xhosa.2699.letterjan
Andizisoli
NDANDONWABILE kwiminyaka emibini sithandana nesithandwa sam. Ndakhulelwa yaza indoda yavel' into eyiyo.
Kwathi ngokuhamba kweminyaka ndafumanisa ukuba ndandihleli nayo kuba ndiyoyika, ndandingayithandi.
Ndafumanisa ukuba le minyaka mithandathu ndiyihleliyo nomntu ondiphethe gadalala ndonakalis' ikamva lonyana wam kuba ndandibethwa phambi kwakhe.
Ndabon' ukuba kwanele ndaza ndazincama ndayishiya.
Yayingalindelanga ukuba ndingayishiya kuba ndandingaphangeli ngoko icinga ukuba andizukwazi ukukhulis' umntwana ngemali yesibonelelo sikarhulumente.
Yayicinga ukuba ndibophelelekile kuyo.
Ndayibonis' ukuba ndingazimela. Ndathath' i-R50 kulo-R180 yegranti ndathenga iitshipsi neeswiti ndathengisa.
Lakhula ishishini lam yaye ngoku ndiyakwazi ukuzondla nonyana wam.
Ndiyakonwabela ukuba ngumama ongatshatanga. Ndichith' ixesha elininzi naye sisenz' izinto esizithandayo. Ndonwabela nokumbona efunda ukubhala nokufunda ndize ndimncede.
Sonwabile kuba akusekho dushe lusiphazamisayo ngoku.
Ungavumeli indoda ikulawule. Ungaziyekeleli. Yomelela uzithembe.
Ungazisoli ngokwahlukana nomntu okuphethe gadalala.
nguBG, eStilfontein
Le vawutsha ikunika
i-airtime ye-R75 qho
kwiintsuku ezingama-30
unyaka omnye. Kwakhona uhlawula iindleko zekontrakthi noxa ukwiprepaid, nto leyo ithetha ukuba uthetha ngokuthe kratya ngemali yakho.
Ophumelele iBig Bonus
Bhalela kwiBONA uzuze iBig Bonus Voucher yakwaVodacom eyi-R899
Iileta Zenu
BONA XHOSA - January 2007
Phepha isihogo!
Intolongo ifana nesihogo.
Kukangaphi uyiva loo nto"
Ndibongoza ulutsha lwakuthi ukuba luncede lusiphephe isihogo sasemhlabeni ngokuzikhwebula kulwaphulo-mthetho. Hlukanani neziyobisi namaqela emigulukudu.
Xa ufun' iimpahla ezintle musa ukuba, wonakalise ubomi bakho.
Xa uphazamisa amalungelo abany' abantu ungena entolongweni uze ungabi namalungelo.
Musani ukwaphula umthetho.
nguZokwana Papikie, eKoringpunt
Akukho ngxaki...
Akuthethi nto ukuba iminyaka kaMoloko Temo ekwisazisi ithini (BONA, Septemba) - mdala qha nokuba ubani uthini na. Ndikonwabele ukufunda ibali lakhe.
Qhubekani nokusibhalela amabali amnandi!
nguAD, eSoweto
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Uthini wena"
Asibafuni abangaphandle kweli...
INTETHA ithi "Iqhayiya lokuba ngummi waseMzantsi Afrika," ayithi "Iqhayiya lokuba ngummi waseBrazil." UMnu. Parreira wazuz' iNdebe yeHlabathi neBrazil - ngubani othe angayizuza noMzantsi Afrika"
Kutheni singabathembi abaqeqeshi bethu"
Umvuzo wona lo ongaka"
Khawucinge nje ngezisu engazondla loo mali! Kodwa siyihlawul' umntu wangaphandle!
Andikakholwa nangoku - umvuzo we-R1,8-million awumfanelanga umqeqeshi webhol' ekhatywayo ingakumbi kuba asikho isiqinisekiso eza naso!
nguMokopa Mokobodi, ePietersburg
lSiyabadela abaqeqeshi bethu" Sinaye umqeqeshi okumgangatho weNdebe yeHlabathi kweli" Kufanele simbukule umntu ngobuzwe" Ayibobuhlanga obo" Uthini ngomvuzo wakhe, umfanele" Sibhalele usixelele izimvo zakho...
BONA XHOSA - January 2007
Izenzo zibaluleke kakhulu kunokuthetha
Awukwazi ukuzakhel' igama elihle kuba uneenjongo ezintle kuphela. Kufuneka ube nento oyenzayo.
Kaloku uloyiko lupheliswa zizenzo. Ukwenza into kuphelisa imvakalelo yokuziva ungento.
Yonk' into itshintsha emva kokuba kwenziwe into okanye kwenziwe intshukumo!
Abantu abangenzi nto abasayi kuphumelela. Ningayilibali loo nto!
nguLebogang Mfudi, KwaXuma
Ngaba yinyaniso le"
Abantu bathi imisebenzi inqongophele, banyanisile bethu"
Andiboni njalo. Ndicinga ukuba abantu bangamavila yaye bayaneliseka kukuhlala bangenzi nto bacinge ukuba imisebenzi iza kufuna bona.
Ndiyanisizela!
Amaxesha wona anzima. Abantu abaninzi bayaziphilisa. Kufuneka nje ube nombono yaye ukhuthale.
Maninzi amathuba kwihlabathi liphela - wasebenziseni.
nguGD, Osizweni
Iileta Zenu
Ukuziphatha kakubi
Iyandikhathaz' into yabafundi abathandana nootitshala babo.
La madoda makayeke ukusebenzisa gwenxa igunya lawo. Aqeshelwe ukufundisa hayi ukuthandana neentombi zethu.
Makangenelele urhulumente awuphelise lo mkhwa mbi kangaka.
Ulutsha malukhuthazwe ukuyixel' imikhwa enje xa isenzeka.
nguZP, eLimpopo
Abantwana bethu
Abantwana bethu bakhula ngobungxamo emzimbeni ukanti nasengqondweni kukwanjalo xa ubathelekisa nabakudala.
Bakhula kwixesha elizele ziziyobisi nezifo ezinikezela ngesondo ezibulalayo.
Noxa nje bevuthiwe engqondweni kodwa bayathabatheka yaye ezi zinto zinobungozi kakhulu ebomini babo.
Abazali mababajonge ngeliso lokhozi abantwana babo babazi ukuba benza ntoni na maxa onke.
Thethani nabo, yiphenduleni ngengqiqo nangokunyaniseka imibuzo yabo nkqu nokuba ayinonwabisi ncam.
nguRhulani Wa Ka Chauke, eMalamulele [x]
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
