xhosa.271.starsnov
BONA XHOSA November 2008
Uxakekile ebomini bakho, unexesha elincinci lokwenza izinto ofuna ukuzenza. Cwangcisa ngocoselelo ukuze ufumane ulonwabo nokwaneliseka ngeli thuba. Fumana okona kubalulekileyo kuwe uze uncamathele kuko!
Ungafumana ixesha lokonwaba ukuba uzibandakanya neprojekthi esele iqhuba. Kwamkele ukuba asinguwe oqhuba le nqwelo kodwa kukhona oza kukuzuza. Kubalulekile ukwazi ukubaluleka kokusebenzisana.
Zikhusele ngokwenza ngendlela oyaziyo ukuba yakhe yasebenza ngaphambili. Ungazuza lukhulu ukuba ungazimisela ekufezekiseni amaphupha anako ukwenzeka kwaye ungangxami, ungenzi izigqibo ungacingisisanga.
Ithamsanqa likujongile ngoko ungoyiki ukuza neembono ezintsha. Kodwa ke mazibe iingcinga neenjongo zakho zezokwenene, kwaye nokwenza kwakho kube kokuhloniphekileyo ukuze uqhubele phambili.
Ngoku uloyiko obunalo luphelile uziva unguwe kwakhona, kwaye uzimisele ukuzenzela amathuba okuziphuhlisa okanye ugqibe izinto zakho ubuzenza ebezisoloko zimile. Ungachith' ixesha!
IINKWENKWEZI
Kuhle ukuba ngamaxesh' athile ulibale ngemisebenzi yakho uphumle nabantu abanobubele. Yiba nobulumko utshintshe indawo yesiqhelo ukuze ungadibani nabantu abaza kukhathaza bakucingise okubi.
Uza kuba ngumgwebi ogqwesileyo, ulawule ngobuchule ubengumphathi onobulumko, konke oku kuza kwenza ubenempumelelo kumacala amaninzi obomi bakho kwiinyanga zilishumi elinesibini ezizayo.
Uza kwenza izinto ezibonakalayo emsebenzini wakho kwaye wonwabele nempilo entle.
Kuba ubacingela obathandayo ubomi bakho nosapho lwakho buzolile kwaye uza kufumanisa ukuba iingxaki ezininzi uyakwazi ukuzisombulula, oko kwenze uxolo ekhaya.
Ezothando zibonakala zihamba kakuhle kwaye wena neqabane lakho niza kuba nexesha elimnandi ukuba nje uba nenzondelelo, intliziyo ephayo kwaye uyonwabisa.
Lo ikwangunyaka oza kuphuhla ngawo ngokomoya ufumane ukwaneliseka ngokwasemoyeni.
UBENSON MHLONGO umdlali webhola
(November 9, 1980)
Eli lithuba eliza kukunika ikhefu likuvumele ucinge nzulu ngobomi bakho babucala. Mhlawumbi ziziqalela "zokuzalwa ngokutsha" nokuba namathuba amatsha neminqweno, ngoko cwangcisa kakuhle.
Noxa imeko yakho yemali ingantlanga, iingcinga zakho malunga nokuyilungisa zilungile. Kodwa kufuneka ubenesisombululo sexesha elide ngoko hlenga-hlengisa indlela ochitha ngayo imali ucwangcise kusekutsha.
Ngoku lixesha lokuzama ukufezekisa amaphupha akho! Iimpembelelo nenkuthazo oyifumanayo zisenokuba ziluphawo lotshintsho olubalulekileyo oluza nethamsanqa. Noxa kunjalo ke funda ukuzibamba ukuze uqhubele phambili.
Eli xesha liza nokuhle kwimicimbi yasekhaya naxa ufuna ukuthenga indlu. Uza kufumana izisulu kwaye ufumane intengo entle xa usukuma ngokukhawuleza. Ingxaki ziyasombululeka kwaye ihambeka lula indlela ebheka phambili.
Uza kudlamka ngamaxesha onke. Izicwangciso zothando zikufutshane ekufezekisweni kwaye izinto zasekuhlaleni nezemidlalo ziza nabahlobo abatsha nezinto ezininzi zokwenza. Wonwabe! [x]
