xhosa.2756.NEW BEAUTY 1
Yinto eqhelekileyo ukuba namaqhankqa ambalwa, ingakumbi xa ukwishumi elivisayo leminyaka. Kodwa xa evela rhoqo abemaninzi, kungenzeka ukuba unesifo samaqhankqa... Kubhale uCharis Dawson
AMAQHANKQA akabangelwa kukungcola njengokuba abantu abaninzi becinga. Koko abangelwa yikeratin, eyiprotini eveliswa ngumzimba newenza abenebala elimnyama. Ikeratin neziny' ii-oyile zomzimba zivala intunja yoboya kuze oko "kwenze" iqhankqa.
Akunangxaki ukuba namaqhankqa ambalwa ngamany' amaxesha, kodwa xa ekuhlasela rhoqo abemaninzi kungenzeka ukuba unesifo samaqhankqa.
Isifo samaqhankqa sidla ngokukuhlasela xa ukwiminyaka yokufikisa xa amadlala esebenza ngamandla zibe iiseli zomzimba zingakwazi ukumelana naloo nto, kuze kuvaleke iintunja zoboya. Ukuba abazali bakho babenawo amaqhankqa ekukhuleni kwabo, nawe angakuhlasela. Andiswa nakukuba noxinzelelo lwengqondo.
Adla ngokukuhlasela ebusweni, kodwa ayavela nasesifubeni, emqolo nasemagxeni.
Zimbini iindidi zawo...
Amaqhankqa amakhulu
Olu hlobo lubuhlungu yaye luba leentloko ezibomvu kuze kudumbe indawo enkulu.
Yiya kugqirha oyingcali yolusu xa ucinga ukuba unolu hlobo lwamaqhankqa kuba akanakukunceda amayeza athengwayo.
Amaqhankqa amancinane
La amaqhankqa ababuhlungwanga kakhulu yaye amnyama abeneentloko ezimhlophe.
Cela usokhemesti akucebise ngeyeza elingakunceda. Iyeza lisebenza kakuhle xa ulisebenzisa ngokwemiyalelo yalo.
Amaqhankqa adla ngokuziphelela xa ungaphaya kweminyaka engama-20. Kodwa ke kuninzi ongakwenza ngoku ukuwanciphisa.
Nazi iindlela zokuwaphelisa ngokwendalo.
Yitya iimbewu namandongomane, ukuba ubungawatyi. Yitya iBrazil nuts neempuzi kuba zine-oyile nezinc efunwa lulusu lwakho.
Qinisekisa ukuba uwasela ngokwaneleyo amanzi yonk' imihla.Zama ukusel' iilitha ezi-2 ngemini kuba ukuphela kwamanzi eluswini kuvala iintunja zoboya aze akuhlasele ngamandla amaqhankqa.
Qinisekisa ukuba zonk' iimveliso ozisebenzisayo zezendalo. Amachiza enza ulusu lwakho luphelelwe zii-oyile zendalo uze uzifumane unolusu olunyinyithekayo kuba luzama ukubuyisela ii-oyile ezilahlekileyo.
Icaffeine inyusa istresi emzimbeni wakho. Istresi sona sandisa amaqhankqa, ngoko yiphephe iti, ikofu, iziselo zetshokholethi nezihlwahlwazayo ezinecaffeine kangangoko unako.
Kubalulekile nokufuman' ilanga nomoya ococekileyo kuba uphelisa istresi, wandise ne-oxygen kulusu lwakho. Zinike ixesha lokuhamba wolul' imilenze yonk' imihla.
Buhlambe rhoqo ubuso bakho. Oko kuya kuphelisa ii-oyile ezikulusu lwakho ezibangela amaqhakuva. Kuphelisa nokumenyezela okwenziwa zezo oyile.
Nangona kunjalo xa unamaqhankqa ungakusebenzisi okokukhuhl' ubuso okanye nantoni na ethanjiswa ebusweni ngaphandle kokuba uyinikwe ngugqirha.
Kwakhona ungawacudisi amaqhankqa kuba ungaba nosulelo yaye kukushiye uneziva. [x]
Ukuphelisa
aMAqhankqa
BONA XHOSA November 2008
EZOBUHLE
"Xa abazali bakho babenamaqhankqa, nawe unganawo"
KUTHETHA NTONI?
Abonakala emaninzi amagama asetyenziswa xa kuthethwa ngamaqhankqa, kodwa anenkcazo elula...
Untloko-mhlophe: Liqhakuvana elimhlophe elinekeratin.
Untloko-mnyama: Liqhakuva elimnyama nalo elinekeratin, kodwa lona libamnyama okanye libetyheli.
INodule: Iqhakuva elikhulu ngaphezulu kukantloko-mhlophe nontloko-mnyama. Lona lidla ngokubabomvu ngebala.
IKeratin: ikeratin yiprotini eqinileyo efumaneka kwiiseli zolusu. Ikwasisithako seenwele neenzipho.
IHypoallergenic: Izithako ezingenakufane zingavani nomzimba wakho.
Ingcali yolusu: Ugqirha oyingcali oxilonga aze anyange iingxaki zolusu.
