xhosa.2759.Today Project
Amakhasi Okuzonwabisa eBona
Ukhe unqwenele ukuba yindwalutho yeshishini leefilim" Abalinganiswa beefilim abaphambili kweli njengabadlala kwifilim ezuze imbasa yeOscar ethi Tsotsi nomlinganiswa owazuza imbasa yeOscar uCharlize Theron owazalelwa eBenoni babonisile ukuba ngokusebenza nzima ungaphumelela kweli shishini. Kolu shicilelo sijonga ubugcisa bokudlala kwimidlalo yeqonga neefilim.
Esi sicatshulwa sithathwe kwiincwadi ezithi Arts And Culture TODAY ezishicilelwe ngabakwaMaskew Miller Longman. Ezi ncwadi zeTODAY zichaphazela konke okufundwa kuGrade 7 ukuya kuGrade 9.
Okwenzeka emdlalweni
Abalinganiswa - aba ngabantu abadlala umdlalo. Ngaba umdlalo ungoobani, kwaye kwenzeka ntoni kubo" Kubalulekile ukukhumbula umahluko phakathi kwabalinganiswa nabantu abadlala iindawo zabo - abalinganiswa ngabantu abadlala ebalini ukanti ngabo abadlala iindawo zabantu abasebalini. Ngoko ebalini unokuba ngumlinganiswa odlala indawo yexhegwazana elisebalini.
Incoko yababini - amazwi athethwa ngabalinganiswa nendlela abathetha ngayo.
Okwenzekayo - okwenziwa ngabalinganiswa eqongeni, kuquka ukuhamba, ukuhlala nokuma, imbo-nakalo yabo ebusweni nokusebenzisa izandla neengalo xa bethetha.
Ukuma kwendawo - indlela elungiswe ngayo indawo abadlalela kuyo - yenziwe njani" Kwenzeka ntoni ke phakathi"
Iindidi zemidlalo yeqonga
Imidlalo yeqonga yoluntu - umdlalo weqonga ungaba lilizwi loluntu uze
udandalazise imiba ebalulekileyo edla umzi. Amaxesh' amaninzi le midlalo
ayidlalwa ngabalinganiswa abaqeqeshiweyo, koko ungadlalwa nangubani na ofun' ukusebenzisa umdlalo weqonga ukwazisa abantu ngeengxaki
nangemiceli-mngeni ukuze babe nako ukwenza okuthile ngayo.
Imidlalo yeqonga yeenkampani - eziny' iinkampani zisebenzisa imidlalo ukwazisa iimveliso zazo ezintsha, ukwakha umfanekiso omhle ngenkampani okanye ukuzazisa.
Imidlalo yemizi-mveliso - isetyenziselwa ukufundisa ngeenkqubo
zokhuseleko, iinkqubo ezintsha, iichaze iingxaki ezintsha yaye ibe negalelo ekwakheni intsebenziswano.
Imidlalo yokufundisa - kusetyenziswa imidlalo ukuqalisa iingxoxo ngemiba ebalulekileyo, okanye ukwenza izifundo zibe nomdla nangakumbi.
BONA XHOSA - July 2006
Umlinganiswa usebenzisa iintshukumo zomzimba
nobuso endaweni yokuthetha.
Ilungele abantwana abaneminyaka ephakathi kwe-8 neli-14
Ubusazi na"
UZakes Mda ongomnye wababhali bemidlalo abaziwayo eMzantsi Afrika wasebenzisa imidlalo yee-
ngxoxo xa wayephangela eMarotholi Travelling Theatre eUniversity of Lesotho. Eli qela lomdlalo weqonga lalihamba-hamba kwiilali lisebenzisa imidlalo yeqonga ukunceda uluntu lwazi iindlela zokuziphucula. Imidlalo yayo yayingemiba efana nokulima ukutya, abasebenzi abasebenza kude namakhaya, ubunxila nemibutho yabasebenzi. UZakes Mda ubhale incwadi ethi When People Play People. Le ncwadi ithetha ngezinto azili-ngayo nabantu basekuhlaleni.
Ubusazi na"
Intetho yomntu yedwa
emdlalweni kuxa umlinga-niswa ethetha yedwa.
Intetho yomlinganiswa othetha yedwa ingatshiwo komnye, kungenjalo ingaba kukuthetha wedwa. Apho ke umlinganiswa uthetha iingcinga ezisengqondweni yakhe.
Umlinganiswa ethetha yedwa iingcinga zakhe.
Umdlalo weengxoxo - waqaliswa ngumsebenzi weziko lemidlalo yeqonga waseMzantsi Melika, uAugusto Boal, olu hlobo lwemidlalo yeqonga luyanceda ekusombululeni iingxaki zobomi, njengoko ababukeli bengabamisa abalinganiswa bafune ukuqonda ukuba kuqhubeka ntoni.
Siphisa ngeekopi ezintlanu zeBackdrop
-- ingqokelela yemidlalo yeFIVE ONE-ACT
PLAYS from DIFFERENT BACKGROUNDS.
Thumela amangenelo akho kule dilesi:
Backdrop Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396, Cape Town, 8000
Ungalibali ukubhala igama, idilesi nenombolo
yomnxeba ofumaneka kuyo negama lesikolo
sakho.
Imbongi isenza umbongo.
BONA XHOSA - July 2006
Ukwenza umbongo
Ukwenza umbongo yinto eyenziwa kwihlabathi liphela. Ziliqela iindidi zemibongo, kukho imibongo
yokuncoma, eyokukhalaza, imibongo engezithixo nezinyanya, imibongo yothando neengoma zerephu.
Ukwenza imibongo sele
kuyinxalenye yamasiko yoluntu oluninzi.
Isipho!
