xhosa.2716.parenting
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
KUNOBUNGOZI ukujik' ibala leenwele... Uphunyelwa lizinyo qho xa ukhulelwe...Uphathwa sisitshisa... Kufanele sibazi ubunyaniso nobuxoki ngokukhulelwa...
"Ukujik' ibala leenwele kunobungozi.
YINYANISO! Uphando lubonisa ukuba ukusebenzis' izijiki-bala zeenwele ingakumbi kwiinyanga ezintathu zokuqala ukhulelwe kungaba ngunobangela wokubelek' usana oluneengxaki zempilo.
Le nto yenzeka xa isijiki-bala seenwele usifaka ngqo eluswini. Kaloku ulusu luyazigcina iikhemikhali ezikwisijiki-bala lizithumele egazini zize ngaloo ndlela zifikelele kusana lwakho.
Zijik' ibala iinwele zakho xa sele uneenyanga ezi-6 yaye usebenzise ivegetable dye yona engenazo iikhemikhali.
" Ukutya ukutya okutyheli noku-orenji xa ukhulelwe kwenz' usana luzalwe lunesifo senyongo
BUBUXOKI! Ibala elityheli lolusu losana alenziwa zizinto ozitya xa ukhulelwe.
Libala elisegazini eli. Lenziwa kukwahlukana kweeseli zegazi kodwa isibindi siyaliphelisa. Xa usakhulelwe sisibindi sakho esiliphelisayo kusana lwakho.
Xa sele luzelwe usana kuthath' ixesha ukuba isibindi siliphelise ngokukuko. Kungenzeka ubone ibala elityheli kulusu losana lwakho kusuku lwesibini luzelwe okanye kusuku lwesihlanu xa usana luzelwe ngaphambi kwexesha.
Isifo senyongo asinabungozi kodwa kufuneka ubonane nogqirha kuba ngamany' amaxesha siye sifune unyango olunzulu.
Amaxesha amaninzi esi sifo asilufuni unyango ngaphandle kokuqinisekisa ukuba uluncancisa qho usana lwakho ukuze lube namanzi oneleyo emzimbeni.
Isifo senyongo siphela kwiiveki ezimbini xa usana luzelwe ngexesha ukanti koluzelwe ngaphambi kwexesha siphela emva kweenyanga ezimbini. Esibhedlele bangalunyanga usana ngokulubeka endaweni enokukhanya kweultraviolet ejik' ibala elisegazini libe semchameni.
" Uphulukana nezinyo qho xa ukhulelwe
YINYANISO! Xa ukhulelwe kufuneka uwanonophele ngokukodwa amazinyo akho kuba iihomoni zenza iintsini zakho zingenwe lula zizifo zeentsini ezifana nokudumba kweentsini okungakhokelela ekuphumeni kwamazinyo.
Wahlangule amazinyo akho: yongeza icalcium ekutyeni kwakho ngeyogathi netshizi. Xubha uwacoce kabini amazinyo akho ngemini.
" Xa umntwana wakho eneenwele ezininzi uphathwa sisitshisa xa ukhulelwe
BUBUXOKI! Iingcali zonyango zithi isitshisa kukutshisa kommizo okubangelwa yi-asidi esuka esiswini inyuke ize emqaleni.
Xa ukhulelwe sikuphatha kakhulu isitshisa kuba usana luthath' indawo enkulu esiswini sakho yaye ihomoni yokukhulelwa iphumza umbhobho ophakathi kwesisu nommizo nto leyo yenza kube lula ukutyhaleka kwee-asidi ezisesiswini ziye kummizo.
Ukuphelis' isitshisa, theng' iGaviscon ekhemisti kuba lelona yeza lesitshisa elikhuselekileyo kumabhinqa akhulelweyo.
Musa ukutya kakhulu yaye ungalali xa ugqib' ukutya.
" Xa ukhulelwe ulusu lwakho luyaqaqamba
BUBUXOKI! Ukukhulelwa akuhambi ngendlela efanayo kuwo onke amabhinqa. Amanye aba namaqhakuva kodwa aphele ngokukhawuleza emva kokuba ubelekile. Kungenzeka uphume iminyama okanye ulusu lwakho lurhawuzele, kuxhomekeke ekubeni lunwebeka kangakanani na ulusu lwakho ukanti amanye amabhinqa awabi nazo iingxaki ezilolu hlobo xa ekhulelwe.
Lunonophele ulusu lwakho: sela kakhulu amanzi uze uluthambise isithambisi solusu sobuso nesomzimba.
Xa unolusu olomileyo ebusweni amadlala akhupha i-oyile egqithisileyo ethi ivale imingxuma uze ubenamaqhakuva noonontlokwana ezimnyama yaye xa ulusu olujikeleze isisu sakho lungathanjiswa luyoma kakhulu nto leyo ingunobangela wokuvela kweminyama nolusu olurhawuzelelayo.
BONA XHOSA - January 2007
Okoomama nootata....
Ukukhulelwa
Ubuxoki nenyaniso
Oomama abakhulelweyo basoloko bekhalaza ngeengcebiso nolwazi oluninzi abalufumanayo ngokukhulelwa nokubeleka. Kodwa ngaba lonke olu lwazi luyinyaniso"
NGXEE!
Kushicilelo lwethu lukaNovemba 2006 besibhale ngezidlo zeentsana saza sabalula ukutya kweentsana kwakwaWoolworths okutsha nokuphambili. Senze impazamo kwelo nqaku sathi oku kutya "kunezigcinakaliso."
Yimpazamo leyo. Ukutya kwakwaWoolworths AKUNAZIGCINAKALISO.
Kufumaneka kwiivenkile zakwaWoolworths, kunezinongo zeziqhamo nezenyama yaye kuziindidi ngeendidi neminyaka eyahlukeneyo.
BONA XHOSA - January 2007
nguNONHLANHLA KHUMALO
u
t
Ibalulekil'ikhreshi"
Kumnandi xa umntwana wakho ehlala noninakhulu noyisemkhulu xa abazali bephangele. Kodwa ngaba niyazi ukuba angazuza lukhulu xa esiya ekhreshi"
KUKUTYA imali enkulu ukufundisa umntwana kwikhreshi ephambili kodwa awuyikhaleli imali yakho. Ikhreshi imnceda ngezinto ezininzi umntwana...
1: Ukuqala kobuhlobo
Xa umntwana ehamba ekhreshi ungenwa lula zingulo ezifana nomkhuhlane nokhohlo-khohlo. Kodwa udibana nabany' abantwana abaphuma kumakhaya ohlukeneyo. Babaliselana amabali yaye bakhe nobuhlobo.
2: Isakhono sokufunda
Ngaphambi kokuba abantwana baqalise ukufunda kufuneka bayibone imeko yaseklasini kwangaphambili.
Umntwana oqale ekhreshi ngaphambi kokufunda esikolweni asimkhathazi kangako isikolo esakuqala ukufunda, usukube eqhelile ukulandel' imiyalelo katitshala yaye ekwazi nokunxibelelana nabany' abantwana.
3: Indlela yokuphila
Abantwana xa befunda ekhreshi bafunda nokunxibelelana. Batsho bakwazi nokuziphuhlisa bazazi ukuba bamelana njani neemeko zobomi besakubon' indlela abamelana ngazo neemeko abany' abantwana - ibaluleke kakhulu le!
Bafunda nokwabelana nabantu nokuvakalis' izimvo zabo.
4: Ukukhula emzimbeni
Uninzi lweekhreshi zineenkqubo zemidlalo ezilungiselelwe abantwana. Le midlalo ibanceda ukuphuhlisa ukusebenzisana kwamehlo nezandla nto leyo imncedayo umntwana akwazi ukwenz' izinto ezifana nokuboph' izihlangu.
5: Kumnandi!
Ekhreshi kukho izinto zokudlala ongenazo ekhaya. Bafunda bedlala abantwana ekhreshi yaye bayakuthanda ukudlala abantwana.
BONA XHOSA - January 2007
Okoomama nootata....
INTLOKO EBUHLUNGU iphatha nabani na. Ubusazi na ukuba ngumyinge we-60 phesenti wabantwana abane-16 leminyaka ubudala abaphathwa yintloko ebuhlungu" Intlungu eyenziwa yintloko iyafana ebantwini abadala nasebantwaneni. Yenziwa yintoni intloko ebuhlungu"
Uxinzelelo
Nabantwana babanalo uxinzelelo nangona unobangela ungafani nowolwabantu abadala. Ukutshintsha isikolo okanye indawo yokuhlala kwenza uxinzelelo olufanayo nolwenziwa kukusweleka kwesalamane.
Xa ungumzali kufuneka uthethe nabantwana bakho ngezinto ezibakhathazayo.
Imigrane
Nabantwana bayaphathwa yintloko ebuhlungu kakhulu (imigraine). Akaziwa unobangela wale ntloko kodwa iba buhlungu kancinci okanye ibe mandla kakhulu yaye iyaqatsela xa kukho ingxolo, ukukhanya okuqaqambileyo nevumba elibi.
Ingulo
Intloko ebuhlungu ingenziwa yingulo ethile. Ukudumba kwenwebu yobuchopho, usuleleko, iingxaki zamehlo neziny' iingulo ziyayenz' intloko ebuhlungu. Le ntloko ihambisana nesicaphu-caphu okanye isifuthu-futhu.
Umsa nini kugqirha"
Intloko ebuhlungu iyaqatsela maxa wambi ikuphathe kancinci. Maxa wambi ayibiyingxaki kodwa kuyenzeka ibe nobungozi. Mse kugqirha umntwana wakho xa ephathwa yintloko qho.
Ukutya nokuziphatha komntwana
INQUNUNU yesikolo samabanga aphantsi yagqiba ekubeni ikutshintshe ukutya okuthengiswa evenkileni yasesikolweni. Ukutya okufana netshokholethi, iitshipsi, iziselo ezihlwahlwazayo nako konk' ukutya okutyebisayo kwayekwa kwaza kwathengiswa iisandiwitshi namashwam-shwam anempilo. Kwabakho utshintsho kwindlela abaziphethe ngayo nasezifundweni. Babedlamkile yaye beyimilisela nyhani ingqondo.
Nawe ungayenza loo nto ekhaya. Qinisek' ukuba baphath' ukutya okunempilo xa besiy' esikolweni ukuze bangathengi into etyiwayo esikolweni.
Ungathetha nenqununu yesikolo ukuze nenze iinguqu ekutyeni kwabantwana esikolweni.
Ukutya kwabantwana osele kulungile kunezongezo, izijiki-bala, izongezi-ncasa nezigcinakaliso ezininzi kunako konke okuny' ukutya osele kulungile. Kaloku kwenzelwa ukuba ukutya kwabantwana kube nencasa kakhulu ukuze bakuthande. Kwakhona kufuneka kuhlale ezivenkileni iminyaka eliqela kungoko kunezigcinakaliso.Oku kutya kuba neswekile netyuwa eninzi abangakwazi ukumelana nayo abantwana abancinci.
Mama, ndiphethwe yintloko...
BONA XHOSA - January 2007
UNCUTHU!
J Iziqhamo ezifreshi nezomisiweyo zenza amashwam-shwam anempilo.
J Iivegetable sticks zilungel' ukutyiwa.
J Irice cakes nesonka zinesiqingatha samafutha, ityuwa nezongezo ezikwiitshipsi.
J Ilow fat yogurt ilungele amathambo ahlumayo kuba inecalcium.
J Ijusi yeziqhamo. Xuba ijusi namanzi kuba inefructose, iswekile efumaneka kwiziqhamo.[x]
t
BONA - September 2006
For moms
and dads....
BONA - September 2006
