XHOSA.2709.sisarah (2)
Umtshato wasekhusini
Ndinama-42 eminyaka yaye ndithandana nendoda enama-57 eminyaka yaye sobabini saqhawul' umtshato. Le ndoda inabantwana aba-6. Ndisandul' ukuva ukuba itshatile yaye benomfazi wayo banabantwana ababini.
Yandifihlela ukuba itshatile. Isebenza kude nekhaya yaye ndiyayityelela kanye okanye kabini ngeveki. Iyandonwabela ngosuku lokuqala kodwa ngoku isuke yayeka ukundiphatha njengesithandwa sayo.
Asisabelani ngesondo nkqu nokuba sihleli iiveki ezimbini okanye ezintathu. Xa ingekho (ndiyarhana xa ikunye nomfazi wayo) iyayitshintsha iselfowuni. Xa ndiyibona iyaxolisa. Ndicel' uncedo!
nguKS, eKriel
lLe ndoda ikuqhathile, itshatile - yaye uyabon' ukuba ayisakuthandi njengakuqala. Ikwazile ukuniqhitsa nobabini ixesha elide yaye wena uva ubuhlungu ngoku.
Yiphelise ngoku le mbuqe yayo! Kutheni uvumel' ukuqhitswa" Ufanelwe zizinto ezibhetele kunezi uzifumanayo. Khauzibuze lo mbuzo... ungayithemba kwakhona le ndoda"
Ungayitshata ekubeni uyazi ukuba injani" Andiqondi ukuba ungayenza loo nto.
Indoda enobukhwele
Ndinama-23 eminyaka umyeni wam unama-30. Sisoloko sixabana kuba akafuni ndizilungise ndibe mhle yaye unobukhwele. Xa ndizam' ukubonisana naye ngalo mba uvele andibethe akafuni kundiphulaphula.
Ndicing' ukumshiya kodwa andiphangeli nguye osondlayo nabantwana. Usoloko ecinga ngokulala nam lonk' ixesha.
Ndicing' ukugoduka koko ndoyik' abantu. Andifuni nokuphulukana nale ndlu andithengele yona. Ndithini"
nguSP, eMlazi
lIqabane elinobukhwele liyalubulala uthando. Ubukhwele luphawu lokuba buthathaka kulowo unabo - kucacile ukuba akazithembi. Xa ezam' ukulwa nokungazithembi kwakhe ke umntu "wongamela" iqabane lakhe... le nto yenzeka kuwe kanye ke leyo.
Xa ugqiba ekubeni umshiye khumbula ukuba luxanduva lwakhe ukondla abantwana. Akanakulubaleka olu xanduva. Ngaphambi kokwenza nasiphi na isigqibo kufuneka ufuman' iingcebiso zomthetho malunga nendlu le khon' ukuze wazi ukuba yintoni oza kuyifumana xa umshiya.
Usakhathalele into ethethwa ngabantu ngawe" Nguwe ophil' ubomi obubuhlungu, nguwe oluvayo ulwamvila lokuxhatshazwa yile ndoda. Uselula yaye kufuneka uyazi ukuba ingaba na bubomi ofun' ukubuphila obu - okanye ungakwazi ukuphila ngaphandle kwale ndoda"
Asoze ndithi yenza ntoni kanye kanye kodwa ndingakucebisa ukuba ucingisise ngento oyifunayo ebomini.
Andimlibali
Ndinama-39 eminyaka yaye ndineminyaka elithoba ndohlukana notata womntwana wam. Andimlibali tu yaye naye usandithanda. Sitsalelan' umnxeba qho yaye siyavana kodwa into esixabanisayo kuxa ndifun' imali yomntwana okanye xa esithi mandimtyelele.
Ingxaki yam ndisathanda indoda endandincuma nayo saza sohlukana kuba ithandana neny' intombi. Ngoku ifuna sibuyelane. Ndithini"
nguNMM, KwaMashu
lXa ungayilibali le ndoda owahlukana nayo kwiminyaka elithoba edlulileyo, uyithanda nayo ikuthanda, kufanele nibuyelane.
Wayishiya kuba ithandana neny' intombi yaye ngoku kungenzeka ukuba ayisokuze iphinde esezolo. Awunamdla wamany' amadoda ngoko nichitha nje ixesha nale ndoda ngokungabuyelani.
Ndiyathemba ukuba ziza kunihambela kakuhle izinto aze umntwana wenu onwabele ukuhlala nabazali bobabini.
Yaphule isithembiso
Ndinama-30 eminyaka yaye nditsal' isigwebo seminyaka engama-20 entolongweni. Sele nditsale iminyaka esibhozo. Ndinentombi engumama womntwana wam, ndiyabathanda gqitha bobabini. Le ntombi yandithembisa ukuba iza kundilinda kuba indithanda.
Xa ndiyibhalela ayiphenduli. Ndagqibel' ukubabona ngo-2001. Ndisoloko ndicinga ngabo yaye ndivukwa bubukhwele xa ndicinga ukuba ngaba yenza ntoni le ntombi.
nguMJC, eBloemfontein
lAmabanjwa amaninzi ajongene nale ngxaki ikumila kunje yaye inyaniso ekrakra yeyokuba ambalwa amabhinqa azigcinayo izithembiso azenzileyo.
Uninzi lwawo luyabon' ukuba ubomi buyaqhubeka yaye ukulind' iminyaka engama-20 yonke lixesha elide kakhulu elo.
Ndiyazi ukuba ikuvis' ubuhlungu le nto yenziwa yile ntombi kodwa ndikucebisa ukuba uqhubeke nokuyibhalela uyixelele ukuba mayitsho xa ingasakufuni.
Mhlawumbi ingakuphendula ikuxelele ukuba kwenzeka ntoni na yaye nokuba ikuxelela into ebuhlungu zama ukuyamkela iza kudlula ekuhambeni kwexesha uqhubeke nobomi bakho.
Umhlobo oyingxaki
Ndinama-27, indoda endithandana nayo inama-25 eminyaka. Ndiyayithanda yaye nayo iyandithanda. Omnye wabahlobo bayo usoloko eyixelela ukuba ndimdala ngoko mayifune intombi encinci kunayo. Wayizamel' intombi ene-18 leminyaka. Ndiyoyika ngathi iza kuyek' ukundithanda le ndoda ngenxa yalo mhlobo wayo. Ndiyohlukanise nalo mhlobo wayo bethu" Ndenz' impazamo bethu ngokuthandana nale ndoda"
nguNH, eMadadeni
lAndazi ukuba lingakanani ixesha nithandana kodwa ndibona ngathi le ndoda ayiyihoyi le nto ithethwa ngumhlobo wayo. Ukhe wacinga ukuba kungenzeka ithi kanti umhlobo lo uyakuthanda"
Thetha nesithandwa sakho ngalo mba weminyaka enishiyana ngayo. Andiboni ngxaki xa umdala kule ndoda yaye kungenzeka ukuba nayo ayinangxaki naloo nto. Yixelele ukuba ezi zinto zithethwa ngumhlobo wayo nokuyifunela kwakhe intombi kuyakukhathaza.
Lumka! Xa le ndoda isithi ayinangxaki ngokuba mdala kwakho kuyo, yamkele loo nto yaye ungazami ukuyohlukanisa nomhlobo wayo. Xa ungenza loo nto ungaphulukana nale ndoda.
Andimthandi umyeni wam
Ndinama-27, umyeni wam uneminyaka engama-30. Ngaphambi kokuba sitshate ndandithandana neny' indoda saza sohlukana kuba ingenalo ixesha lam. Ndohlukana nayo ndisayithanda le ndoda. Andimthandi tu umyeni wam yaye andikwazi nokuzenzisa xa ndihleli naye. Xa ndihleli ndodwa ndiye nditsalele le ndoda ndandithandana nayo umnxeba sincokole kube mnandi.
nguNM
lUbhidekile yaye uzifake wena kule ngxaki. Ngaphambi kokuba utshate wohlukana nendoda owawuthandana nayo ngesizathu esiphathekayo. Ngoku sel' utshatile kodwa usaqhubeka nokufowunela laa ndoda wohlukana nayo! Watshatela ntoni nendoda ongayithandiyo"
Xa ushiy' umyeni wakho ubuyela kule ndoda iza kuphinda ingabi naxesha lakho.
Ungabona ngathi kuza kuba mnandi xa ubuyela kule ndoda kanti uyaphazama. Watshata kuba ucinga ukuba uza konwaba yaye ngoku ucinga ukuba laa ndoda iza kukonwabisa. Fumana ukolulekwa ngaphambi kokwenz' isigqibo. [x]
Buza uSis Sarah
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - September 2006
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
