xhosa.2741.yourceleb_cover
Sibhiyoza namabhinqa
UWINNIE MASHABA kunye nomyeni wakhe bavuke ngecala emva kwentsimbi yesine kusasa beza kuhamba ngemoto besuka eLimpopo besiya eRhawutini. Umam' uDeborah Fraser yena ubeza kukhwel' eqongeni kungekudala kodwa uzamile ukwenza ixesha elincinane lokudibana nathi.
UNtokozo Mbambo ubebanjwe ngumkhuhlane ngoko bekufanele ukuba uphumle kodwa uzile naye ukuzokuthetha neBONA.
Noxa exakekileyo omathathu la manenekazi, kodwa afike ngexesha eZoo Lake.
UWinnie ubenxibe iiteki ze-All-Star, iskeyiti esirhuqayo nejakhethi efudumeleyo nomnqwazi. UNtokozo ubehamba nomyeni wakhe, uNqubeko Mbatha ecotha ngokungaqhelekanga enxibe izliphazi. Umam' uDeborah ubenxibe ndilisekileyo, ehombile njengesiqhelo, ubesengulaa mntu unobubele simaziyo noxa ebeleqile.
Yintoni eyenze ukuba ezi mvumikazi zegospile zodumo zize kubonanana nathi nokuba kumnyama entla? Kaloku
u-Agasti yiNyanga yamaNina kwaye zizimisele ukwenza umbulelo kumabhinqa asebomini bazo, amabhinqa eli nemiceli-mngeni ebenze bakwiindawo abakuzo ngoku.
La ngamabali azo...
IBALI LEKHAVA
Amanenekazi amathathu athandwayo kweli naziimvumi zomculo wokholo athetha ngemiceli-mngeni adibene nayo nokuba enza njani ukubonakalisa umbulelo kumabhinqa ayinkuthazo kuwo
UNTOKOZO MBAMBO
"Ndinebhongo ngokuba leli bhinqa ndililo"
ABANTU abaninzi bathi uNtokozo Mbambo oneminyaka engama-24 uyilento amel' ukuba yiyo amabhinqa ase-Afrika. Uyahlonipha, unesimilo nesidima.
Utshate nomlawuli-mculo, umdlali-khibhodi nemvumi yeJoyous Celebration, uNqubeko Mbatha, kwaye uWinnie Mashaba uthe uNksk. Mbatha "mncinane kodwa unesidima, indlela athetha ngayo, uyazithanda kwaye uyabuhlonipha ububhinqa."
UWinnie uphinde wathi uyayithanda italente kaNtokozo kuba xa eseqongeni wenza okungaphezulu kunokonwabisa abantu: "Xa ecula unga uyashumayela. Unesiphiwo sokubuyisela abantu kuThixo."
UNtokozo uhleke kancinane eneentloni.
"Ndimangalisiwe yindlela uWinnie andibona ngayo, ingakumbi umculo wam. Wahluke kakhulu kowakhe bendingatsho nokuba uyawazi."
Uyavuma ukuba ngenene uyazithanda kwaye uyazihlonipha, uthi: "Umntu endinguye zizinto endizenzayo nendaziwa ngazo."
Naye uthi ngunina, uNonhle Mbambo unobangela: "Undifundise ukuthandaza nokuba libhinqa elilungileyo."
Unina ukwangumphathi wakhe kwezomculo kwaye kuba abazali bakhe babecula kwiqela elinye neprodyusa ekwayimvumi uMthunzi Namba, uNtokozo wafumana ithuba lokucula kushicilelo lwengoma kaNamba eseneminyaka eli-13.
Wayesoyika ezimisele ukujika kodwa unina wathi: "Mntwana wam lubizo lwakho olu. Yekela kuThixo."
Ukusukela ngoko uNtokozo akaphindanga wabuya umva.
Wayeneminyaka eli-16 ukuqala kwakhe ukucula kwiJoyous Celebration 6. Isakhono sakhe somculo saya phambili ngakumbi kwakuphuma icwecwe alicula yedwa elithi Bambelela ngo-2002, kodwa icwecwe lakhre lesibini elithi Keep On Believing laphuma
ngo-2007.
"Elo thuba lokulinda yayilelona linzima kum. "Kwakulixesha elide ngoko kwakulithuba lokuba ndizifune ukuba ndingubani ndizibuze ukuba uThixo ulindele ntoni na kum," utsho.
Ubomi bakhe babucala buhle. Watshata umntu amthandayo uNqubeko Mbatha ngo-Aprili wonyaka ophelileyo kwaye uthi eso yaba sesinye sezigqibo ezihle kwewakhe wazenza.
"Ndiyakonwabela ngenene ukutshata naye. Sifanelene kwaye uyindoda enomoya ophantsi."
Abakabi nabantwana okwangoku kuba basajonge kakhulu imisebenzi yabo, kodwa uthi uzimisele ukuba ngumama.
Ukuba ufumana intombi uza kuyifundisa "ukuzithanda, ingavumeli abantu badlale ngayo yaye ingazijongeli phantsi."
Ingaba yena uke wazijongela phantsi ngenxa yesiqu sakhe?
"Bendinamaxesha okungasithandi isiqu sam, ingakumbi ke kuba kuthiwa abantu abahle ngabantu abaneziqu ezincinane. UThixo undinceda yonke imihla ndizixelele ukuba ndimhle. Ndiyazi kufuneka ndehlise isiqu sam ukuze ndibesempilweni,
kodwa kufuneka ndizithande.
"Ndafundiswa ukuyimela into endikholelwa kuyo. Loo nto ndiyenza emculweni wam kuba ndizimele mna noThixo wam kuba ndakhuliswa kanjalo, andifundiswanga ukwanelisa abanye abantu!"
UWINNIE MASHABA
"Ndinje namhlanje ngenxa kamama!"
U NABALANDELI abaninzi kuMzantsi Afrika uphela nakumazwe asebumelwaneni, kodwa ukuba ibingengonina ngesaphoswa yitalente kaWinnie.
Ngelixa oomama abaninzi babekhuthaza abantwana babo ukuba babe ziititshala nabongikazi, unina kaWinnie, u-Eicah Mashaba yena wamnika ithuba lokuba yindumasi.
"Utat' omkhulu, uJudas Mashaba, waba ngumntu wokuqala ukubona italente yam kwaye wayesoloko esithi "lo mntwana uya kude njengoBrenda Fassie", kodwa umama nguye owenze ukuba kwenzeke," utsho uWinnie
"Ndamxelela ukuba ngeny' imini ndifuna ukucula eqongeni, endaweni yokundishumayeza ngesikolo wakhangela umntu oza kundincenda ndiphumeze iphupha lam."
Unina kaWinnie wafuna inombolo kaSolly Moholo oyimvumi yegospile wamxelela ngentombi yakhe.
UWinnie wayengazi ukuba unina wenze loo nto, de ngeny' imini uSolly wafowuna esithi uza kube eseGaPhasha eSteelpoort eLimpopo, apho uWinnie nonina babehlala khona.
"Wayesiya kucula endaweni ethile, kodwa waya ekhaya wacela ukuba ndimculele. Njengomabizw' asabel' emculweni, wathi akutsho, ndatsho kuqala."
Emva kokungena kwinkampani kaSolly Moholo, uWinnie washicilela icwecwe lakhe elithi Exoda 20, elaphuma ngo-2000. Lathengisa iikopi ezingaphaya kwama-30 000 lafika kwinqanaba legolide.
Icwecwe lakhe lika-2006 elithi Thola Ngoaneso lathengisa iikopi ezingaphaya kwe-150 000. Wachongelwa imbasa yeKora ngo-2005 neyeSAMA ngo-2007, kanti kulo nyaka uchongelwe eyeBest African Traditional Gospel.
Ngokufutshane singathi, uWinnie oneminyaka engama-28 uyenye yeemvumikazi zegospile ezithandwayo kule mihla - kodwa akafuni kuluthabatha lonke udumo.
"Umama uselelona bhinqa libalulekileyo ebomini bam. Wayengqongqo, kodwa wandiqeqesha. Wayengumphathi womzi wabangcwabi nenkokeli yengingqi ye-ANC Women's League. Wasifundisa ukomelela nokuba sikwazi esikufunayo ebomini. Ndilibhinqa elibhetele ngenxa yakhe," utshilo.
Amanye amabhinqa amkhuthazayo yimvumikazi uYvonne Chaka Chaka, uMam' u-Ebony (otshate nemvumi yomculo wesintu, uHash' Elimhlophe) noMphathiswa wezangaPhandle, uMaite Nkoana-Mashabane.
"Ndiyabathanda kuba bangabantu abangqongqo. Bayabahlonipha nabayeni neentsapho zabo, bayandinceda ukuze nam ndibelibhinqa elililo kwaye bandenza ndizingce ngokuba libhinqa leli," utsho uWinnie.
UWinnie utshate ngo-2007, kusapho lwakhe kukho unyana womyeni oneminyaka esi-8 udadewabo omncinci, oneminyaka eli-14, nomntakwabo one-11.
Akumkhathazi ukungabi nabantwana abangabakhe okwangoku.
"Ndizixelele ukuba yonke into inexesha layo. Ndingulo mntu ndinguye kuba ndingumama
kwaba bantwana. Zizicwangciso zikaThixo, andifuni kuzikhathaza."
Njengoko icwecwe
lakhe elithi Joang Kapa Joang, elikhutshwe ngoFebruwari walo nyaka, lisingise kwinqanaba leplatinum, enabalandeli abaninzi nosapho oluzinzileyo kuncinci okungamkhathaza.
UDEBORAH akafani nezinye iimvumikazi zegospile, yena ubukho bakhe buyavakala, uyakuthanda ukuqhula kwaye uyahomba. Ubomi bakhe bungajikwa lula bube ziziqendu ezinomdla zeGenerations!
Wafumana abantwana ababini ngaphandle komtshato, emva koko wanelishwa lokuqhawukelwa ngumtshato kabuhlungu, kodwa usathandwa ngabalandeli bakhe ngenxa yokuba akazenzisi.
Le ndumasi yegospile ithi ingumntu njengabanye abantu kwaye ukuba likholwa akukwenzi inzwana engenasiphako.
Iculo elithi Abafundisi Abarongo elikwicwecwe lakhe lakutshanje elithi Umsamariya uthi lithetha ngaloo nto.
"Andazi ukuba kutheni bebaninzi abantu abazibiza ngabefundisi, kodwa benza abantu bacinge ukuba bangcole kakhulu ukuba bangaya ezicaweni zabo. Abo bantu ngabona bafunwayo nguThixo. UYesu wafela izono zethu, emehlweni akhe siyafana sonke."
UDeborah Fraser uneminyaka engama-42 kwaye sele enento yonke: unetalente, abalandeli abamthandayo, amacwecwe athengwa kakuhle, iimbasa nomsebenzi weTV ozayo - kungekudala uza kuvela kumdlalo weli okuthiwa nguHola Mpintshi.
Eyona nto ikhuthazayo ngaye yimpumelelo yakhe emva kweentlungu zobomi adlule kuzo.
Ngo-1996 waphulukana nonyana wakhe wokuqala ebeleka. Uthi wayekuvuyele ukuba ngumama. "Emva kokuziphatha kakuhle ixesha elide, ndandicinga ukuba lixesha elilungileyo kodwa kwakungenjalo," utshilo xa ethetha ngentlungu yakhe.
Ethubeni wafumana uNkosana (9) no-Aaliyah (7), kodwa ubomi abululanga kuye.
Njengebhinqa elisebenzayo nelikwangumama, kufuneka afumane ixesha lokudlala ezo ndawo zombini.
"Ndikhumbula ukuba ndabeleka
u-Aaliyah ngonyaka omnye nokuphuma kwecwecwe lam. Ndandixakekile andibanga nalo ithuba lokukhulisa iintsana zam.
"Ndandingena ndiphuma ebomini babo, kodwa elo xesha lincinane ndandilifumana ndandilichitha nabo ndibafundisa kangangoko endinako."
Ngenceba kaThixo bakhula kakuhle kwaye uhlala nabo ngoku. Ukwahlala nonyana womtshana wakhe, uNoah, kwaye uyakuthanda ukuba ngumama - noxa ethe: "Ndibukhali kona."
Ngo-2007 uDeborah wayecinga ukuba ulufumene ulonwabo noyise wabantwana bakhe ukutshata kwakhe nomfundisi waseNigeria, uSockey Okeke. Kodwa kulo mtshato waxhatshazwa, waze ke wohlukana no-Okeke.
Ukholelwa ekubeni le nyanga yamanina lixesha elihle lokubalisa ngokwamehlelayo acebise namanye amabhinqa.
"Ndiyimvumi yomculo wokholo, abantu bayandazi kwaye bayandithanda, kodwa ndikwangumntu.
"Intlungu nakum iya ngqo entliziyweni njengabantu bonke."
Uthi umtshato wakhe, "ubelixesha elibuhlungu nelinzima."
Kodwa uthi, "endikuthandayo kukuba ndamcela uThixo ukuba andibambe ngesandla ndidlule kule ntlungu. Noxa kundithabathe ixesha elide, kodwa ndibuyile ngoku."
Ubunokulindela ukuba uDeborah uza kuhlala kulo mtshato kuba esoyika ukuphoxeka kubalandeli bakhe, okanye akugcine kuyimfihlo ukohlukana kwakhe nomyeni wakhe kuba esoyika ihlazo - kodwa ukhethe ukuyiveza phandle yonke into.
"Isizathu esenza ndithethe phandle ngomtshato wam kukuba ndiyazi ukuba kukho abantu abandithandayo ngoko nokuba ndenza okubi bacinga ukuba ndiyalungisa. Andiyifuni ke loo nto."
Ufuna amanye amabhinqa azi ukuba akafanelanga ahlale emakhayeni apho axhatshazwayo kuba esithi kuza kulunga!
"Xa umntu ekutsweba, uyamtsweba nawe
okanye uhlale phantsi ukhale.
"Andilulo ke mna usana, ngoko ndizilwele ngokuqhuba nobomi
bam ndiye kwindawo engenazo iintlungu."
Kwiculo elithi Bendisithi ndizo nyamezela uthetha ngethemba awayenalo ngomtshato wakhe, kodwa uthando lokwenene alukuziseli zintlungu.
Siyathemba amabhinqa eli aza kufumana
isibindi kweli bali leli nenekazi lomeleleyo.[x]
UDEBORAH FRASER
"Ndilwile!"
INDAWO OMEL' UYE KUYO
Ukubhiyozela inyanga yamanina ngendlela yase-Afrika, iBONA igqibe ekubeni ifotele ikhava yayo ka-Agasti kwivenkile yokutya, iMoyo eZoo Lake eRhawutini. Inobu-Afrika kuba isabambelele kwizithethe ezifana nokuhomba ngokuzoba ubuso, ukuhlamba izandla nokubalisa amabali, iMoyo ibonisa ngobuhle be-Afrika nesidima sayo esibonakala kwiimvumikazi zethu, uDeborah Fraser, uWinnie Mashaba noNtokozo Mbambo. Xa ufuna ukubekisa indawo, fowunela ku: 011-646-0058
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Shaun Smith
Iinwele nolungiso-buso: Vuyo
Umnxibisi: Thato-ya-Ona Lerefolo
Indawo: Moyo Restaurant,
Zoo Lake
UDeborah unxibe:
IGrecian dress epinki esuka kumazwe angaphandle, Pallu.
UWinnie unxibe:
Idyasi egreyi enomhombiso omnyama, Foschini.
Iskeyiti seleyisi esimnyama, Foschini.
Isikhafu esibomvu, Truworths.
UNtokozo unxibe:
Idyasi ebomvu, Donna Claire @ Foschini.
Iskeyiti esimnyama nebhanti elimhlophe, Donna Claire @ Foschini.
