xhosa.2710.licence
Iingxaki Zomthetho
Ndiphethwe kabuhlungu
INGXAKI: 'Ndisebenzele ibhanki enkulu iminyaka engaphaya kwengama-20 kwicandelo lentengiso njengekontrakta ezimeleyo.
Umsebenzi wam wawunkqenkqeza phambili. Kungekudala zajik' izinto.
Ngethuba kusenziwa uvavanyo lomsebenzi wonyaka ndavavanywa ngumntu ongazi kwanto ngeenkqubo zekhompyutha ezisetyenzi-swayo wabe engazi kwanto nangomsebenzi wam.
Emva koko ibhanki ayizange indinike umsebenzi nto leyo yakhokelela ekuhleni komvuzo wam kuba ndandiwufumana ngokweeyure endizisebenzileyo.
Ndaxelelwa ukuba uvavanyo lomsebenzi wam alonelisi kwaye lo gama umsebenzi wam wokuyila wawamkelekile ngoko "ndandisenzelelelwa."
Andizange ndinikwe nkcazelo ngale nto yaye azange ndiqeqeshwe, ndicetyiswe okanye ndincedwe nganto. Ndayekwa nje kanjalo.
Saphelelwa isivumelwano sam nebhanki ndaza ndaxelelwa ukuba siza kuvuselelwa ngeenyanga ezintathu ize emva koko ndiyek' ukusebenza.
Baqhubeka nokundivimba umsebenzi.
Bandichwethela bucala okwento emdaka. Ngaba ikho into endingayenza kule meko"
ICEBISO LABAKWASCORPION:
I-Labour Court neCCMA zicelwa rhoqo ukuba zivavanye izivumelwano ezilawula ubudlelwane phakathi komqeshi nekontraka ezimeleyo yaye amaxesha amaninzi kufumaniseka ukuba abaqeshwa bavinjwa ukhuseleko abalunikwa yiLabour Relations Act okanye iBasic Conditions Of Employment Act.
Xa iNkundla ivavanya ityala ngalinye iye isebenzise "uvavanyo olunzulu lweempawu" ukuze ifumanise ukuba umntu lowo uyikontraka ezimeleyo na okanye ungumqeshwa wenkampani noxa nje sikho "isivumelwano."
Siyaqonda ukuba kweli lakho ityala uvavanyo luza kubonisa ukuba wena ubuqeshiwe yibhanki ngoko unelungelo lokufuman' ukhuseleko lweLabour Relations Act neBasic Conditions Of Employment Act.
Amathemba okuba ibhanki ingavuma ambalwa kakhulu yaye sikucebisa ukuba ufune igqwetha eliza kukumela.
Xa uhlangabezana nobunzima bokufuman' igqwetha yiya kwi-ofisi yakwaScorpion Legal Protection ekufuphi nawe apho uza kufuman' uncedo ukuze ufumane
igqwetha. [x]
BONA XHOSA - January 2007
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Ide yafunyanwa indlela yokohlwaya abaqhubi abenza amatyala afanayo nabayingozi ezindleleni zethu
KWIPHULO lokugutyula abaqhubi abayingozi ezindleleni zethu, kuza kuvavanywa inkqubo entsha yokohlwaya abaqhubi eTshwane kule nyanga. Xa ibe yimpumelelo singayibona isetyenziswa kuMzantsi Afrika uphela ngo-2008.
Le nkqubo intsha yokohlwaya abaqhubi isekelwe kwinkqubo esetyenziswa ngempumelelo eAustralia naseUnited Kingdom kwaye iguqulwe phaya naphaya ukuze ilungele iimeko zeli.
Ngokutsho kukaCollen Msibi osisithethi seSebe lezoThutho, umqhubi ngamnye uza kunikwa amanqaku ali-13 qho xa kuqal' unyaka. Xa engakhange ophule mthetho wendlela kuloo nyaka, kunyaka olandelayo uya kongezwa ngamanye amanqaku ali-13, kunye nenqaku lebhonasi ukuze abe namanqaku angama-27.
Abaqhubi abaqhuba kakuhle bangazifumanela amanye amanqaku ebhonasi. Kodwa xa bebanjwa besophula imithetho yendlela baxhuzulelwa amanqaku.
Phofu ke ungaziqhathi ucinge ukuba ungaqokelela amanqaku iminyaka emihlanu ukuze akuncede xa ubanjwe wenze ityala elikhulu njengokuqhuba unxilile.
Kule nkqubo uza kulahlekelwa ngamanqaku uphinde uhlawule isohlwayo setyala olenzileyo.
UMsibi uthi xa wenze ityala elikhulu endleleni, umthetho useza kuyithabatha indawo yawo.
Okwangoku iSebe lezoThutho alikawabaluli amatyala aza kwenza abaqhubi baxhuzulelwe amanqaku.
"Sisemanxada-nxada sizama ukubhala incwadi enoluhlu lwaloo matyala, kwaye luza kuqala uvavanyo ekhona," utsho uMsibi.
IWheels 24 icebisa ukuba umqhubi obanjwe eqhuba imoto engekho ndleleni uya kulahlekelwa ngamanqaku amabini atyabulwe ne-R500.
Xa unga-yiphathanga ilayisensi, uya kuxhuzulelwa amanqaku amabini uhlawuliswe ne-R500.
Xa ubanjwa ungayifakanga ibhanti yokhuseleko, uya kuxhuzulelwa inqaku uhlawuliswe ne-R250.
Phofu ke uMsibi uthe le yimizekelo nje - isebe lakhe lisazama ukuyenza imali yentlawulo ifane elizweni lonke.
Ukwathe isebe lakhe lizama ukubekela imithetho ishishini lokufundisa ukuqhuba imoto kwaye kungekudala baza kuba noluhlu lwezikolo zokuqhuba nolwabahlohli bezo zikolo.
"Oko kuza kusinceda sibambe izikolo nabahlohli babaqhubi abangekho mthethweni. Sikwaceba nokuba siqeqeshe ngokutsha, siphinde sivavanye abaqhubi abenze amatyala amakhulu nabaphinda-phinda amatyala amanye," utshilo.
Le ndlela yokuxhuzulwa kwamanqaku iza kusebenza kumaphondo onke. Oko kuza kwenza amapolisa endlela akwazi ukubona irekhodi yomqhubi iyonke, ukanti abaneelayisensi ezingekho mthethweni baza kubanjwa. [x]
kubhale uTEDDY GOMBA
kufote uJUDAS HLONGWANE
Kunyembelekile kubaqhubi abangenankathalo!
Ukusebenza kwenkqubo entsha yokohlwaya abaqhubi
EKUNENE: Kuyathenjwa ukuba inkqubo yokuxhuzula amanqaku kubaqhubi iza kubenza bathobele umthetho wendlela.
NGEZANTSI EKUNENE: UCollen Msibi osisithethi seSebe lezoThutho lelizwe.
BONA XHOSA - January 2007
