xhosa.275.towtrucks
- BONA - August 2005
Zilumkele iimoto ezitsala ezinye!
Awukwazi ukucinga kakuhle emva kokubandakanyeka engozini yemoto, xa kufuneka imoto yakho itsalwe yibreakdown ukusuka kwindawo yengozi kufuneka ube uhleli qwa...
BONA XHOSA - January 2006
UHLELI ecaleni kwendlela wothukile, kodwa awenzakalanga. Kude kufuphi nawe abahlanguli babantu ezingozini zendlela babhila-bhila abantwana bakho abenzakeleyo. Imoto yakho ibubutyobo ecaleni kweentsimbi etshayise kuzo. Kufika iibreakdown ezintlanu kungekafiki namapolisa nabantu boncedo lokuqala...
Umqhubi webreakdown efike kuqala uthe awunakuhlawula nepen' emdaka xa etsala imoto yakho ayise kwindawo eza kulungiswa kuyo kuba unesivumelwano ne-inshorensi yakho, ngoko ngabo abaza kuhlawula iindleko zokutsalwa kwayo. Ngemini elandelayo unengxaki yokufumana imoto yakho ukuba yatsalwa yasiwaphi na.
Ufowunela zonke iinkampani zeebreakdown, uze emva kweeveki ezintathu ucinge ukuba unethamsanqa kuba uyifumene imoto yakho.
Wakufika kwindawo enobugoxo beemoto ezindala egcinwe kuyo imoto yakho uxelelwa ukuba kufuneka uhlawule i-R1 850 yokuyitsala. Uhlawulele nokugcinwa kwayo apho i-R120 ngemini neyenza iyonke imali ekufuneka uyihlawule ibe yi-R4 370.
Inkampani yakho ye-inshorensi ikuxelela ukuba inesivumelwano sokuhlawula i-R1 200 nabanini bebreakdown, ngoko yiloo mali abaza kuyihlawula.
Umqhubi webreakdown eyatsala imoto yakho owayenovelwano kwindawo yengozi ngoku uthetha njengosomashishini. Uthi imoto yakho ayiphumi apho ungayihlawulanga yonk' imali yakhe, kwaye ngemini inyuka nge-R120.
IBALI elikumila kunje lenzeka rhoqo eMzantsi Afrika, mhlawumbi nakwihlabathi liphela. "Abona bantu ndibavelayo kule ngxaki ngabo baneemoto ezindala ezingasenaxabiso lingakanani," utsho uBrian Bonandrini, usihlalo weSouth African Towing and Recovery Association (SATRA) wengingqi yaseDurban Highway.
"Abaqhubi beebreakdown abangekho mthethweni ababachazeli abantu ukuba iindleko zithini, kwaye amaxesha amaninzi baphulukana neemoto zabo kuba bengakwazi ukuhlawula imali efunekayo.
"Enye into bangakutyabula i-R200 yokugcin' imoto ngemini ize imoto igqibele ithengiselwe indawo ethengisa iintsimbi zeemoto ezindala, aze umnini wayo afumane nje amawaka ambalwa xa enethamsanqa."
I-SATRA izama kangangoko inako ukukhuph' amaqhetseba kwishishini leebreakdown, kodwa awukho umthetho onyanzela abaninizo ukuba bajoyine lo mbutho, ngoko abakwazi ukulawula abantu abangengawo amalungu awo.
Ebutsheni balo nyaka kwabanjw' indoda isonakalisa iirobhothi eRoodepoort yathi ibiqeshwe ngabanini beebreakdown kuba befuna iimoto zingqubane ukuze bafumane umsebenzi. Oko kubonisa ukuba abantu bangenza izinto ezibububhanxa ukuze bafumane imali.
Uninzi lwala maqhetseba asebenzisana namapolisa anobuqhophololo anyanzela abanini beemoto ukuba batsalelwe ngabahlobo babo ukuze nawo afumane amaqithi-qithi.
"Eyona nto ibalulekileyo abafanele bayazi abanini beemoto kukuba xa uhlelwe yingozi akukho mntu angakuxelela ukuba imoto yakho mayitsalwe ngubani," utsho uAdvocate Don Smart ongumbhali weGuide To Motor Law (SA).
"Ngumnini wemoto onelungelo lokukhetha umntu oza kutsala imoto yakhe kwindawo yengozi. Xa ivale indlela ipolisa lingamcela umqhubi webreakdown ukuba makayisuse, kodwa oko likwenza lisazi ukuba lilo eliza kujongana neendleko zalo msebenzi.
"Ngaphambi kokuba itsalwe imoto yakho kufuneka ubenesivumelwano esibhaliweyo esichaza ukuba uza kuhlawula malini, nokuba uya kuqala nini ukuhlawuliselwa ukugcinwa kwemoto nokuba kuza kuba yimalini ngemini.
"Xa une-inshorensi buza iinkampani zeebreakdown abanesivumelwano nazo, uze uwagcine emotweni yakho amagama azo. Ungamkholwa umntu othi iindleko ziya kuhlawulwa yi-inshorensi yakho."
UBONANDRINI ungqine ngelithi: "Kubaluleke kakhulu nokwazi ukuba iza kutsalelwaphi imoto yakho."
"Kubhetele uthi imoto yakho mayitsalwe isiwe emzini wakho okanye kwindawo ekhuselekileyo ekhethwe nguwe kwaye ufune libhalwe phantsi ingekatsalwa ixabiso lokuyitsala."
UBonandrini uthi iindleko zokutsalwa kwemoto umgama oziikhilomitha ezingama- 20 imel' ukuba phakathi kwe-R250 ne-R300 eThekwini, nangona ke loo mali inganyuka ngokuphindwe kathathu okanye kane xa imoto ehlelwe yingozi kufuneka itsalwe ikhutshwe eliweni engene kulo, okanye xa kufuneka ilayishwe enqwelweni kuba ingakwazi kuzihambela.
I-Automobile Association Of South Africa inika amalungu ayo inkonzo yokutsalwa kweemoto zawo simahla, kodwa kufuneka utsalwe ziibreakdown ezibhalisiweyo kubo.
"Eziny' iibreakdown zikuxelela ukuba zibhalisiwe yi- AA zibe zixoka, ngoko ziqwalasele iimpepha zazo," utsho uDon Smart.
Iinkampani ze-inshorensi nabakwaAA bakunika amaphepha ancanyathiselwa efestileni nanqanda ukutsalwa kwaloo moto ngabantu abangenamvume. Wancamathisele kwiifestile ezingekho sichengeni sokufa engozini - njengesecaleni okanye engasemva.
Uba sesichengeni kakhulu sokuqhathwa xa ukude nekhaya.
Ngoko qhagamshelana nenkampani yakho yeinshorensi, iSATRA, okanye abakwaAA ngoku ucele uluhlu lweenkampani ongazisebenzisa ekutsaleni imoto yakho kwindawo yengozi.
Qinisekisa ukuba unikwa ixabiso elibhalwe phantsi xa ufuna ukutsalwa, kwaye utsho ukuba imoto yakho mayitsalelwephi. Oko kuya kukwenza ungazifumani sele ubhadula kwidolophu ongayaziyo ufun' imoto yakho ongazi nokuba uya kuze uphinde uyifumane na. [x]
Ngaba ngabona bayingxaki ezindleleni"
Xa ufuna ukutsalelwa imoto qiniseka ukuba kukho into ebhalwe phantsi.
BONA XHOSA - January 2006
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
