva aphelayo maxa wambi xa ukuma-20 eminyaka.
AMAKHWENKWE
1) Ukusebenza, isayizi nokuchuma kwamatapile: Amatapile ayakhula abe makhulu kwaye aluphawu lokuqala oluntama ukufikisa. Amatapile akhupha itestosterone eyenza iinguqu eziliqela ezenzeka ngexesha lokufikisa.
2) Izinza: Esakukhula amatapile kuvela izinza. Izinza ziqala ukubonakala emazantsi elungu lobudoda. Ziyakhula indawo yonke "ejikeleze ilungu lobudoda." Kwamanye amakhwenkwe zikhula nasemathangeni ukuyofikelela enkabeni.
3) Iinwele emzimbeni nasebusweni: Emva koko umila iinwele emakhwapheni naphezu komlebe wangasentla, uze uphume intshebe. Ziyakhula kakhulu iinwele ezisemilenzeni, ezingalweni nasesifubeni. Ezi nwele zikhula ngeendlela ezahlukeneyo kwiintlanga ngeentlanga.
4) Ukutshintsha kwelizwi: Kwizini zozibini amazwi ayakhula kodwa amakhwenkwe wona aba namazwi andongo-ndongo.
5) Ukukhula ngobude: Amakhwenkwe akhula kancinci xa ethelekiswa namantombazana kodwa wona akhula abe made kakhulu. Izandla neenyawo zikhula kuqala kuze kulandele amalungu omzimba nomzimba wonke.
Amadoda asele ekhulile anamathambo anzima nezihlunu ezingaphezulu kwezamabhinqa. Izihlunu zivela kwiminyaka yokugqibela yokufikisa kwaye amadoda ayaqhubeka nokukhula de abe madala.
6) Ivumba neenguqu emzimbeni namaqhakuva: Ukukhula kwee-androgens kutshintsha umbilo uze umzimba unuke njengowomntu omdala. Le homoni ikhupha amafutha amaninzi eluswini nto leyo yenza ube namaqhakuva. [x]
Iinwele ezimila kwiindawo ezingaqhelekanga
... neziny' iinguqu ezothusayo - lonke ulwazi olufunayo ngokufikisa kodwa obusoloko usoyika ukubuza ngalo
Izoluleko zikaFat Charlie
BONA XHOSA - September 2007
u
t
BONA XHOSA - September 2007
Iinwele ezimila kwiindawo ezingaqhelekanga
YINTONI EQHELEKILEYO"
Zininzi izinto ezintama ixesha lokufikisa "nesantya" sokukhula komntu ukanti iminyaka yokufikisa iyashiyana ngokweentlanga nangokwabantu.
Enye yezinto ezichaphazela ukufikisa kukutya.
Umzekelo: uphando olwenziweyo lubonise ukuba ukushota kwecalcium emzimbeni kwenza umntu omtsha afikise kade, aphathwe sisilumo xa esexesheni, ophe kakhulu kwaye afunyanwe lula zizifo ezosulelayo.
Nendawo ohlala kuyo inento eyenzayo - abantwana abakhulele endaweni ephakamileyo bafikisa kade.
Amantombazana enza imithambo kakhulu okanye ahamba imigama emide yonk' imihla afikisa kade.
Kunobungqina bokuba iminyaka yokufikisa iyehla kwihlabathi liphela. Umzekelo ngoo-1840 abantu abatsha babefikisa beneminyaka eli-15 neli-17. Ngoku bafikisa bene-12 leminyaka ubudala kuphela.
