XHOSA.2774.stars
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - February 2007
Umsebenzi: Ziqale ngokwakho izinto. Uyazi uza kuphumelela - ungatyhafiswa mntu.
Impilo: Yenza into emnandi neyahlukileyo ukuze usebenzise amandla akho.
Imali: Thelekis' amaxabiso ngaphambi kokutheng' into enkulu.
Uthando: Uyathandwa ngabantu, uza kuxakeka wonwabe nabahlobo.
Umsebenzi: Yenz' icebo lokuzalisekisa amaphupha akho - ufanele uwaphumeze.
Impilo: Qwalasel' into oyityayo!
Imali: Xa ulumkile ungenza izivumelwano ezihle.
Uthando: Lixesha lokonwaba kuwe neqabane lakho. Niqondana kakuhle nalo.
Umsebenzi: Jonga ingomso. Ceba kwangethuba usithembe isakhono sakho.
Impilo: Uzithembile kwaye udlamkile. Fuman' okutsha oza kukwenza xa ungaphangeli.
Imali: Ngoku ufanele ukwazi ukulawul' imali yakho.
Uthando: Bonis' uthando kwisithandwa sakho ukuze naso sikuthande.
Umsebenzi: Ukuzithemba kwakho kuza kukwenza uphumeze lukhulu.
Impilo: Uxakekile, ngoko qiniseka ukuba ixesha lomsebenzi liyalingana nelokuphumla.
Imali: Lungisa umzi wakho ngemali onayo.
Uthando: Gcina uthando luvutha ngezinto ezintle ozenza zingalindelwanga.
Umsebenzi: Iingxoxo zoshishino zihamba kakuhle kunokuba ubucinga.
Impilo: Qiniseka ukuba wenza umthambo owaneleyo phandle.
Imali: Okubalulekileyo okwenzayo kukuvuza ngemali ethe kratya.
Uthando: Uthando lwenu luhamba kakuhle yaye ufumana nenkxaso yeqabane lakho.
Umsebenzi: Mntu uthile osemagunyeni ukubona ungumsebenzi okhutheleyo. Zibonakalise ke nawe.
Impilo: Phucul' impilo yakho ngokwenz' umthambo rhoqo.
Imali: Ukuthanda ubomi obuhle kukukhuthaza wenz' imali.
Uthando: Xa ungenamntu mhoye obonisa ukukuncwasa.
Umsebenzi: Khuthala emsebenzini ukuze uvuzwe kwixesha elizayo.
Impilo: Zama ukuphucula impilo yomzimba wakho. Yonwabele imidlalo.
Imali: Lixesha lohlumo. Uza kuba nethamsanqa kwimicimbi yemali.
Uthando: Yonwabela ukuhlala nesithandwa sakho.
Umsebenzi: Khumbula ulwazi lungamandla, zama ukuphucul' imfundo yakho.
Impilo: Xa uziva unoxinzelelo, phumla wonwabele nemidlalo yaphandle.
Imali: Lumka yaye uya kubona izinto zitshintsha zikuhambela kakuhle.
Uthando: Lixesha lokuxakeka nelokonwaba kwabathandanayo.
Umsebenzi: Uza kuba nethamsanqa elimangalisayo. Lisebenzise elo thuba uzibonakalise.
Impilo: Ukhululekile ngoku kuba uzithembile.
Imali: Ufuman' ithuba lokwenz' inzuzo kwinto entsha.
Uthando: Zama ukwenza uthando lwenu lubemnandi yaye lomelele.
Umsebenzi: Ufumana ithuba lokuziphucula. Luxanduva lwakho ukwenza okuthile.
Impilo: Kunike ingqwalasela ukutya okutyayo. Zama ukuphucul' ubomi bakho.
Imali: Kuza kubakho iinguqu eziza kukunceda. Uthando: Luhamba kakuhle uthando. Xa ungenamntu uza kumfumana
Umsebenzi: Khuthala, ukhuphisane xa ufun' ukuphumelela.
Impilo: Uqhubeka nobomi kuba unengqondo ekhululekileyo. Yenza nomthambo.
Imali: Tshintsha izinto zakho. Oko kuya kukukhuthaza.
Uthando: Eli xesha likunika amathuba athe kratya olonwabo.
Umsebenzi: Milisel' ingqondo emsebenzini. Izinto ziyathembisa.
Impilo: Kuqwalasele ukutya okutyayo. Ungatyi nantoni na.
Imali: Imali oza kuyifumana iza kukukhuph' ematyaleni.
Uthando: Yiba nomonde novelwano xa ufuna umtshato wenu ubenothando. [x]
