xhosa.144.career
IDYOKI enguDenny Smith ithi kule minyaka isibhozo ayisakhumbuli ukuba iphumelele imidyarho emingaphi. Ukhumbula indlela angena ngayo kulo msebenzi. "Umalume wayekuthand' ukuya emidyarhweni waza wacebisa ukuba ndibe yidyoki kuba ndandinesiqwana. Ekuqaleni azange ndiyithande loo nto ndaphinde ndabon' ukuba mandiyilinge.
"Ndafak' isicelo kwiRacing And Equestrian Academy eseSummerveld, ngaseThekwini ndaza ndamkelwa emva kweeveki ezi-6 zovavanyo.
"Ndandisoyik' ukukhwel' ihashe ekuqaleni kodwa ndaliqhela emva kwethuba ndaqalis' ukuwathanda. Sasifundiswa ngamahashe asele emadala kuze kuthi emva kweenyanga ezili-18 xa sele sikwazi ukukhwela siye ebaleni siyoqeqeshwa.
"Xa bebon' ukuba siyakwaz' ukukhwela singenele imidyarho. Umdyarho wam wokuqala wawungomhla we-16 kuJuni ka-1998. Nangona ndingazange ndiphumelele kodwa ndandichwayitile! Kwaba nzima kunyaka wam wokuqala kuba kufuneka uphumelele ukuze waziwe. Ndachwayita kakhulu xa ndandiphumelel' umdyarho okokuqala.
"Mininzi kakhulu endayiphumelelayo emva koko yaye ayikho into emnandi njengokuphumelela kwaye kukwenza uzithembe."
UDenny utyelele amazwe aliqela afana neMauritius, iDubai, iQatar, iBahrain neKenya.
"Ndiqokelel' ulwazi njengokuba ndisebenza phesheya kodwa ndiyafun' ukubuyel' eMzantsi Afrika ngokupheleleyo xa ndifuman' ithuba elincumisayo," utshilo.
Amathuba engqesho
"Umsebenzi wokuba yidyoki uyathandwa," kutsho uEureka Sewpersadh oligosa lentengiso kwi-ofisi eyintloko yeRacing And Equestrian Academy eseThekwini.
"Iidyoki eziqeqeshiweyo zifuman' imivuzo encumisayo kweli naphesheya. Zisoloko zifuneka iidyoki ezivunyiweyo. Kungokunje ziliqela iidyoki zeli eziqeqeshiweyo ezisebenza eHong Kong."
Izinto ezifunekayo
Umsebenzi weedyoki ufuna umntu okwaziyo ukusebenza iiyure eziliqela nozinikelayo emsebenzini. Kufuneka uwathande amahashe. Kufuneka ube mncinci ngesiqu, womelele yaye ukulungele ukusebenza iiyure eziliqela - uqeqesho luqala ngeyesi-4 kusasa.
Uqeqesho
I-Racing And Equestrian Academy kuphela kweziko eliqeqesha iidyoki kweli.
Lifana nesikolo ofunda uhlala kuso, ulandela inkqubo yokufunda emisiweyo kodwa lona ligxininisa kuqeqesho lokukhwelwa kwamahashe.
Abafundi benza uqeqesho oluthatha iminyaka emihlanu ngaphambi kokuba babe ziidyoki ezivunyiweyo.
Iidyoki eziqeqeshwayo zityikity' isivumelwano neRacing And Equestrian Academy zize zithi zisakulungel' ukungenel' imidyarho zinikwe iziqinisekiso zokukhwel' amahashe yiNational Horseracing Authority of South Africa.
Akho amathuba abantu abathanda amahashe kodwa bengakufanelanga ukuba ziidyoki. Umzekelo bangaba ngabaqeqeshi okanye iimanejala zeendawo zamahashe.
Ungaqeqeshelwa ukugcina amahashe eNational Groom School.
Inqanaba lemfundo
Ingqingqwa kakhulu indlela ekukhethwa ngayo yaye kufuneka abantu abaphakathi kwe-15 ne-17 leminyaka ubudala abaphumelele uGrade 9. Eziny' izinto ezibalulekileyo bubunzima, ubude, inkangeleko yomzimba, izinto akwaziyo ukuzenza nembali yosapho lwakhe (ubunzima nobude).
Umvuzo
Iidyoki eziqeqeshwayo zityikitya isivumelwano seminyaka emi-5 kodwa zingasongeza xa abaqeqeshi bazo bebona ngathi azikakulungeli ukuba ziidyoki ezivunyiweyo.
Imivuzo ziyifumana nje zisakuqal' ukungenel' imidyarho yaye ziyingenela emva konyaka nesiqingatha ziluqalisil' uqeqesho. Zifuman' umvuzo othile ngomdyarho ngamnye yaye xa idyoki iphumelele ifuman' inxalenye yentywenka yemali yehashe eliphumeleleyo.
Le mivuzo igcinwa kwi-akhawunti zize zihlawulwe sele iyintywenka zisakugqib' uqeqesho nto leyo izincedayo xa ziqal' ukusebenza.
Iyahluka ngokomsebenzi nobuchule yaye iqala kwi-R5 000 ukusa kwi-R30 000 nangaphezulu. Idyoki evunyiweyo ifuman' umvuzo ophezulu. Uninzi lwazo zizimele yaye zifumana ukususela kwi-R12 000 ukusa kwi-R70 000 ngaphambi kokuba itsalwe kuhlawulwe amatyala eshishini. [x]
Xa umfutshane, unesiqu esincinci yaye uwathanda amahashe, nangu umsebenzi okufaneleyo...
IFOTO ENKULU: "Ayikho into emnandi njengokuphumelela," utsho uDenny Smith oyidyoki.
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
Imisebenzi
BONA XHOSA - September 2006
Ukuba yidyoki
EKHOHLO: Kunzim' ukuba yidyoki kodwa kunomvuzo. Akuyonto yakhe nabani na kuba kufuneka ube mfutshane yaye ube mncinci ngesiqu!
BONA XHOSA - September 2006
Ulwazi oluzeleyo
I-Racing And Equestrian Academy inamasebe eThekwini, eKapa, eBhayi naseRhawutini. Umnxeba: 031-769-1103; ifeksi: 031-769-1034; iWebsite:
www.theacademy.co.za
i-email: admin@theacademy.co.za
